YouVersion Logo
Search Icon

UISAYA 60

60
Ikamva leJerusalem
1Khawuvuke! Vuka, Jerusalem!
Khanya! Ukhanyiso lwakho luthwasile;
isihomo *sikaNdikhoyo sikujikelezile.
2Nâbo ubumnyama phezu kwehlabathi;
umnyam' ombonde-mbonde uvalel' izizwe.
Kodwa ke uNdikhoyo uyakukhanyisela;
ukukhanya kwesihomo sakhe kuphezu kwakho.
3Oko kukhanya kotsala neentlanga,
nezikumkani ngokwazo uzikhange loo mso.
4Khawubheka-bheke ude uqwalasele;
bonke bayaqokelelana, bayeza!
Oonyana beza bevel' ekudeni;
iintombi zona ziza zisingathiwe.
5Wothi ungabona, utsho ube nemihlali;
uya kutsho uhlasimle kukuchulumacha.
Kaloku ubutyebi bezizwe boza kuwe;
ubutyebi bothi gqi naphesheya kweelwandle.
6Ilizwe lozala yimihlambi yeenkamela
namankonyane aseMidiyan naseHefa.
NabaseShebha baya kuza begxalathelana,
bepheth' igolide kunye nesiqhumiso,
bebhengeza bedumisa uNdikhoyo.
7Zonke iigusha zakwaKedare zoba zezakho;
wosebenzisa iinkunzi zeegusha zakwaNebhayoti.
Zona ziya kutsho ngamadini amkelekileyo eqongeni lam;
ndoyihombisa indlu yam enesihomo.
8Zinto zini ezi zibhabha njengamafu,
ezi zingathi ngamahobe egoduka?
9Ziinqanawe ezivela emazweni,
kukhokel' ezaseTashishe –
nâzo zigodusa abantu bakaThixo.
Beza bepheth' igolide nesiliva;
ngazo badumisa igama likaNdikhoyo.
Lowo ke nguThixo oyedwa kaSirayeli,
yena unithe jize ngesihomo nesithozela.
10KwiJerusalem ke uNdikhoyo uthi:
“Iindonga zakho zokwakhiwa ziintlanga,
izikumkani zazo ke zona zikuququzelele.
Kuba kaloku ndanohlwaya ngomsindo,
ke ngoku ndiyimvuze-mvuze ngobubele.
11Amasango akho ohlala evulwe ng'aa!
Imini nobusuku wona soze avalwe,
ukuze abantu bakuzisele ubutyebi bezizwe,
izikumkani zazo ziluludwe,
zona zingumngcelele wabathinjwa.
12Ke sona isizwe ndawonye nookumkani
bonke abangakubusiyo botshabalala;
baya kuvuthululwa baphele tu.
13“Iqhayiya lamahlathi aseLebhanon loza kuwe,
imithi yesipresi, umpleyini, nompayini,
yoziswa kuhonjiswe ngayo indlu kaThixo,
ukuze umzi wakhe undiliseke.
14Baya kuza abo babekade bekucinezela,
bafike bakhahlele babuse kuwe.
Nabo bonke abebekade bekudelile baya kuwisa kuwe bekhahlela,
besithi wena usisixeko sikaNdikhoyo,
iZiyon kaYedwa kaSirayeli.
15“Nangona ushiyiwe uthiyiwe,
kungasekho bani udlulayo,
ndiya kukwenza iqhayiya laphakade,
uvuyo lwezizukulwana ngezizukulwana.
16Izizwe nezikumkani ziya kukuququzelela,
zifane nomfazi okhulisa usana lwakhe.
Nawe ke uya kutsho uqonde ukuba ndim mna Ndikhoyo okusindisileyo,
wazi ukuba ngenene ukhululwe yiNgangalala enguThixo kaYakobi.
17Ndaweni yobhedu ndokunika igolide,
ndaweni yentsimbi ndikunike isiliva;
esikhundleni somthi ibe lubhedu,
ndikunike intsimbi endaweni yelitye.
Uya kuphathwa luxolo,
ulawulwe bubulungisa.
18Ubundlobongela buya kuba yintsomi,
imbubho nentshabalalo ziphele emideni yakho.
Uya kubiyelwa ngosindiso,
uvalwe ngendumiso.
19Emini awusayi kukhanyiselwa lilanga;
ebusuku alisayi kubakho ilitha lenyanga;
koko wokhanyiselwa bubungangamsha bam;
mna Ndikhoyo ndokukhanyisela ngonaphakade.
20Awusayi kuphinda utshonelwe langa,
nenyanga ayisayi kubuya iphele;
uNdikhoyo wokukhanyisela nanini-nanini,
ingaze ibuye ibekho imihla yesingqala.
21Abantu bakho boba ngabalungileyo,
umhlaba bawume kude kube ngunaphakade.
Bona basisithole esimiliselwe ndim;
ewe, bangumsebenzi wezandla zam,
ukuze babhengeze udumo lwam jikelele.
22Noyena ungathangani uya kuba njengomkhosi,
kanti noyena ungazelwe nto woba sisizwe esomeleleyo.
Lakufika ixesha le nto ndoyenza ngesiquphe,
kuba kaloku mna ndinguNdikhoyo.”

Currently Selected:

UISAYA 60: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy