YouVersion Logo
Search Icon

UISAYA 8

8
Unyana kaIsaya ngumqondiso
1*UNdikhoyo wathetha nam wathi: “Thatha ithwathwa elikhulu lokubhala, ubhale cacileyo uthi: ‘Phangamaxhoba.’ 2Ngokunjalo ke thatha amadoda amabini athembekileyo, umbingeleli u-Uriya noZakariya unyana kaYebherekiya, abe ngamangqina am.”
3Emva koko ke inkosikazi yam yakhawula, yaza yazala unyana. UNdikhoyo ke wathi igama lakhe malibe nguPhangamaxhoba. 4Waqhuba wathi: “Kothi loo nkwenkwe ingekakwazi nokuthi: ‘Mama,’ okanye: ‘Tata,’ bube bonke ubutyebi baseDamasko, ngokunjalo namaxhoba aseSamariya, selethathwe ngukumkani waseAsiriya.”
Ukuza kokumkani waseAsiriya
5Uphindile *uNdikhoyo wathetha nam, 6wathi: “Ngenxa yokuba aba bantu bewamangele amanzi ankcenkceza eShilowa, futhi bemvuyelela ukumkani uRezin nokumkani uPeka, 7mna ndiza kubazisela irhuluneli yaseAsiriya kunye nemikhosi yayo, imhlasele uJuda. Ukugaleleka kwayo iya kuba ngathi kukuzalisa nokutyekeza komlambo omkhulu iEfrati. 8Ukungena kwawo kwelakwaJuda lo mkhosi uya kukhukulisa okomlambo ozeleyo. Wosuka uyinabise imisinga yawo, ngayo ulintywilisele eli lizwe jikelele. Tarhu, Imanuweli!
9“Ke nina zintlanga, hlaban' umkhosi ninkwantye!
Nina zizwe, bekan' indlebe niphulaphule!
Qulani niligangathe – kodwa ke – rhorho!
Xhobani nif' amacala – niza kuthi shuu!
10Noba ningade nicebisane, yoba lilize elo;
ningathwesana nje kodwa soze niphumelele,
kuba kaloku uThixo unathi.”
UIsaya uyacetyiswa
11*UNdikhoyo wandibamba ngesandla, wandilumkisa ukuze ndingazilandeli iindlela zaba bantu, wathi: 12“Izinto abathi liyelenqe wena sukuvuma ukuba ziliyelenqe, ungazixhaleli nezinto abazoyikayo bona. 13Kaloku nguNdikhoyo uSomandla-onke ongcwele, ngoko ke nguye omawumhlonele umthobele. 14Yena uya kuba ngumqolomba wakho. Kambe ke kuzo zombini izindlu zikaSirayeli uya kuba lilitye elibakhubekisayo, ulwalwa olutyibilikisayo, nakwiJerusalem ngokwayo abe ngumgibe obambisayo. 15Baninzi ke abaya kukhubeka; ewe, baya kukhahleleka phantsi bacumke; ndithi baya kurhintyeleka emgibeni.”
Isilumkiso ngabafileyo
16Nina ke, mahlakani am, lwaluseni nilugcine udaba nomthetho kaThixo. 17Ke mna ndiya kukholosa *ngoNdikhoyo, lo uyifulatheleyo indlu kaYakobi; ewe, mna ndokholosa ndithembele ngaye ngokupheleleyo.
18Ndim lo kunye nabantwana andinike bona uNdikhoyo. UNdikhoyo uSomandla-onke, obhotwe lakhe likwintaba iZiyon, thina usenze sangumqondiso nomzekelo kumaSirayeli.
19Xa benicebisa besithi yiyani kwabavumisayo, abaneshologu, nabanoonomathotholo, kutheni ukuba ningababuzi nithi: “Ngani ukuba abantu bangabuzisi kuThixo wabo? Ngani ukuba abantu babuzise kwizinyanya, bathetha-thethane nabafileyo ngenxa yâbo baphilayo?” 20Into efunekayo kukuthobela umthetho nemfundiso kaNdikhoyo. Xa bengayenzi ke loo nto abanakamva.
Isithwakumbe
21Ke kaloku abantu baya kubhadula ezweni, bexhwalekile, belamba. Bekwelo phango ke bosuka babe lugcala-gcala, bakhangele esibhakabhakeni, bamshwabulele ukumkani wabo ngokunjalo noThixo wabo. 22Boba ngakhangela bangaboni nto yimbi ehlabathini ngaphandle kwenkxwaleko nomnyam' ombonde-mbonde ongaphephekiyo.

Currently Selected:

UISAYA 8: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy