YouVersion Logo
Search Icon

UYOBI 42

42
UYobi: Ndiyazisola
1Ke kaloku uYobi uphendule *uNdikhoyo wenjenje:
2“Ewe, ngoku ndiyaqonda ukuba wena unako ukufeza konke;
konke okucebayo wena unako ukukwenza.
3Bendingubani ukufuna ukulenza mfiliba icebo lakho, ndingenalwazi nje?
Ngenene ndigabadele, ndithethiswa kukungaqondi;
ndithethe ngemimangaliso nezinto ezinkulu kunam.
4“Uthe kum: ‘Phulaphula,
mna ndiza kukubuza, wena ke uphendule.’
5Ngoko bendikwazi nje ngokuva ngeendlebe,
kambe ke ngoku ndikubonile ngala wam amehlo.
6Ngenxa yale nto ke ngoku ndiyazisola;
ewe, ndiyaguquka; ndiseluthulini naseluthuthwini.”
UNdikhoyo: UYobi uya kunithandazela
7Emva kwale ntetho *kaNdikhoyo noYobi uNdikhoyo ubhekise kuElifazi waseTema, wathi: “Umsindo wam uyavutha kuwe nakubahlobo bakho ababini, kuba anithethanga nto iyiyo ngam njengesicaka sam uYobi. 8Ngoko ke thathani iinkunzi zeenkomo ezisixhenxe, neenkunzi zeegusha ezikwasixhenxe, niye nazo kwisicaka sam uYobi, nizenzele idini elitshiswayo. Ke yena uYobi isicaka sam uya kunithandazela; ibe ke mna ndiya kuwamkela loo mthandazo wakhe, ndinganiphathi ngokobudenge benu. Kaloku nina anithethanga nto iyiyo ngam njengoko enzileyo yena uYobi isicaka sam.”
Isiphetho
9Ngenene ke uElifazi waseTeman noBhildadi waseShuwa noZofare waseNama benza ngokomlomo *kaNdikhoyo, waza ke yena wawamkela umthandazo kaYobi.
10Akuba ke uYobi ebathandazele abahlobo bakhe kuNdikhoyo, uNdikhoyo waphinda wambuyisela uYobi kundalashe. Ewe, ubutyebi bakhe wada wabuphinda-phinda. 11Abantakwabo noodade bakhe, ngokunjalo nâbo babemazi ngaphambili, beza, batya kunye naye emzini wakhe. Bavelana naye, bamkhuza bemthuthuzela ngenxa yesithwakumbe awayebethwe ngaso nguNdikhoyo. Bonke ngabanye ngabanye bamnika imali nomsesane wegolide.
12Ke kaloku uNdikhoyo walithamsanqela ikamva likaYobi nangaphezu kokuba wayenzile kubomi bakhe bangaphambili. UYobi waba neshumi elinesine lamawaka eegusha, isithandathu samawaka eenkamela, amawaka amabini eenkabi zeenkomo newaka leedonki. 13Waphiwa isixhenxe soonyana neentombi zantathu. 14Eyokuqala yayinguJimayima, kweza uKeziya, eyesithathu ke yanguKeren-hapuka. 15Kulo lonke ihlabathi akukho ntombi yayifika kwezo ntombi zikaYobi ngobunzwakazi. Nazo ke uyise wazinika ilifa kwanjengabantakwazo.
16Emva koku ke uYobi wahlala iminyaka elikhulu elinamashumi amane. Ewe, wada wabona abazukulwana nabantwana babo kwada kwaya kuthi xhaxhe ngesesine isizukulwana. 17Ke kaloku uYobi wafa seleyingwevu, iminyaka selihambile.

Currently Selected:

UYOBI 42: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in