YouVersion Logo
Search Icon

EYONQULO 8

8
Ukumiselwa kuka-Aron noonyana bakhe
(Mfud 29:1-37)
1*UNdikhoyo wathi kuMosis: 2-3“Yiya noAron kunye noonyana bakhe ekungeneni *kwesibingelelo, uphathe nezivatho zababingeleli, kunye namafutha okuthambisa, nenkunzi yenkomo yedini lokungxengxezela izono, iinkunzi ezimbini zeegusha, kunye nebhaskiti enezonka ezingenagwele. Uze ke ubize umzi wakwaSirayeli uphela.”
4UMosis wenza njengoko wayeyalelwe nguNdikhoyo, waza wenjenje ukuthetha ebhekisa kwelo bandla elalithe nqwadalala ekungeneni kwesibingelelo: 5“Le nto ndiza kuyenza ngoku yinto endiyithunywe nguNdikhoyo.”
6UMosis wathi uAron noonyana bakhe mabasondele, waza wabahlamba ngamanzi. 7Unxibe uAron ihempe, wamthi wambu ngomnweba, wamfaka umxwayo, waza wamfaka *isidanga, wasiqhobosha esinqeni ngebhanti esontwe ngobunono. 8Kweso sidanga sisesifubeni wafaka *iiurim neethumim. 9Umthwalise iqhiya entloko, waza kuyo waqhoboshela isihombiso esenziwe ngegolide, esiluphawu lokwahlulelwa uNdikhoyo. Wenza kanye njengoko wayeyalelwe nguNdikhoyo uMosis.
10UMosis uthathe amafutha, wathambisa isibingelelo nazo zonke izinto ezingaphakathi kwaso, waza ngokwenjenjalo wazahlulela uThixo. 11Ufefe iqonga kasixhenxe ngamafutha aseleyo, kunye nempahla yalo yonke, nesitya sokuhlambela, kwanamazantsi aso, zonke ezo zinto ezahlulela uThixo. 12Waza wammisela uAron, emahlulela uNdikhoyo, ngokumgalela inxenye yamafutha entloko. 13Emva koko uMosis uthathe oonyana baka-Aron, wabanxiba iihempe, wabafaka imixwayo, wabathwesa iminqwazi, njengoko wayeyalelwe nguNdikhoyo.
14UMosis usondeze inkunzi yedini lokucamagushela, waza uAron noonyana bakhe bayibeka izandla entloko. 15Uyihlabile uMosis, waza wathi nkxu umnwe wakhe egazini layo, walityikila kwiimpondo zone zeekona zeqonga, waba ulahlulela uNdikhoyo ngokwenjenjalo. Eliseleyo ke igazi uliphalaze emazantsi eqonga. Waba ke ngoko uyalihlambulula iqonga. 16Wawathatha onke amanqatha ezibilini uMosis, kunye nomhlehlo, kwakunye nezintso namanqatha azo, wawatshisa apho eqongeni lamadini. 17Uyithathe yonke loo nyama yaloo nkomo ndawonye nesikhumba namathumbu waya kuzitshisa ngaphandle kwelali njengokutsho kukaNdikhoyo.
18Emva koko uMosis usondeze inkunzi yegusha yedini elitshiswayo, baza uAron noonyana bakhe bayibeka izandla entloko. 19Uyinqumle uMosis, waza igazi waliphosa kumacala onke eqonga. 20-21Wayihlahla loo gusha, waza wahlamba izibilini nemilenze. Intloko yona, kunye namanqatha, kunye nayo yonke loo nyama, wazitshisa apho eqongeni, kanye njengoko kwatsho uNdikhoyo. Eli lidini elitshiswayo, idini elenzelwa uNdikhoyo ngomlilo. Ivumba lalo liyolile kuNdikhoyo.
22Uze neyesibini inkunzi yegusha uMosis; le yona yayiyeyedini lokumiselwa kwababingeleli, waza uAron noonyana bakhe bayibeka izandla entloko. 23Wayinqumla uMosis, waza wathatha intwana yegazi, watyikila ngalo indlebe yokunene ka-Aron, nosithupha wesandla sokunene, nobhontsi wonyawo lokunene. 24Ngoku uMosis usondeze oonyana baka-Aron, nabo wabadyobha igazi iindlebe zasekunene, oosithupha basekunene, noobhontsi beenyawo zasekunene. Waza eliseleyo igazi waliphalaza kumacala onke eqonga. 25UMosis uthathe amanqatha, nomsila, namanqatha ezibilini, umhlehlo, nezintso namanqatha azo, kunye nomlenze wasekunene. 26Emva koko uthathe isonka sasinye esingenagwele kulaa bhaskiti iphambi koNdikhoyo, wathatha nesonka esenziwe ngamafutha, neqebengwana lalinye, waza wazibeka ngaphezu kwamanqatha nomlenze. 27Uzithathe zonke, wazinika uAron noonyana bakhe, bona baziwanga-wangisa phambi koNdikhoyo zangumnikelo. 28Uphinde wazithatha kubo uMosis, wazitshisa apho eqongeni, ngaphezu kwelaa dini litshiswayo, zalidini lokumisela. Lo ngumnikelo owenziwa ngomlilo, ovumba lithandekayo kuNdikhoyo. 29UMosis uthathe incum wayiwanga-wangisa yangumnikelo kuNdikhoyo. Le yayiyinxaxheba kaMosis yedini lomiselo lwababingeleli. UMosis wenza kanye njengoko wayeyalelwe nguNdikhoyo.
30UMosis uthathe inxalenye yamafutha okuthambisa, nenxalenye yegazi elaliseqongeni, watshiza uAron noonyana bakhe kwankqu nezivatho zabo. Wenjenjalo ukubahlulela uNdikhoyo kwanezambatho zabo nazo.
31Uthe uMosis kuAron noonyana bakhe: “Le nyama yiseni ekungeneni kwesibingelelo, nize niyipheke apho, niyitye nesiya sonka sisebhaskitini yamadini okumisela ababingeleli, ngokomyalelo kaNdikhoyo. 32Ze niyitshise yonke inyama eseleyo nesonka esiseleyo. 33Ze ningemki apho ekungeneni kwesibingelelo kude kube ziintsuku ezisixhenxe, ude ube ke udlule umsitho wokumiselwa kwenu. 34UNdikhoyo usiyalele ukuba senze le nto siyenzileyo namhlanje kuni ukususa isono senu. 35Ze nihlale ke phaya ekungeneni kwesibingelelo ubusuku nemini, kude kube ziintsuku ezisixhenxe, nithobela umyalelo kaNdikhoyo. Niya kufa ukuba aniyenzi loo nto. Yinto ethethwe nguNdikhoyo leyo ke kum.”
36UAron noonyana bakhe ke bênza njengoko uNdikhoyo wayeyalele uMosis.

Currently Selected:

EYONQULO 8: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy