YouVersion Logo
Search Icon

UYOBI 32

32
UElihu: Phambi koThixo siyafana sobabini
1Ke kaloku la madoda mathathu ade amncama uYobi, kuba yena wasuka wanje, esithi umsulwa yena. 2Ke yena uElihu unyana kaBharakeli wendlu kaRam eBhuzi uthe akuyiqonda le meko wasuka wakhathazeka, kuba kaloku uYobi wayezenza ilungisa esola uThixo. 3Futhi wakhathazwa nayinto yokuba ezi zihlobo zikaYobi zithathu zisuke zoyiswa kukuphendulana noYobi, zingabanga nako ukudandalazisa ubutyala bakhe, kodwa zimtyhola. 4UElihu lo wayesalindele ukuthetha noYobi, kuba abanye aba babebadala kunaye.
5Athe ke la madoda mathathu akuba selethethe koma umqala esoyiswa bubuciko bukaYobi, wakhathazeka, 6wangenelela ke yena uElihu unyana kaBharakeli waseBhuzi, wathi:
“Kambe ke ndiyimveku ngeminyaka,
ke nina senikhulile, niziingwevu,
nto leyo ke esuke yanditsho ndamathidala,
ndoyika ukuphuhlisa olwam uluvo.
7Ndithe: ‘Mandiyekel' iminyak' isiphakele.’
Bendisithi: ‘Izilimela zingasiph' ubulumko.’
8Kambe ke ngoku ndiyaqonda ukuba ngumoya osemntwini,
ewe, lifuthe likaSomandla elimthi jize ngokuqonda umntu.
9Hayi, abuyi ngaminyaka ubulumko,
kungayi nangabudala ukuqonda imfanelo.
10“Ngoko ke bekan' iindlebe, khe ndiniphakele;
makhe ndinivakalisel' olwam uluvo.
11Ewe, ndiniphulaphule xa beniphakula ubulumko benu;
ndibuvisisile xa benidimbaza nigalela.
12Bendiziindlebe ndonke xa benithetha;
akukho namnye umchaniley' uYobi,
kungekho namnye ukwaziy' ukuchan' amagama.
13Ke nina sanukuthi: ‘Sibuzuzile ubulumko.’
Kaloku nguThixo yedwa ongaphendulanayo noYobi, hayi umntu.
14UYobi ubebhekisa kuni, ingekum.
Kambe ke bendingamphenduli njengani mna.
15“Hayi, Yobi, bathethe kom' umqala;
kungokunje basik' umlomo.
16Mandithini na ke mna?
Uthi mandithi cwaka kuba nabo bethule?
Ewe, nâbo bethe bhuxe, inkukw' isik' umlomo!
17Hayi bo! Nam makhe ndenze owam umda,
ndiluvakalise nolwam uluvo.
18Hayi, mna andisenakuzibamba ndithi cwaka,
kuba kuninzi ukuthetha kum.
19Hayi, ngenene ndifana nemvaba yewayini ebila ingavulwanga –
xa ndingaphokozi ndosuka ndigqabhuke.
20Ewe, manditheth' ukuze kuthi qabu;
mandiwuvule umlomo wam ndiphendule.
21Mna andiz' ukuceng' usolala phi,
ndiza kutheth' utyhatyhiwe ndingalalanisi.
22Kambe akunto yam ukulalanisa;
xa bekunjalo uMdali wam ebengandicim' igama ngoko nangoko!”

Currently Selected:

UYOBI 32: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy