YouVersion Logo
Search Icon

EYEZIQALO 45

45
UJosefu uyazazisa kubantakwabo
1UJosefu akabanga saba nako ukuzibamba. Wathi izicaka zakhe maziphume. Kwasala yena nabantakwabo. Wabaxelela ukuba ungubani na. 2Watsho ngesikhalo esaviwa ngamaJiputa, lwaza olo mingi-mingi lwaya kutsho nakomkhulu.
3Wenjenje uJosefu ukuthetha nabantakwabo: “NdinguJosefu. Nithi ubawo usaphila?” Bakukuva oko abantakwabo bothuka, ababi nako nokuthetha.
4Uthe uYosefu: “Sondelani.” Basondela, wathi: “Ndingumntakwenu uJosefu enamthengisa eJiputa. 5Sanukukhathazeka okanye nizohlwaye ngenxa yokuba nandithengisa apha. NguThixo owathi mandinandulele, ukuze kusinde abantu. 6Lo isengowesibini unyaka wendlala; kuseza eminye emihlanu, kungàlinywa, kungàvunwa. 7NguThixo owathi mandize ngaphambi kwenu apha, ukuze nisinde ngale ndlela imangalisayo, kusinde nenzala yenu ngangokuba ingako. 8Ayinini ke ngoko abandizisa apha, nguThixo. Nguye ondenze umphathiswa kakumkani ophethe lonke eli lizwe nolawula iJiputa iphela.
9“Ngoku ke khawulezani niye kubawo, nithi ndithi, mna Josefu unyana wakhe, uThixo undenze umlawuli weJiputa iphela. Makakhawuleze eze kum. 10Angema kulaa mmandla waseGoshen, apho aya kuba kufuphi nam. Makeze nabantwana bakhe, abazukulwana, iigusha, iibhokhwe, iinkomo, konke okwakhe. 11Ndombonelela elapho, kuba kusasele eminye iminyaka emihlanu yendlala, yaye andifuni afe yindlala, yena nendlu yakhe, nento yonke anayo.”
12Uqhube wathi uJosefu: “Niyaqonda ke nonke ngoku ukuba ndinguJosefu, nditsho nawe Bhenjamin. 13Ze nimxelele ubawo ngamagunya endinawo apha eJiputa, nimbalisele ngayo yonke into eniyibonileyo. Nikhawuleze ke, nize naye apha.”
14Wawola uBhenjamin umntakwabo, walila, noBhenjamin walila emgonile. 15Esalila njalo wabagona abantakwabo, wabancamisa. Baqala ukuncokola naye ke abantakwabo emva koko.
16Zakuvakala komkhulu iindaba zokuba uJosefu ufikelwe ngabantakwabo, ukumkani namaphakathi bavuya. 17Wathi kuJosefu: “Xelela abantakwenu ukuba balayishe ukutya kwabo, baye eKanana, 18bafike apho baxelele uyihlo kunye neentsapho zenu ukuba bafudukele eJiputa. Ndobanika eyona ndawo ilungileyo kwelaseJiputa ukuba bahlale khona, babe nenxaxheba kwindyebo yalapha.” 19Wathi mabathathe neenqwelo zokufudusa iintsapho zabo, beze naye noyise. 20Watsho esithi: “Ze ningazixhamli ngezinto eziya kusala eKanana; niza kuzuza ezona zixabisekileyo apha eJiputa.”
21Benza njengoko babeyalelwe oonyana bakaSirayeli. Banikwa iinqwelo nguJosefu ngokomyalelo kakumkani, kwakunye nomphako. 22Elowo wamnika iimpahla ezintsha zokunxiba, kodwa yena uBhenjamin wamnika amakhulu amathathu eesiliva neempahla zaphindwa kahlanu kwezabanye. 23Wathumela uyise ishumi leedonki lithwele ezona mpahla zodidi zaseJiputa, neshumi leemazi zeedonki zithwele ingqolowa, izonka, nokunye ukutya komphako. 24Wabandulula abantakwabo, bemka. Wabayala esithi: “Ze ningalwi endleleni.”
25Banduluka eJiputa, baya kufika eKanana kuyise. 26Bafika bathi: “UJosefu uyaphila! Nguye umphathiswa waseJiputa!” Wathi nqa yiloo nto uYakobi, engakholwa.
27Bakumxelela konke okwathethwa nguJosefu, wazibona neenqwelo awayezithumele, watsho wahlaziyeka emphefumlweni. 28USirayeli wathi: “Usaphila uJosefu umntwanam! Nantso nje qha into endiyifunayo: mandiye kumbona ndingekafi.”

Currently Selected:

EYEZIQALO 45: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy