1
UISAYA 53:5
IBHAYIBHILE
Phofu ke ungxwelerhwe ngenxa yokukreqa kwethu; ewe, ubulewe ngenxa yobugwenxa bethu. Ukohlwaywa kwakhe kusiphathele uxolo; thina sinyangwe ngamanxeba akhe.
Compare
Explore UISAYA 53:5
2
UISAYA 53:6
Sonke salahleka njengeegusha, elowo wabhadula ngeyakhe indlela; ke yena uNdikhoyo wamwisela ngobugwenxa bethu sonke.
Explore UISAYA 53:6
3
UISAYA 53:4
“Kanti ngenene buthwelwe nguye ubuthathaka bethu, inkxwaleko yethu yâsemagxeni akhe. Ngenene thina besiba ubandezelekile, sisithi uyabethwa nguThixo.
Explore UISAYA 53:4
4
UISAYA 53:3
Abantu basidelile basibukula, saba ngumntu wenkxwaleko nentlungu. Saba njengalowo ufulathelwayo, engasiwa so; saba ngulowo udeliweyo, nathi asasikhathalela.
Explore UISAYA 53:3
5
UISAYA 53:7
“Ewe, yena waphathwa gadalala, kodwa wathi cwaka, akakhalaza tu. Waba njengexhwane eliya kuxhelwa, wathi cwaka njengegusha ichetywa; ewe, akawuvulanga umlomo wakhe.
Explore UISAYA 53:7
6
UISAYA 53:10
Kanti yintando kaNdikhoyo ukuba abandezeleke abulawe, khon' ukuze ukufa kwakhe kube lidini lokungxengxezela izono. Ngoko ke wobona nezizukulwana; uya kukhula ade akhokhobe; ngaye intando kaNdikhoyo yofezekiswa.
Explore UISAYA 53:10
7
UISAYA 53:2
Kaloku isicaka sikhule njengesithole kwelibharhileyo, suke asabi namfaneleko nabunganga, saba ngasijonga asabi namtsalane.
Explore UISAYA 53:2
8
UISAYA 53:12
Yena ndomabela isahlulo phakathi kweendwalutho, abe nenxaxheba kumaxhoba ndawonye namagorha. Kaloku waziqongqothela ekufeni, wada wabalwa nabakreqi. Kaloku usithwele isono sabaninzi, wenza isingxengxezo ngenxa yabakreqileyo.”
Explore UISAYA 53:12
9
UISAYA 53:11
Ngenxa yembandezelo yakhe wobuya axhamle ulonwabo. Uthi uNdikhoyo: “Ngokwazana nesi sicaka sam sindikholisayo abaninzi bofumana ubulungisa. Kaloku sona sibuthwele ubugwenxa babo.
Explore UISAYA 53:11
10
UISAYA 53:8
Wanqanyulwa ngengcinezelo nesigwebo. Kwisizukulwana sakhe ngubani oyiqondileyo le nto? Inene, wanqanyulwa kwelabaphilayo; wabethwa ngenxa yezikreqo zamawethu.
Explore UISAYA 53:8
11
UISAYA 53:9
Engcwabeni walala nezikhohlakali, ngokunjalo nesityebi ekufeni kwakhe, nakuba wayengenzanga lugonyamelo, engazange waba ngokhohlisayo. ”
Explore UISAYA 53:9
YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy
Home
Bible
Plans
Videos