YouVersion Logo
Search Icon

UYOBI 33

33
1“Ewe ke ngoku, Yobi, khawukuve ukuthetha kwam,
uwaphulaphule onke amazwi am.
2Khawundibolek' iindlebe, nam khe ndikuphokozele.
Phulaphula, ulwimi lwam selubeth' inkalakahla.
3Ewe kaloku, ndithetha ndinyanisekile;
andikufihli oko ndikwaziyo.
4Kaloku nam ndidalwe nguMoya kaThixo;
ukuphefumla kukaSomandla kundidlise ubomi.
5Ndiphendule ukuba unako;
qula uzilungiselele amagama.
6Kaloku phambi koThixo siyafana sobabini;
ewe, sobabini sabunjwa nguye ngodongwe.
7Ngoko ke uzungatatazeli, mwethu;
noko nesandla sam asingeke sikucinezele.
8“Ngokuya ubuthetha ndikuvisisile;
kaloku uthethe wenjenje:
9‘Mna ndimsulwa, andinatyala;
andinachaphaza, ndingenasiphoso.
10Koko uThixo uyandidlelelela nje;
ewe, ufumana endityhola ngokuba ndilutshaba!
11Iinyawo zam uzikhonkxa ngezikhuni;
uyazigqala zonke iindlela zam.’
12“Uyabona, uphazamile ngayo le ndawo;
mandikuphendule, kuba uThixo yena mkhulu kunomntu.
13Ngani ke ukuba umangalelane naye,
usithi yena akaphenduli mntu?”
UElihu: UThixo uyathetha nomntu
14“Kaloku uThixo uthetha nomntu ngandlela zonke,
kambe ke yena umntu akahoyi.
15Xa umntu ekobunzulu ubuthongo,
elele emandlalweni wakhe,
uThixo uthetha ngamaphupha nemibono yasebusuku.
16Ewe, uzivula ngelo xesha iindlebe zabantu,
ebalumkisa batsho barhwaqele.
17Ethethanje ke uthintela ukona;
unqanda umntu angazigwagwisi.
18Ukhusela umphefumlo womntu engcwabeni,
amhlangule kwintshabalalo yekrele.
19“Kananjalo umntu wolulekwa nangezigulo ezibuhlungu,
aphanjwe ziingqaqambo emzimbeni.
20Ewe, ude angabi sakulangazelela nokutya,
nokona kumnandi akucekise.
21Ubhitya abe ngumcinga,
nezo mbanjana zakhe bezifihlakele zithi gqi ngaphandle.
22Kaloku selejinga phezu kwengcwaba;
ubomi bakhe bukhwetywa kukufa.
23Mhlawumbi ke angeza kulamlelwa sisithunywa,
esinye kuloo mawaka-waka,
simkhumbuze ngeemfanelo zakhe.
24Singatsho ngovelwano sithi:
‘Mkhulule; makangehli aye kwelabafileyo.
Nantsi kaloku intlawulo.’
25Ulusu lwakhe luya kuhlaziyeka njengolosana,
lubuyiselwe kwimihla yobutsha bakhe;
26athi ke akuthandaza eviwe nguThixo,
atsho amnqule ngothakazelelo,
abuye abe ngumntu oziphethe ngaloo ndlela ayifunayo uThixo.
27Uya kuvuma esidlangalaleni athi:
‘Ndonile ndaphambuka endleleni,
kodwa uThixo akandohlwayanga ngako oko bekundifanele.
28Ewe, undihlangule engcwabeni,
nobomi bam abuyi kucinyelwa langa.’
29“Zonke ezi zinto ke zenziwa nguThixo;
ewe, uzenza umhla nezolo.
30Umntu uyamhlangula engcwabeni,
ukuze naye axhamle ubomi.
31“Ngamana wandiphulaphula ke, Yobi;
ewe, yithi cwaka khe ndithethe.
32Kambe ke uphendule xa unako;
nam ndizimisele ukukulungiselela.
33Phofu ke, xa ungenamazwi, yithi tu,
mna ndikufundise ubulumko.”

Currently Selected:

UYOBI 33: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy