YouVersion Logo
Search Icon

UISAYA 59

59
Izono zingumqobo
1Ngenene isandla *sikaNdikhoyo asisifutshane
ukuba ade angabi nako ukumhlangula umntu.
Ewe, yena akasiso isithulu
ukuba ade angeva.
2Nto nje ubugwenxa benu bungumqobo;
buthe zinzi phakathi kwenu noThixo.
Ewe, zizono zenu ezimsithayo uThixo kuni,
yiyo nale nto ngáthi akaniva.
3Izandla zenu zidyojwe ligazi,
neminwe yenu inkone kukona.
Ngemilomo yenu niyaxoka,
kananjalo nithulula inkohlakalo.
4Akukho ukhathalele ubulungisa;
xa bemangalelana bubuqhophololo bodwa.
Bakholosa ngenkohliso nobuxoki;
bakhawula inkathazo, bazale inkohlakalo.
5Baqandusela amaqanda erhamba,
batsho ngobobo lwamayelenqe.
Maqanda lawo ke ayityhefu –
lithi lingakroboka kuthi gqi irhamba.
6Amayelenqe abo akancedi mntu;
ewe, akambathwa njengengubo.
Imisebenzi yabo ngamanyondololo;
ngezandla zabo basebenza ububhoja.
7Bahamba ngezantya xa besiya kona;
bayakhawuleza xa babulala ongenatyala.
Ngeengcinga bayila inkohlakalo yodwa;
endleleni yabo yimbubho nentshabalalo.
8Ewe, indlela yoxolo abayazi;
umthetho nesiko abahambi ngawo.
Iindlela zabo bubuqili nobuqhophololo;
abahamba ngazo soze babe noxolo.
Abantu bayabula
9Abantu bathi:
“Ewe, ngenene asilungiselelwa;
ubulungisa abufikeleli kuthi.
Silindela ukukhanya, kuthi gqi ubumnyama;
silindela ilitha, suka kusibekele.
10Siyaphuthaphutha ngathi siziimfama;
siyaphampatha ngathi asinamehlo.
Sikhubeka emini ngathi kusebusuku,
kwabaphilayo ngathi singabafileyo.
11Sibhomboloza ngathi singamarhamncwa;
sitsho ngesimbonono ngathi ngamahobe.
Sibe ngafuna ukulungiselelwa, kungabikho;
sakuthalaza usindiso suka lube ziinkwenkwezi.
12“Ndikhoyo, sikone ngokuphinda-phindeneyo;
izono zethu nâzo zisimangalela.
Ewe, ngenene singabakreqileyo;
siyabuqonda yaye sibuvuma ubugwenxa bethu.
13Sikuvukele ngobuqhetseba, wena Ndikhoyo;
suka safulathela asamlandela uThixo wethu;
suka saphul' izikeyi, sifuth' ingcinezelo,
sayil' inkohliso, satheth' ubuxoki.
14Ngoku ke umthetho urhoxile,
nobulungisa bumele qelele.
Phandle phaya inyaniso iyaphephetheka,
nokunyaniseka akungeni ndawo.
15Ewe, inyaniso yafuduka mpela-mpela;
oshiy' ububi uzibhaqa elixhoba.”
UNdikhoyo uthatha amanyathelo
Akukhangela *uNdikhoyo suka wakhathazeka
akubona umthetho unyathelwa ngeenyawo.
16Akukhangela akabonanga mncedi konke,
suka wakhathazeka kwakungabikho mlamli.
Ngoko ke suka waxhabasha ngamandla akhe asindisayo,
ukuze azuze uloyiso ngobulungisa bakhe.
17Uthe gaxa ubulungisa esifubeni,
watsho ngomnqwazi wosindiso entloko.
Ewe, kaloku uvath' impindezelo,
wada wazithándela ngekhwele.
18Abantu wobohlwaya ngokwezono abazenzileyo;
iintshaba uza kuziphakel' ingqumbo,
abalwa naye ababel' impindezelo,
ade aye kuqhina nakwabo bakude.
19Entshonalanga bonkwantya besoyika uNdikhoyo,
lufikelele nasempuma udumo lwakhe.
Ekuhlaseleni kotshaba oluza ngokomlambo otyhulubayo,
uMoya kaNdikhoyo uya kuluswantsulisa.
20“UMkhululi uyeza eZiyon;
uza kukhulula abakwaYakobi abazisolayo ngezono zabo.”
Lowo ke ngumlomo kaNdikhoyo.
21UNdikhoyo uthi: “Ndiza kwenza umnqophiso nani. Amandla nemfundiso endininike yona yohlala iyeyenu; ngokunjalo ke ukusukela ngoku ngamana nandithobela, nide nifundise nesizukulwana senu, khon' ukuze naso sindithobele kude kuye ephakadeni.”

Currently Selected:

UISAYA 59: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy