YouVersion Logo
Search Icon

UYOBI 41

41
1“Uthi ungaze uyilobe ingwenya, okanye ubambe ulwimi lwayo ngentambo?
2Uthi ungaze uyifake intambo impumlo yayo,
mhlawumbi uyithi qhoo imihlathi ngegwegwe?
3Ucing' ukuba ingaze itarhuzise kuwe?
Uthi ingakukubongoza ngamazwi athambileyo?
4Uthi ingenza isivumelwano kunye nawe,
ithembise ukuba likhoboka lakho ngonaphakade?
5Ngaba ungayenza intaka ongadlalisa ngayo,
uyikhulekele amantombazana akho?
6Abarhwebi uthi bangarhweba ngayo?
Ucing' ukuba bangahlulelana ngayo?
7Isikhumba sayo ungasigqobhoza ngamagwegwe?
Mkhonto waphi ongangxwelerha intloko yayo?
8Khawuyichukumise nje – soz' uphinde!
Engak' imfazwe soz' uyilibale!
9Ngamampunge ukucinga ukuba ungayoyisa.
Umntu uthi nje akuyibona asuke avikiveke aphelelwe.
10Kungekho bani nje unesibindi sokuyiphazamisa,
ngubani ke ngoko onako ukumelana nam?
11Ukhona na onako ukubanga into kum ukuze ndimbuyisele?
Kaloku yonke into phantsi kwezulu yeyam.
12“Andinakuthi cwaka ngemilenze yayo;
makhe ndikuphokozele ngokomelela kwayo
nokufaneleka kokwakhiwa kwayo.
13Ngubani onokuyinyanzela ukuvula umlomo,
ingubani onokuyifaka umkhala?
14Ewe, ngubani ongavula loo mihlathi yayo
ijikelezwe ziingxavula ezoyikekayo zamazinyo?
15Umqolo wayo unoludwe lwamakhaka
aphotheneyo ngathi atywiniwe.
16Ewe, asondelelene ayimbumba;
phakathi kwawo akungeni nomoya.
17Hayi, anxibelelene angunonca,
abambene nkwa, akanakwahlukaniswa.
18Yintw' ethi yakuthimla kumenyeze,
emehlo ngathi lilanga liphuma.
19Yintw' emlomo ulatyuza amadangatye,
kutsho kutak' iintlantsi.
20Yintw' emarhanana alephuz' umsi,
oku kwembiza ebaselwe ngeengcongolo.
21Ngomphefumlo wayo ungáwuphemb' umlilo;
kaloku kuthaphuz' amadangatye kuloo mlomo.
22Yintw' etsho ngengwanyalala yesixhanti;
bakuyibona abantu suka barhwaqele.
23Izihlunu zayo zifumbene;
ziyingwanyalala engenakuhluthuzwa.
24Yintw' entliziyo iqine oku kwenyengane!
Yomelele oku kwelitye lokusila.
25Ithi ingaphakama kunkwantye neengangalala;
yakushukuma zisuka zithi phithi.
26Yona yomelele, ayinakungxwelerhwa
naziintshuntshe, oomikhonto, noozincula.
27Kuyo intsimbi ifana nomququ;
ke lona ubhedu nqwa nevithi.
28Okukokwalo utolo ayilwazele nto;
kuyo ilitye *lenkwitshi linkumnka ngathi sisabhunge.
29Ke lona ibhunguza lifana nodiza;
iincula ziyinto yentsini kuyo.
30Isisu sayo nqwa namaceba embiza;
umhlaba siwukrazula oku kwesileyi sokubhula.
31Amanzi enzonzobila iwatsho abile okwembiza,
ulwandle iluzama-zamise okweqhaga leziqholo.
32Emva kwayo ngumzila omenyezelayo emanzini.
Inzonzobila isuka ifane neenwele zengwevu.
33Ehlabathini akukho nto inokulinganiswa nayo,
nditsho isilo esingenabo ubugwala.
34Kaloku noozindlula-mthi izikrobile;
ewe, ingukumkani kwizilo zonke ezinyalasayo.”

Currently Selected:

UYOBI 41: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy