YouVersion Logo
Search Icon

EYEZIQALO 8

8
Ukupheza kukanogumbe
1UThixo wayengabalibalanga ooNowa nezilwanyana nezilo ezazisenqanaweni kunye nabo. Wavelisa umoya, aza andula ukuthotha amanzi. 2Yavalwa imithombo yamanzi engaphantsi komhlaba nesesibhakabhakeni, yapheza imvula. 3Aya ethotha amanzi kwada kwaziintsuku ezilikhulu linamashumi mahlanu. 4Ngomhla weshumi elinesixhenxe wenyanga yesixhenxe inqanawa yaya kuma phezu kweentaba zeArarati. 5Aya ephela amanzi, kwathi ngomhla wokuqala wenyanga yeshumi zathi thu iincopho zeentaba.
6Emva kwamashumi amane eentsuku uNowa wavula ifestile yenqanawa, 7wakhupha ihlungulu. Lona lamana ukuphaphazela libheka ngapha nangapha, ada atshona amanzi emhlabeni. 8UNowa wandulula ihobe ukuya kuhlola ukuba atshile na amanzi. 9Kodwa alizanga lifumane ndawo yakuhlala ihobe, laza labuyela kuye enqanaweni, kuba umhlaba wawusagqunywe ngamanzi. Wolula isandla uNowa, walibamba, walingenisa enqanaweni. 10Walinda iintsuku zasixhenxe, waphinda walikhupha ihobe. 11Labuya ngokuhlwa seliphethe igqabi lomnquma ngomlomo, elalisandul' ukulikha. Waqonda ke uNowa ukuba amanzi athothile. 12Walinda ezinye iintsuku ezisixhenxe, waza walikhupha kwakhona ihobe. Alizanga liphinde libuye ngesi sihlandlo.
13Kuthe ke xa uNowa wayemakhulu mathandathu ananye ubudala, ngomhla wokuqala kwinyanga yokuqala, aba seletshonile amanzi emhlabeni. Wawuvula umnyango wenqanawa uNowa, wakhangela ngaphandle macal' onke, wawubona umhlaba womile. 14Ngomhla wamashumi mabini anesixhenxe, ngenyanga yesibini, laliselome khonkqo ilizwe. 15UThixo wathi kuNowa: 16“Phuma enqanaweni kunye nomkakho, noonyana bakho, kunye nabafazi babo. 17Zikhuphe zonke izidalwa ezisenqanaweni, iintaka neenyamakazi, nezinto ezirhubuluzayo, ukuze ziqhame, zande, zizalise ihlabathi.”
18Waphuma ke uNowa enqanaweni kunye nomkakhe, noonyana bakhe, kunye nabafazi babo. 19Zonke izidalwa ezishukumayo, iintaka nezilwanyana nezinto ezirhubuluzayo, zaphuma enqanaweni ngokweendidi zazo.
UNowa unikela idini
20Wenza iqonga lamadini *kaNdikhoyo uNowa. Wathatha isilwanyana ngasinye nentaka nganye, kwezo zodidi olutyiwayo, wazinikela zangumbingelelo phezu kwelo qonga. 21Lamkeleka ivumba lazo kuNdikhoyo, waza wathi: “Andisobe ndiliqalekise ilizwe ngenxa yezenzo zabantu. Kaloku ndiyazi ukuba umntu uneengcinga ezigwenxa kwaeselula. Andisobe ndizitshabalalise izinto eziphilayo njengoko sendenjenjalo. 22Kuya kusoloko kukho amaxesha okulima namaxesha okuvuna wonke lo gama lisemiyo ilizwe; kuya kubakho ingqele nobushushu, ihlobo nobusika, ubusuku nemini.”

Currently Selected:

EYEZIQALO 8: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy