YouVersion Logo
Search Icon

EYEZIQALO 7

7
Unogumbe
1Wathi ke *uNdikhoyo kuNowa: “Ngena enqanaweni nomkakho kunye nosapho lwakho. Ndiphawule ukuba nguwe wedwa kwesi sizukulwana olilungisa. 2Uze ungenise enqanaweni iinyamakazi ezityiwayo zibe ngasixhenxe, ibe yinkunzi nemazi, kodwa kwezingatyiwayo ibe yinkunzi nemazi zibe ngambini, 3kwaneendidi zeentaka zibe ngasixhenxe, inkunzi nemazi. Loo nto yenzelwa ukuze zonke ezi ndidi zeenyamakazi neentaka zibuye ziqhame kwakhona elizweni. 4Emva kweentsuku ezisixhenxe ndiza kunisa imvula eya kutsho iintsuku nobusuku ezingamashumi mane, ukuze itshabalalise yonke into ephilayo endayidalayo.” 5UNowa wayenza yonke into ayiyalelwa nguNdikhoyo.
6Wayemakhulu mathandathu ubudala uNowa ukufika kwezantyala-ntyala zemvula kanogumbe elizweni. 7Yena nomkakhe noonyana bakhe kunye nabafazi babo babalekela enqanaweni ukufika kwaloo mvula. 8-9Kwangena kuloo nqanawa inkunzi nemazi yazo zonke iindidi zeenyamakazi neentaka ezityiwayo nezingatyiwayo ngokomyalelo kaThixo. 10Zagaleleka izandyondyo zemvula emva kweentsuku ezisixhenxe.
11Wayemakhulu mathandathu ubudala uNowa, ingumhla weshumi elinesixhenxe kwinyanga yesibini xa kwakugqabhuka imithombo yamanzi angaphantsi komhlaba, kuvuleka nemivalo yemisinga esesibhakabhakeni. 12Yatsho izandyondyo imvula iintsuku ezimashumi mane nobusuku bazo. 13Ngaloo mini kanye uNowa nomkakhe bangena enqanaweni kunye noonyana babo bobathathu, uShem, noHam, noYafete, kwakunye nabafazi babo. 14Bangenisa kunye nabo nezilwanyana zonke, ezasekhaya nezasendle, ezinkulu nezimfutshane, nazo zonke iindidi zeentaka. 15-16Kweza inkunzi nemazi yazo zonke izinto eziphilayo, zangena apho enqanaweni ngokomyalelo kaThixo. *UNdikhoyo waluvala ucango akungena uNowa.
17Yatsho izandyondyo imvula iintsuku zamashumi mane, athi ngokuya esanda amanzi ayifunqula inqanawa. 18Aye enyuka amanzi, yadada phezu kwawo yona inqanawa. 19Aphakama amanzi, ada agubungela nezona ziphakamileyo iintaba kulo lonke elimiweyo; 20anyuka ada aziimitha ezisixhenxe ukusuka encochoyini yeentaba. 21Kwafa yonke into ephilayo elizweni. Kwafa iintaka, kwafa imfuyo, kwafa iinyamakazi, kwafa nabantu. 22Kwafa yonke into ephefumlayo elizweni. 23Kwatshatyalaliswa yonke into ephilayo elizweni: abantu, neenyamakazi, neentaka. Kwasala uNowa kunye nabo babesenqanaweni kunye naye. 24Kwada kwaba likhulu linamashumi mahlanu eentsuku engathothi loo manzi.

Currently Selected:

EYEZIQALO 7: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy