YouVersion Logo
Search Icon

EYONQULO 16

16
UMhla wokuCamagusha
1Emva kokufa koonyana baka-Aron bobabini, abafa ngenxa yokwenzela *uNdikhoyo umlilo ongekho esikweni, 2uNdikhoyo wathi kuMosis: “Yithi kumntakwenu uAron makangafan' angene nje emva komkhusane kwelona gumbi lingcwele, kuba kulapho ndibonakala khona elifini ngaphezu kwesivalo sokucamagushela setyesi yomnqophiso. Ukuba uyenzile loo nto uya kufa. 3Angangena kwelona gumbi lingcwele kuphela xa eza nenkunzana yenkomo yedini lesono kunye nenkunzi yegusha yedini elitshiswayo. ”
4Wathi uNdikhoyo uAron aze enze ezi zinto: UAron ngaphambi kokuba angene kwelona gumbi lingcwele kufuneka ahlambe umzimba, afake izivatho ezizodwa zobubingeleli: ihempe yelinen yangapantsi, ibhulukhwe emfutshane, umbhinqo esinqeni, aze athwale iqhiya.
5Ibandla lakwaSirayeli lilonke lonikela uAron iinkunzi zeebhokhwe zibe mbini zokwenza idini lesono, kunye nenkunzi yegusha yedini elitshiswayo. 6Uya kunikela ngenkunzi yenkomo yokungxengxezela izono zakhe kwakunye nomzi wakhe, 7andule ke asondeze ezaa bhokhwe zimbini ngasesangweni *lesibingelelo phambi koNdikhoyo. 8Khona apho ke uya kwenza *iqashiso ngamatye amabini, elinye ilitye libhalwe kuthiwe “ibhokhwe kaNdikhoyo” elinye “ibhokhwe ethwaliswa izono.” 9Iya kuthi ke loo bhokhwe ichongwe ngeqashiso ukuba yekaNdikhoyo uAron enze ngayo idini lokucamagushela isono, 10ithi leya iyibhokhwe ethwaliswa izono isondezwe kuNdikhoyo ihleli, ibe sisicamagushelo ngokuthi ikhatshelelwe entlango ithwele izono zesizwe.
11UAron uya kuza nenkunzi yenkomo yokucamagushela isono sakhe kunye nesomzi wakhe, aze ayixhele. 12Uya kukha amalahle avuthayo ngomcephe eqongeni eliphambi koNdikhoyo, aze athathe kangangezandla ezibini zentlaka yesiqhumiso ecoliweyo, angene nazo kwelona gumbi lingcwele. 13Apho ke ngaphambi koNdikhoyo wogalela intlaka yesiqhumiso kuloo malahle, khon' ukuze umsi wesiqhumiso usigubungele isivalo setyesi enobungqina bomnqophiso, ukuze angayiboni, hleze afe akuyibona. 14Uya kwandula ke athi nkxu umnwe wakhe egazini laloo nkunzi yenkomo exheliweyo, ze atshize ngalo umphambili wesivalo setyesi, aze athi tshize kasixhenxe nangaphambi kwetyesi yomnqophiso.
15Akugqiba ke uya kuxhela laa bhokhwe yedini lokungxengxezela izono zesizwe, azise igazi layo ngaphakathi kwelona gumbi lingcwele, aze atshize ngalo isivalo nomphambili wetyesi yomnqophiso njengoko ebenzile ngegazi lenkunzi yenkomo. 16Ngokwenjenje ke uyalicamagushela elona gumbi lingcwele ekuxajelweni *ngumlaza wamaSirayeli nazizono zokungeva kwawo. Kufuneka ayenze le nto nasesibingelelweni siphela, kuba kaloku simi kanye embindini welali esuleleke ngumlaza. 17Ukususela ekungeneni kuka-Aron kwelona gumbi lingcwele ukuya kwenza inkonzo yokucamagushela, de abe uphumile, makungangeni namnye umntu esibingelelweni. Akugqiba ukuzicamagushela yena kunye nomzi wakhe kwakunye nebandla likaSirayeli liphela, 18kufuneka aphume aye kucamagushela iqonga eliphambi koNdikhoyo. Makathathe igazi lalaa nkunzi yenkomo nelalaa bhokhwe, aye kutyikila ngalo iimpondo ezikwiikona zeqonga, 19aze atshize ngelo gazi kasixhenxe apho eqongeni. Wokwenjenjalo ke ukulicamagushela iqonga lamadini kumlaza wamaSirayeli, alahlulele uNdikhoyo libe ngcwele.
Ibhokhwe ethwaliswa izono
20Akugqiba uAron ukulicamagushela elona gumbi lingcwele, *nesibingelelo siphela, kunye neqonga, uya kusondeza *kuNdikhoyo laa bhokhwe ihleliyo ibichongelwe ukuthwaliswa izono. 21Woyibeka izandla entloko, avume phezu kwayo bonke ububi obenziwe ngamaSirayeli, nokungeva kwawo, kunye nezono zawo zonke. Loo bhokhwe ithwaliswe zonke izono iya kukhatshelwa entlango ngumntu otyunjelwe loo nto. 22Yozithwala zonke izono zabantu loo bhokhwe, iye nazo apho kungahlali mntu khona.
23Uya kwandula ke ngoku uAron aye esibingelelweni, apho aya kufika akhulule izivatho zobubingeleli abezinxibe ngaphambi kokuba angene kwelona gumbi lingcwele, azishiye apho. 24Uya kuhlamba umzimba endaweni ekhethekileyo, aze anxibe impahla yakhe eqhelekileyo. Emva koko uya kuphumela ngaphandle, anikele idini elitshiswayo lokucamagushela izono zakhe nelokucamagushela izono zesizwe. 25Amanqatha edini lesono makawatshisele apho eqongeni. 26Laa mntu ubeyikhaphele entlango ibhokhwe ethwaliswe izono kufuneka ahlambe impahla yakhe, ahlambe nomzimba, ngaphambi kokuba abuyele ngaphakathi kwelali. 27Laa nkunzi yenkomo kunye nalaa bhokhwe yokwenza idini lesono, ezigazi lazo belingeniswe kwelona gumbi lingcwele ukuze ngalo kungxengxezelwe isono, kufuneka zona zikhutshelwe ngaphandle kwelali, zitshiswe apho. Ufele, inyama, kunye nezibilini, kufuneka kutshiswe konke. 28Umntu otyunjelwe loo msebenzi wokuzitshisa kufuneka ahlambe impahla yakhe, ahlambe nomzimba, ngaphambi kokuba abuyele ngaphakathi kwelali.
Izithethe zoMhla wokuCamagusha
29Ezi zithethe kufuneka zigcinwe ngalo lonke ixesha: Ngosuku lweshumi kwinyanga yesixhenxe kufuneka amaSirayeli, kwakunye nabangeneleli abaphakathi kwawo, bazile, bangenzi namsebenzi. 30Ngaloo mini makucanyagushwe, khon' ukuze bangabi nasono *kuNdikhoyo. 31Loo mhla mawube yimini eyodwa abaya kuthi bazile ngayo, bangenzi nomsebenzi lo. Esi mayibe sisithethe esiya kusoloko sigcinwa ngalo lonke ixesha. 32Ucamagusho kufuneka lwenziwe ngumbingeleli omkhulu omiselwe watyunjelwa ukungena endaweni kayise. Wovatha ezizodwa zobubingeleli, 33aze ke alicamagushele elona gumbi lingcwele, *isibingelelo siphela, iqonga, ababingeleli, kwakunye nebandla lakwaSirayeli lilonke. 34Masingaze sityeshelwe esi sithethe. Kanye ngonyaka amaSirayeli makacanyagushelwe.
UMosis ke wenza njengoko wayeyalelwe nguNdikhoyo.

Currently Selected:

EYONQULO 16: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy