YouVersion Logo
Search Icon

UISAYA 53

53
1Ke abantu bophendula bathi:
“Ngubani ongékholiwe ludaba esiluvileyo?
Ngubani ongéwuqondile umnwe kaNdikhoyo?
2Kaloku isicaka sikhule njengesithole kwelibharhileyo,
suke asabi namfaneleko nabunganga,
saba ngasijonga asabi namtsalane.
3Abantu basidelile basibukula,
saba ngumntu wenkxwaleko nentlungu.
Saba njengalowo ufulathelwayo, engasiwa so;
saba ngulowo udeliweyo, nathi asasikhathalela.
4“Kanti ngenene buthwelwe nguye ubuthathaka bethu,
inkxwaleko yethu yâsemagxeni akhe.
Ngenene thina besiba ubandezelekile,
sisithi uyabethwa nguThixo.
5Phofu ke ungxwelerhwe ngenxa yokukreqa kwethu;
ewe, ubulewe ngenxa yobugwenxa bethu.
Ukohlwaywa kwakhe kusiphathele uxolo;
thina sinyangwe ngamanxeba akhe.
6Sonke salahleka njengeegusha,
elowo wabhadula ngeyakhe indlela;
ke yena uNdikhoyo wamwisela ngobugwenxa bethu sonke.
7“Ewe, yena waphathwa gadalala,
kodwa wathi cwaka, akakhalaza tu.
Waba njengexhwane eliya kuxhelwa,
wathi cwaka njengegusha ichetywa;
ewe, akawuvulanga umlomo wakhe.
8Wanqanyulwa ngengcinezelo nesigwebo.
Kwisizukulwana sakhe ngubani oyiqondileyo le nto?
Inene, wanqanyulwa kwelabaphilayo;
wabethwa ngenxa yezikreqo zamawethu.
9Engcwabeni walala nezikhohlakali,
ngokunjalo nesityebi ekufeni kwakhe,
nakuba wayengenzanga lugonyamelo,
engazange waba ngokhohlisayo. ”
10Kanti yintando kaNdikhoyo ukuba abandezeleke abulawe,
khon' ukuze ukufa kwakhe kube lidini lokungxengxezela izono.
Ngoko ke wobona nezizukulwana;
uya kukhula ade akhokhobe;
ngaye intando kaNdikhoyo yofezekiswa.
11Ngenxa yembandezelo yakhe
wobuya axhamle ulonwabo.
Uthi uNdikhoyo:
“Ngokwazana nesi sicaka sam sindikholisayo
abaninzi bofumana ubulungisa.
Kaloku sona sibuthwele ubugwenxa babo.
12Yena ndomabela isahlulo phakathi kweendwalutho,
abe nenxaxheba kumaxhoba ndawonye namagorha.
Kaloku waziqongqothela ekufeni,
wada wabalwa nabakreqi.
Kaloku usithwele isono sabaninzi,
wenza isingxengxezo ngenxa yabakreqileyo.”

Currently Selected:

UISAYA 53: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy