YouVersion Logo
Search Icon

EYONQULO 14

14
Ukususwa komlaza kumntu obenesifo solusu
1*UNdikhoyo wanika uMosis le nkqubo 2yokususwa *komlaza kumntu ophilileyo obesakuba nesifo esosulelayo solusu. Kuya kuthi ngomhla okuza kwaziswa ngawo ukuba akasenamlaza kufuneke adibane nombingeleli loo mntu. 3Yena ke umbingeleli wophumela ngaphandle kwelali, apho aya kuthi amxilonge khona. Xa isifo siphelile, 4umbingeleli uya kuthi makuziswe iintaka ezimbini ezityiwayo, kunye neceba lomthi womsedare, negqesha elibomvu, kwakunye nehlamvu lengcongolo ekuthiwa yihisopu. 5Andule ke umbingeleli athi mayibulawe enye intaka, yophiselwe engqayini enamanzi asand' ukukhiwa emthonjeni. 6Enye intaka le woyithatha ayithi nkxu egazini lale ifileyo, alenjenjalo neceba lomsedare, igqesha elibomvu, kunye nehlamvu elo lehisopu. 7Emva koko womfefa kasixhenxe ngelo gazi loo mntu uphilileyo, andule ke azise ukuba akasenamlaza ngoku. Le ihleliyo intaka yona wophuma nayo elalini, ayiyeke ibhabhe imke. 8Loo mntu ke kufuneka ahlambe impahla yakhe, achebe iinwele, ahlambe nomzimba, aze ke abe uhlambulukile. Angangena ngoku ngaphakathi kwelali, kodwa kufuneka angangeni endlwini yakhe kude kuphele iintsuku ezisixhenxe. 9Wobuya azichebe iinwele kwakhona ngomhla wesixhenxe, achebe neendevu, neentshiya; bonke uboya obusemzimbeni abuchebe nabo, aphinde ahlambe impahla yakhe, ahlambe nomzimba, aze ke emva koko abe akanawo tu umlaza.
10Ngosuku lwesibhozo kufuneka eze neenkunzi ezimbini zeegusha ezinonyaka omnye kwakunye nemazi yegusha enonyaka, zingabi nasiphako, aphathe kunye neekhilogram ezintathu zomgubo wengqolowa oxutywe namafutha omnquma, athathe namafutha anganeno kwesiqingatha selitha. 11Umbingeleli owazisa ukuhlambuluka kwaloo mntu womsondeza naloo minikelo yakhe ekungeneni *kwesibingelelo phambi koNdikhoyo; 12andule ke umbingeleli athathe enye inkunzi yegusha kunye nalaa mafutha anganeno kwesiqingatha selitha, enze ngazo idini lentlawulo. Wozinikela kuNdikhoyo zibe ngumnikelo owanga-wangiswayo. 13Le nkunzi yegusha enonyaka woyinqumlela kulaa ndawo ikhethekileyo kuxhelelwa kuyo izinto zokwenza amadini okucamagushela isono natshiswayo. Kufuneka enjenjalo, kuba kaloku idini lentlawulo lidini elilodwa, elisisabelo sombingeleli, njengoko linjalo idini lokucamagushela isono. 14Ngoku ke umbingeleli uthi nkxu umnwe egazini, aze atyikile ngalo indlebe yaloo mntu yasekunene, ubhontsi wasekunene, nosithupha wasekunene; 15abuye athathe inxenye yaloo mafutha, ayigalele esandleni sasekhohlo, 16athi nkxu umnwe wesandla sokunene kuloo mafutha, aze afefe ngawo phambi koNdikhoyo kasixhenxe; 17ze aphinde acuntsule intwana kwakuloo mafutha asesandleni, atyikile eziya ndawo ebedyobhe igazi kuzo: indlebe yaloo mntu yasekunene, nobhontsi wasekunene, kwakunye nosithupha wasekunene. 18Amafutha asele esandleni sakhe kufuneka athambise ngawo intloko yaloo mntu uhlanjwa umlaza. Uya kwenjenjalo ke umbingeleli ukucamagushela loo mntu.
19Emva koko ke umbingeleli kufuneka anikele idini lokucamagushela isono, ukungxengxezela loo mntu unomlaza. Uya kwandula ke anqumle into yokwenza idini elitshiswayo, 20aze ayinikele eqongeni kunye nomnikelo wokutya. Wokwenjenjalo ke umbingeleli xa ecamagushela umntu; abe ke loo mntu uhlambulukile.
21Xa ngaba loo mntu ulihlwempu, yaye engenako ukwenza ngenye indlela, kufuneka eze nenkunzi yegusha yokwenza idini lentlawulelo. Eli lidini eliwanga-wangiswa phambi koNdikhoyo ukucamagushela umntu lowo. Kufuneka aphathe nekhilogram enye yomgubo wengqolowa oxutywe namafutha omnquma aza kuba ngumnikelo wokutya, kwakunye namafutha omnquma anganeno kwesiqingatha selitha. 22Kufuneka kwakhona eze namahobe amabini okanye amavukuthu amabini. Elinye loba leledini lokucamagushela isono, elinye libe leledini elitshiswayo. 23Uya kuza nazo ezi zinto ngomhla wesibhozo kumbingeleli, umhla wokuhlanjululwa kwakhe, ekungeneni kwesibingelelo phambi koNdikhoyo. 24Umbingeleli wothatha igusha yedini lentlawulelo, kunye namafutha omnquma, aziwanga-wangise phambi koNdikhoyo. 25Kufuneka ayinqumle igusha leyo, aze athi ngentwana yegazi layo atyikile indlebe yasekunene yaloo mntu, nobhontsi wasekunene, kunye nosithupha wasekunene, 26aze agalele intwana yamafutha esandleni sakhe sasekhohlo, 27athi nkxu kuwo umnwe wesandla sakhe sokunene, aze afefe isibingelelo ngalo kasixhenxe, 28andule atyikile ngamafutha eziya ndawo ebedyobhe igazi kuzo: indlebe yasekunene, ubhontsi wasekunene, nosithupha wasekunene. 29La mafutha asele esandleni sakhe sasekhohlo umbingeleli kufuneka athambise ngawo intloko yaloo mntu uhlanjwa umlaza, aze ke abe ucanyagushelwe phambi koNdikhoyo. 30-31Emva koko wenza idini lokucamagushela isono ngelinye lamahobe okanye amavukuthu, aze ngelinye enze idini elitshiswayo, athathe nokutya oku. Uya kwenjenjalo ke ukumcamagushela kuNdikhoyo umntu onomlaza. 32Yiyo ke leyo inkqubo malunga nomntu obesakuba nesifo solusu esosulelayo kodwa abe engenandlela yokufikelela kwiminikelo eqhelekileyo.
Umngundane ezindlwini
33*UNdikhoyo wathi kuMosis noAron: 34“Nakufika kwilizwe laseKanana endininika lona ukuba nime kulo, ze nenjeje mayela nezindlu ezinomngundane: Ukuba kuvele umngundane endlwini ethile kwelo lizwe 35umnini-ndlu kufuneka aye kubika kumbingeleli esithi: ‘Ndibhaqe into engathi ngumngundane endlwini yam.’ 36Uya kuthi umbingeleli makukhutshwe yonke impahla esendlwini, ngaphambi kokuba aye kuhlola ukungunda oko kusendlwini; kungenjalo yonke into ekuloo ndlu uya kuthi *inomlaza. Uya kuya ke endlwini apho, 37afike ahlole ukungunda oko. Xa kukho amachaphaza abuluhlaza okanye abubomvu athe gongqo eludongeni, 38wophuma kuloo ndlu, aze ayitshixe ithuba leentsuku ezisixhenxe. 39Ngolwesixhenxe usuku wobuya abuye umbingeleli, aze kuyihlola kwakhona loo ndlu. Xa ukungunda kunwenwile, 40umbingeleli uya kuthi loo matye angundileyo makakhutshwe aphoswe ngaphandle kwelali kwindawo yenkunkuma, 41emva koko athi makuxotyulwe udaka eludongeni lwangaphakathi, luye kulahlwa ngaphandle kwelali kwindawo yenkunkuma. 42Endaweni yalawa matye akhutshiweyo kofakwa amanye amatsha, kutyatyekwe nangodaka olutsha.
43“Xa ukungunda kuphinde kwavela, naxa indlu leyo ibe ikhutshwe loo matye ebengundile yaza yatyatyekwa kutsha, 44kufuneka aye kuyihlola kwakhona umbingeleli. Ukuba ukungunda kuye kwanwenwa, loo ndlu inomlaza. 45Kufuneka ke ichithwe, aze amatye ayo, naloo maplanga, kunye nodaka, aye kulahlwa ngaphandle kwelali kwindawo yenkunkuma. 46Umntu othe wangena kuloo ndlu lo gama itshixiweyo woba nomlaza kude kutshone ilanga. 47Umntu othe walala kuyo, okanye watyela apho kuyo, kufuneka ahlambe impahla yakhe.
48“Xa athe weza kuyihlola loo ndlu umbingeleli emva kokuba ihlaziyiwe, waza akabona kungunda kukhoyo, uya kuthi loo ndlu ayisenawo umlaza, kuba kaloku umngundane uphelile. 49Ukuhlambulula le ndlu kufuneka athathe iintaka ezimbini, kunye neceba lomsedare, negqesha elibomvu, kunye nehlamvu lengcongolo ekuthiwa yihisopu. 50Enye intaka uya kuyophisela engqayini enamanzi asand' ukukhiwa emthonjeni, 51aze athathe elaa ceba lomsedare, nehlamvu lehisopu, negqesha elibomvu, kunye nalaa ntaka ihleliyo, azithi nkxu egazini laleya ntaka yophiselwe kulaa manzi asand' ukukhiwa, aze ke afefe loo ndlu kasixhenxe ngazo. 52Uya kwenjenjalo ke umbingeleli ukuyisusa umlaza loo ndlu ngegazi lentaka, ngamanzi asand' ukukhiwa, ngentaka ehleliyo, nangeceba lomsedare, nehlamvu lehisopu, kwakunye negqesha elibomvu. 53Loo ntaka ihleliyo makaphume nayo elalini ayiyeke ibhabhe imke. Wenjenjalo ke ukususa umlaza obukuloo ndlu, ukuze ihlambuluke.”
54Yonke le nquleqhu ingesifo esosulelayo solusu, 55-56izilonda, amathumba, ukudumba, nokungunda kwezindlu nempahla. 57Le nkqubo icalula phakathi kwento enomlaza nento engenawo.

Currently Selected:

EYONQULO 14: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy