YouVersion Logo
Search Icon

UYOBI 40

40
UNdikhoyo: Wena omangalela uThixo, phendula
1*UNdikhoyo uqhube wathi kuYobi:
2“Ngaba ufuna ukubambana noSomandla,
usalatha iimpazamo zakhe?
Wena omangalela uThixo, phendula.”
UYobi: Ndosuka ndiwuthunge umlomo
3Ke yena uYobi uphendule *uNdikhoyo wathi:
4“Xa kungokunje ndiyaqonda ukuba andinto yanto.
Ndingaba saphendula ndithini?
Kungokunje ndidl' imu.
5Ewe, ndithethe ndaphinda-phinda,
kambe ke ngoku ndosuka ndiwuthunge.”
UNdikhoyo: Ngaba nawe womelele njengoThixo?
6Ke *uNdikhoyo waphendula esesaqhwithini, wathetha noYobi wathi:
7“Khawuqule, ume njengendoda;
mna ndiza kukubuza, wena ke uphendule.
8“Ngaba ufuna ukusisingela phantsi isigwebo sam?
Ugweba mna ukuze wena ugwetyelwe?
9Ngaba nawe womelele njengoThixo?
Nelakho ilizwi lizongoma njengelakhe?
10Xa kunjalo ke khawuvele uveth' isidima uzimasekile;
khawuthi jize isihomo nesithozela.
11Khawuphokoze loo msindo wakho,
ubaphoxe abo bazigwagwisayo.
12Ewe, badilize abo baqholosayo;
ke zona izikhohlakali zinyhashele apho zikhoyo.
13Xa zizonke zibandakanye uzingcwabe;
zigqume zihlale kwelo labafileyo.
14Xa kunjalo ke ndiya kuvuma,
ndisithi unako ukuzisindisa ngawakho amandla.
15“Imvubu le uyayiqonda?
Njengawe nayo ndayidala;
phofu yona injengenkomo, itya ingca.
16Kambe ke, yeka – asimandla esinqeni sayo!
Yinto emzimba unemisipha engwanyalala!
17Yinto emsila ungqangqasholo okomsedare;
ke zona izihlunu zemilenze ziphindene.
18Amathambo ayo omelele njengobhedu;
ewe, afana nemivalo yentsimbi.
19Kuzo zonk' izidalwa ithe kratya ngokukhwankqisa;
nguMdali wayo yedwa onako ukuyoyisa.
20Ukutya kwayo kufumaneka ezintabeni phaya,
apho zidloba-dloba khona izilwanyana.
21Ungafika ingqengqe phantsi kwamatyholo akhula ngasemanzini,
okanye izimele ezingcongolweni, emgxobhozweni phaya.
22Ewe, iphumla emthunzini wamatyholo entlanjeni phaya,
ufike ijikelezwe yimingcunube.
23Yona ayiwoyiki umlambo ophuphumayo;
ithi zole nakwiJordan elatyuza amanzi de abethe emlonyeni wayo.
24Kodwa kodwa ngubani ongayihlaselayo?
Ngaba uqale wayityhaphaza?
Ngubani ongayithiyela ayithi qhoo ngaloo mpumlo?”

Currently Selected:

UYOBI 40: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy