YouVersion Logo
Search Icon

UYOBI 31

31
UYobi: Ndiwandlalile umcimbi wam; uSomandla makandiphendule
1“Ke mna ke sendazimisela ngomxhelo wam wonke
ukuba kungáze kubekho ntombi ndiyincwasayo.
2Ke, siyintoni isabelo somntu kuThixo?
Liyintoni ilifa kuSomandla kweliphezulu?
3Abangalunganga ubathwaxa ngezibetho,
aze abo bangamatshijolo abayekele ngentlekele.
4Andithi na kaloku yena uyazazi iindlela zam,
ewabala onke amanyathelo am?
5“Ndiqinisekile andizange ndenze buqhophololo,
ndingazanga ndakhohlisa mntu.
6Makhe ndibekwe esikalini kungekho xanasi
ukuze uThixo aqonde ukuba ndimsulwa.
7Ukuba ngaba nditenxile endleleni,
ndaza ke ndabhaduliswa yiminqweno,
okanye ukuba izandla zam zidyojwe bububi,
8izilimo zam mazixhatshazwe mntu wumbi,
yonke into endiyilimileyo mayincothulwe neengcambu.
9“Ukuba ngaba ndikhe ndancwasa omnye umfazi,
okanye ndaya kumxhwarhela ngasemasangweni ommelwane,
10umfazi wam ngamana wagubela enye indoda;
ewe, ngamana wambathwa bantu bambi.
11Kuba eso ingaba sisenzo esigwenxa,
ingaba lityala elifanelwe kukugwetywa.
12Loo nto ingaba njengomlilo otshabalalisayo,
otshisa yonke imveliso yam.
13“Ukuba ndakha ndasigatya isikhalazo sesicaka sam,
okanye andasihoya isicakazana xa sinesikrokro ngakum,
14bendingathini ke ukujongana noThixo?
Ndingathini ukuphendula xa efuna ingxelo?
15Andithi na kaloku kwalo Thixo udale mna
zikwadalwe nguye nezicaka zam!
16“Mna andizange ndikumangale ukunceda amahlwempu,
nabahlolokazi abazange bemke belambatha kum.
17Andizange ndaneliseke kukutya ndedwa,
ibe yona inkedama ingenayo into etyiwayo.
18Kaloku ndayikhulisa njengoyise kwasebuntwaneni bayo,
ndayondla ndayithantamisa kwasekuzalweni kwayo.
19Ndakubona usizana oluze,
oluhlwempuzeke kangangokuba lungabi nayo impahla yokunxiba,
20bendilunika impahla eyenziwe ngoboya obuyimveliso yeegusha zam,
lutsho lundincome luhambe lundidumisa.
21Ngaba ndakha ndayivuyelela inkedama
kuba ndiqhayisa ngokuyitshonisa nasenkundleni?
22Xa kunjalo ke ngamana ndakroboka iingalo;
akwaba zingancothuka emagxeni am.
23Hayi bo! Ngenxa yokoyika isohlwayo sikaThixo,
nangenxa yokuhlonipha ubuhandiba bakhe,
into enjalo andizange ndayenza.
24“Xa bendingaqamelela ngegolide,
kwecikizekileyo ndisithi: ‘Ulithemba lam!’
25ukuba bendivuye ndada ndaqholosa ngenxa yentabalala yobutyebi bam,
nangenxa yokwanda kwemveliso yam,
26ukuba bendisuke ndanqula ilanga ngenxa yokuqaqamba kwalo,
okanye inyanga ngenxa yomfaneleko wayo,
27ukuba ngaba bendiwexulekile ndasanga isandla sam,
ndibusa zona ezi zinto,
28nale ke into ibingaba bubugwenxa obufanele isohlwayo esiqatha,
kuba ukwenjenjalo ingaba kukuvukelana noThixo kweliphezulu.
29“Andizange ndavuyiswa kukubandezeleka kotshaba lwam,
ndingazange ndakuthakazelela ukuminxeka kwalo.
30Andizange umlomo wam ndiwuvule wone
ngokusuka ndilushwabulele utshaba lwam.
31Namadoda andisebenzelayo akazange athi:
‘Yhu, besilamba phaya kwaYobi!’
32Abahambi abazange balale ecaleni lendlela ndikho;
ndiyabamema beze, kuba iingcango zomzi wam zahlala zivulekile.
33Bambi bayazigusha bazifihle iziphoso zabo,
kambe ke mna andibufihli ubugwenxa bam.
34Kuba mna andiboyiki abantu,
andithi cwaka okanye ndizivalele endlwini,
kuba ndisoyika ukunyenjwa zizalamane.
35“Akwaba bekukho ondiphulaphuleyo!
Ndiwandlalile umcimbi wam;
uSomandla makandiphendule.
Akwaba izityholo endibekwa zona ngondimangalelayo bezibhaliwe.
36Bendiya kuzithwala emagxeni,
ndizithi jize ngazo entloko njengentshinga.
37UThixo bendiya kumanekela konke okwam,
ndingqiyaze phambi kwakhe njengetshawe.
38“Ukuba ngaba umhlaba wam ubundenzela isijwili,
zindigxeka neefolo zawo,
39ukuba nditye imveliso yawo ndingabahlawulanga abaniniwo,
ndaza bona abalimi bawo ndabavimba,
40ewe, endaweni yengqolowa mawuvelise imithi enameva,
ukuze endaweni yerhasi uvelise ukhula.”
Waba njalo ke uyaphetha uYobi: ncincilili-i-i!

Currently Selected:

UYOBI 31: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy