YouVersion Logo
Search Icon

UISAYA 10

10
1Yeha ke, nina niqulunqa imithetho yobutshijolo,
nina baqingqa imithetho yokucinezela abantu,
2ukuze amahlwempu angafumani malungelo,
nokuze abacinezelwa bona bangalungiselelwa.
Nisuka nibaxhaphaze abahlolokazi,
iinkedama zona zibe ngamaxhoba enu.
3Yaz'ba nothini na mhla yajika imeko,
mhla kwathi gqi isithwakumbe kwelikude!
Ngaba ke nobalekela kubani, bethu?
Ubutyebi bona ke nobufihla phi?
4Ewe, koba kungasekho ndlela-mbini
ngaphandle kokuzinyakathisa phakathi kwabathinjwa,
okanye nirhuqwe ndawonye nabaginwa.
Naxa kunjalo uNdikhoyo usafuthekile;
nanko elekuza ngaloo ngalo yakhe!
Ukusetyenziswa kweAsiriya
5*UNdikhoyo uthe:
“Hayi ke, yena uAsiriya!
Uyinduku endohlwaya ngayo.
6Ndibathumela ngaye abangakhathalele Thixo;
ndibabetha ngaye abandicaphukisayo,
ukuze abathimbe, axhaphaze amaxhoba,
abaxovule njengodaka endleleni.
7Kambe ke yena uAsiriya akakhw' apho;
kuthe kanti yena unanjongo yimbi.
Suka yena wazimisela ukutshabalalisa;
izizwe yena ufun' ukuzicim' igama.
8Kaloku uAsiriya uyaqhayisa, uthi:
‘Iingqwayi-ngqwayi zam zikwangookumkani!
9OoKaleno nooKarkemishe bona ndabageqa;
iiHamati neeArpadi ndazisukelisa;
kooSamariya nooDamasko ndathi ginyi-qobo!
10Izikumkani ezinqula imifanekiso ndazoyisa –
mifanekiso leyo yayiyinyambalala,
ingaphezu kweyeJerusalem neSamariya.
11Ndayitshabalalisa iSamariya,
ndenjenjalo nakwimifanekiso yayo.
Ndisaya kwenjenjalo ke naseJerusalem
kwakunye naloo mifanekiso yayo.’ ”
12Kambe ke yona iNkosi ithi: “Ndakuwufeza umsebenzi wam kwintaba iZiyon eJerusalem, ndiya kubuya ngayo ikumkani yaseAsiriya, ndiyohlwaye. Kaloku iyadelela, futhi xa iqhayisayo 13ithi:
“ ‘Lo ngumsebenzi wamandla am!
Obu bubunkunkqela nengqiqo yam!
Ndiyidedisile imida yezizwe,
ndaza ndazenzela kwindyebo yazo;
njengengangamsha ndizikhiqile izikumkani.
14Ubutyebi bazo suka bafana namaqand' entaka,
ndaza ke mna ndathatha ndathaphulula nje!
Njengomntu oxhaphaza amaqanda asisisulu,
ndenjenjalo ukuziqokelela izizwe.
Ndizenzela nje kungaqhwaqhwazi nephiko eli,
kungekho nantaka ekhe yakrotsha!’ ”
15Lingazenza bhetele na izembe kunomgawuli,
khona isarha kunomsarhi?
Asiyonduku ephakamisa umniniyo;
kaloku iba ngumntu oyiphakamisayo.
16Ngoko ke iNkosi uNdikhoyo uSomandla-onke
iya kuzifaka isibetho izigantshontsho,
ilitshise ngomlilo elo qhayiya lazo.
17UThixo olukhanyiso lukaSirayeli wosuka afike abe ngumlilo,
uYedwa kaSirayeli abe lidangaty' elilenyayo,
ngamini-nye abhubhise konke nje,
nditsho nameva kunye nobobo.
18Loo masimi achumayo naloo mahlathi ashinyeneyo
wosuka yena awabhuqe bhuqiyane,
oku komkhuhlane usutywa kukufa.
19Kuloo mahlathi kosala imingqandandana nje
engábalwa lula nayimveku le.
Kobuya iqaqobana kuphela
20Liyeza ixesha apho elo qaqobana lisindileyo lamaSirayeli lingayi kuba saqamela ngalowo ulenza ixhoba. Ngelo xesha amaSirayeli aya kukholosa ngokupheleleyo *ngoNdikhoyo uThixo onguYedwa kaSirayeli. 21Amasalela endlu kaSirayeli aya kubuyela kwigorha elinguThixo wawo. 22Nangona nje ngoku amaSirayeli ebonakala eyinyambalala enjengeenkozo zentlabathi eselunxwemeni lolwandle, kuphela yimbinana nje eya kusinda ibuye. Kaloku phezu kwawo kulenga-lenga intshabalalo – ibe ifanele ke phofu. 23UMhlekazi iNkosi uNdikhoyo onamandla onke uzimisele ukuwacim' igama ehlabathi ngokomlomo wakhe.
Ama-Asiriya aza kohlwaywa
24Ngoko ke itsho iNkosi *uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: “Hayi nina, lusapho lwam lumi eZiyon, ze ningabi nadyudyu ngama-Asiriya la, noba angade aniphakele ingcinezelo enjengaleya nayifumana kumaJiputa. 25Kaloku kukancinane nje uphele umsindo wam ngakuni, ndandule ke ukuwavuthulula ndiwatshabalalise. 26Mna Ndikhoyo onamandla onke ndiya kuwathwaxa kwangalaa ndlela ndawabetha ngayo amaMidiyan kwiliwa laseOrebhe. Isohlwayo sam kuma-Asiriya yoba kwaseso ndawabetha ngaso namaJiputa. 27Ngaloo mini luya kuxibilika uxanduva olusemagxeni enu, le dyokhwe niyinikwe ngama-Asiriya itsho ivikiveke, kuba kaloku nikhule nada nomelela.”
Izwe lifile!
28Izwe lifile, ziyanqoza eAyi;
ewe, nâlo lugqitha ngeMigron,
kanti imiphako luyishiye eMikmas.
29Kubi, nantso iqabel' enkalweni,
ngobusuku yanqumama eGebha phaya.
Abemi baseRama batsho bankwantya,
iGibheya yakuloSawule ke yona nantso igil' izicithi isaba!
30Yitsho ngentsholo, wena Galim;
ke wena, Layisha, phulaphula;
uphendule ke nawe, Anatoti.
31Kaloku abemi baseMadema bayasaba;
bona abaseGebhim bayazisindisa.
32Namhlanje nâlo luphuml' eNobhi;
ewe, nalo lutyityimbis' umnwe,
lukhomba intaba iZiyon eJerusalem.
33UMhlekazi *uNdikhoyo onamandla onke
wosuka ke abathi fohlo-fohlo
ngathi ucwaba amasebe omthi.
Izikhulu ndawonye nezikhakhamela
nazo zovikivwa ziwe bhaxa.
34Uya kuzigeca ngezembe uSomandla,
abe ngathi utshitshisa ihlathi,
loo mihalambela yemithi yaseLebhanon.

Currently Selected:

UISAYA 10: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy