YouVersion Logo
Search Icon

EYONQULO 15

15
Ububovu obubanga umlaza
1*UNdikhoyo wabhekisa kuMosis nakuAron wathi 2maze baxelele amaSirayeli ukuba xa kukho indoda evuza ububovu ngamaphambili, loo nto yenza *umlaza, 3nokuba ukuvuza oko kuhlala kukho, okanye kumana kunqamka. 4Umandlalo ethi ihlale okanye ilale phezu kwawo, nawo uyasuleleka ngumlaza. 5-6Kanti ke nomntu othi achukumise loo mandlalo, okanye ahlale phezu kwento ebikhe yahlala phezu kwayo loo ndoda, kufuneka ahlambe impahla yakhe, azihlambe umzimba. Wohlala enomlaza kude kutshone ilanga. 7Umntu othi ayichukumise loo ndoda naye kufuneka ahlambe impahla yakhe, azihlambe nomzimba, yaye uya kuhlala enomlaza kude kutshone ilanga. 8Ukuba ithe yatshicela umntu loo ndoda ivuzayo, loo mntu yena kufuneka ahlambe impahla yakhe, ahlambe nomzimba, yaye uya kuba nomlaza de kutshone ilanga. 9Isali nokuba sisihlalo ethi loo ndoda inomlaza ihlale kuso, iyasuleleka ngumlaza. 10Umntu othe wachukumisa nantoni na ebithe yahlala phezu kwayo loo ndoda inomlaza, naye uyasuleleka de kutshone ilanga. Umntu othe waphatha into ebekuhleli kuyo loo ndoda kufuneka yena ahlambe impahla yakhe, ahlambe nomzimba, yaye usulelekile naye kude kutshone ilanga. 11Xa laa ndoda inomlaza ithe yabamba umntu ingazihlambanga izandla zayo, loo mntu yena usulelekile. Kufuneka ahlambe impahla, ahlambe nomzimba. Wohlala enomlaza naye kude kutshone ilanga. 12Kufuneka iqhekezwe ingqayi ethe yaphathwa nguloo mfo uvuzayo, size sona isitya esenziwe ngomthi sihlanjwe.
13Yakuba le ndoda iphilile, kufuneka ilinde iintsuku zibe sixhenxe, yandule ke ukuya kuhlamba impahla, ize ihlambe nomzimba kumanzi abalekayo, ukuze usuke umlaza. 14Ngosuku lwesibhozo kufuneka ise kumbingeleli amahobe amabini okanye amavukuthu ngasesangweni *lesibingelelo phambi koNdikhoyo. 15Umbingeleli ke yena wonikela elinye libe lidini lesono, lize elinye libe lidini elitshiswayo. Uya kwenjenjalo ke ukucamagushela loo mntu.
16Xa kukho indoda ethe yazingcolisa ngobudoda, kufuneka ihlambe umzimba. Yohlala inomlaza kude kutshone ilanga. 17Impahla ethe yathontsizelwa yangcola, nokuba yeyesikhumba, kufuneka ihlanjwe, yaye yohlala inomlaza kude kutshone ilanga. 18Xa indoda nomfazi bethe bahlangana, kufuneka bahlambe umzimba emva koko, yaye boba nomlaza kude kutshone ilanga.
19Umntu obhinqileyo xa athe waba sexesheni uba nomlaza iintsuku ezisixhenxe; umntu othi amchukumise naye uyasuleleka de kutshone ilanga. 20Nantoni na athi ahlale okanye alale phezu kwayo lo gama asexesheni nayo iyasuleleka ngumlaza. 21-23Umntu ochukumisa umandlalo waloo mfazi, okanye into athe wahlala phezu kwayo, uyasuleleka ngumlaza kude kutshone ilanga, yaye kufuneka ahlambe impahla yakhe, ahlambe nomzimba. 24Xa kukho indoda ethe yahlangana naye lo gama asexesheni nayo iyasuleleka ngumlaza. Yoba nawo de kube ziintsuku ezisixhenxe; yaye nomandlalo ethi ingqengqe kuwo uba nomlaza nawo.
25Xa kukho umntu obhinqileyo ohlambayo naxa engekho exesheni lokwenza loo nto, okanye ohlamba naxa seligqithile ixesha lakhe, uba nomlaza ngaye wonke lo gama asahlambayo, kanye njengoko kuba njalo xa esexesheni. 26Ngalo lonke ke elo xesha umandlalo alala kuwo, kwanento athi ahlale kuyo, iba nomlaza. 27Umntu othi achukumise ezo zinto uyasuleleka, yaye kufuneka ahlambe impahla yakhe kwakunye nomzimba. Uba nomlaza de kutshone ilanga. 28Akupheza ukuhlamba kufuneka loo mfazi alinde iintsuku zibe sixhenxe, aze ke ahlambuluke. 29Ngosuku lwesibhozo kufuneka ase kumbingeleli amahobe amabini, okanye amavukuthu, ngasesangweni lesibingelelo. 30Umbingeleli wonikela elinye libe lidini lesono, lize elinye libe lidini elitshiswayo. Yiyo ke leyo indlela yokumcamagushela phambi koNdikhoyo umfazi okuloo meko.
31UNdikhoyo wathi kuMosis: “Wakhwebule amaSirayeli kwiimeko ezibangela umlaza, ukuze angasixabheli isibingelelo sam esisembindini welali, hleze afe.”
32Nguwo lowo ke umyalelo mayelana nendoda evuza ububovu, okanye ethe yazingcolisa ngobudoda, 33kwakunye nomntu obhinqileyo osexesheni, okanye indoda ethe yahlangana nomfazi onomlaza, kwakunye nabani na ovuza ububovu.

Currently Selected:

EYONQULO 15: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy