YouVersion Logo
Search Icon

UISAYA 9

9
Ukumkani ozayo
1Kambe ke akuyi kuhlala kumnyama kwabo bebesezinkxwalekweni. Kwilixa lamandulo elakwaZebhulon nelakwaNafetali lalidelekile, kambe ke kwilixa elizayo lo mmandla uya kuzuza udumo; nditsho ukusuka kulwandle lwasempuma ujikele uwele iJordan, uye kuthi gaa ngeGalili yeentlanga.
2Abantu ababemfamza ebumnyameni
ngoku bakufumene ukukhanya;
kwabo babehamba ebumnyameni
kubo uthe qheke umsobomvu.
3Wena usandisile isizwe sakho,
usuke waluthi chatha uvuyo lwaso.
Ngoko ke siyachulumacha ngenxa yakho,
de ngathi sinemihlali ngexa lokuvuna,
sengathi sigcotyiswe kukuxhaphaz' amaxhoba.
4Kaloku wena uyaphule idyokhwe yaso,
ulususile uxanduva nomqobo obusemagxeni.
Leyo ke yingcinezelo yomcinezeli.
Wena ubuthe kwanga kungomhla wamaMidiyan.
5Zonke izihlangu zomkhosi ogxashizayo,
nazo zonke iimpahla ezidyojwe ligazi,
ziya kutshatyalaliswa ngomlilo.
6Andithi na kaloku thina sizalelwe umntwana;
kaloku thina silizwe ngonyana.
Nguye ke oya kulawula.
Ke yena wothiywa igama kuthiwe
nguMcebisi omangalisayo,
uThixo oligorha,
uSonini-nanini,
iTshawe loxolo.
7Yena uya kuba yingangalala,
into embuso uluxolo olungaphele ndawo.
Yena uya kungena ezihlangwini zikaDavide,
umbuso wakhe awumilisele ume ngxishi,
uxhathise ngomthetho nangobulungisa,
ukusukela ngoku kude kube nini-nini.
*UNdikhoyo onekhwele,
nditsho uSomandla-onke,
nguye oya kuyenza loo nto!
UNdikhoyo uyalwa noSirayeli
8INkosi ithumele udaba kuSirayeli;
ewe, lona luya kuwa phezu koYakobi.
9Bonke ke abantu baya kuluqonda,
uEfrayim nabemi baseSamariya,
abo baqholosa ngendelelo, besithi:
10“Naxa nje zidilikile izindlu zezitena,
thina siya kwakha ngamatye aseleqingqiwe;
ngenene yona imithombe igawulwe,
kodwa thina sotyala imisedare.”
11*UNdikhoyo ubayekele ngeentshaba,
nditsho iintshaba zeentshaba zabo;
ewe, usuke wabaxhokonxela iintshaba.
12Ngama-Aram ngasempumalanga,
ibe ngamaFilistiya ngasentshonalanga;
xa zizonke zigragramela uSirayeli.
Naxa kunjalo uNdikhoyo usafuthekile;
nanko elekuza ngaloo ngalo yakhe!
13Kodwa suka abantu abazisola;
hayi, ababuyelanga kumohlwayi,
abazigobanga kuNdikhoyo uSomandla-onke.
14Ngoko ke uNdikhoyo wosuka amohlwaye uSirayeli:
uya kumnquml' intloko, amgumpul' umsila;
uya kuncothul' isundu, asiphul' ingcongolo.
15Intloko ke ngabadala nezihandiba;
wona umsila ngabashumayeli bobuxoki.
16Kaloku aba bantu bayalahlekiswa;
ewe, bona bayaphuphuthekiswa.
17UNdikhoyo ke akasabakhathalele nabafana,
akayi kuthi thiki nangabahlolokazi neenkedama,
kuba bonke zintw' ezingento, bakhohlakele,
imilomo yabo iphuphum' ububi.
Naxa kunjalo uNdikhoyo usafuthekile;
nanko elekuza ngaloo ngalo yakhe!
18Kaloku inkohlakalo yabantu ivutha njengomlilo;
ileny' inkunzane ngokunjalo nobobo,
idangazel' okomlilo wehlathi,
ithunquza okwentshinyela yomsi.
19Ngenxa yomsindo kaNdikhoyo onamandla onke
eli lizwe liza kuvutha,
umlilo udangazeliswe ngabantu,
kungabikho nonak' umntakwabo.
20Bonqwamza ngapha, bangahluthi noko;
banqunqude ngapho, banganeli noko;
ewe, boda batye noogxa babo.
21UManase noEfrayim bosuka bahlaselane,
kananjalo bosuka badibane ngoJuda.
Naxa kunjalo uNdikhoyo usafuthekile;
nanko elekuza ngaloo ngalo yakhe!

Currently Selected:

UISAYA 9: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy