YouVersion Logo
Search Icon

UISAYA 52

52
IJerusalem yohlangulwa
1Vuka! Vuka, Ziyon!
Khawuvath' amandla nokomelela;
khawufak' ezingayiwayo ngokundileka.
Awu, Jerusalem, sixekondini esingcwele,
kula masango soze babe sangena abangalukanga nâbo *bagqwalisekileyo.
2Vuk' uvuthulul' uthuli olo;
mbanjwandini Jerusalem, khululeka.
Thukulul' amakhamandel' akukhonkxileyo,
ungqendeve, mthinjwandini Ziyon.
3UNdikhoyo uthi:
“Ukungena kwenu ebukhobokeni zange nihlawulelwe,
ngoko ke naxa nikhululekayo akuyi kwenziwa mrhumo.”
4Ewe, uMhlekazi uNdikhoyo uthi:
“Kuqala abantu bam bâya kuhlala eJiputa;
kamva ke bangena phantsi kwedyokhwe yama-Asiriya.
5Ngoku ngaba yiyiphi ke le imeko?” utsho uNdikhoyo.
“Kaloku abantu bam baqweqwedisiwe
bangena ebukhobokeni ngaphandle kwentlawulo,
nabaphathi babo baphoxisa ngabo.
Igama lam lihlala linyeliswa imihla yonke.
6Kwithuba elizayo abantu bam baya kulazi igama lam,
baqonde ukuba ndim owatshoyo,
ewe, ndim kanye!”
7Hayi ubuhle beenyawo zesigidimi sibhijel' iintaba,
sipheth' iindaba ezimnandi,
sibhengeza sisithi: “Uxolo lufikile!
Yonk' intw' ilungile! Nal' usindiso!”
Ewe, sibhekisa kwiZiyon sisithi:
“UThixo wakho uyalawula.”
8Abalindi batsho ngentswahla,
batsho ngenzwinini yovuyo ngazwi-nye.
Kaloku ngoku sebebona ngamehlo;
nanko uNdikhoyo engena eZiyon!
9Dandulukani ngemivuyo nemincili
nani ke, mabhodlo aseJerusalem.
UNdikhoyo wobathuthuzela abantu bakhe,
ayikhulule iJerusalem.
10Yena wosebenza ngamandla awodwa,
zibone zonke izizwe,
usindiso loThixo wethu lutyhileke kuzo zonke iintlanga.
11Ke nina phumani, hambani nimke apho,
ningachukumisi nento le *enomlaza.
Phumani ningenabala nimsulwa,
baphathi bobuncwane bendlu kaThixo.
12Namhla aniyi kuphuma magxabha-gxabha.
Kaloku animki ngakuba nibhaca,
koko nikhokelwa nguNdikhoyo.
UThixo kaSirayeli wonikhusela ngeenxa zonke.
Isicaka soyisa kwiimbandezelo
13*UNdikhoyo uthi:
“Isicaka sam sophumelela;
siya kuphakamela phezulu ngendumasi.
14Ke abaninzi bomangaliswa bakusibona;
suka santleke-ntleke asazeka,
imbonakalo yaso ingachazeki,
singasafani nanyana wamntu.
15Nangoku ke wochaphazela izizwe ezininzi,
izikumkani zikhumnqe zisik' umlomo.
Kaloku zobona zide ziqondisise nento ezingazange zayazi.”

Currently Selected:

UISAYA 52: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy