YouVersion Logo
Search Icon

EYEZIQALO 46

46
UYakobi ufudukela eJiputa nomzi wakhe
1USirayeli wathatha konke okwakhe wahamba, waya kutsho eBheshebha, apho wafika wenzela uThixo kayise uIsake idini. 2UThixo wathetha naye ngephupha wathi: “Yakobi!”
Wasabela uYakobi wathi: “Ndim lo!”
Wenjenje uThixo ukuthetha naye: 3“Mna ndinguThixo kayihlo. Uzungoyiki ukuya eJiputa; kulapho inzala yakho ndiya kuyenza isizwe esikhulu. 4Ndiya kuya nawe eJiputa, ndibuye ndiyibuyisele kwalapha inzala yakho. UJosefu uya kukucima amehlo ukubhubha kwakho.”
5Wanduluka eBheshebha uYakobi. Yena, nabantwana boonyana bakhe, kunye nabafazi babo, babekhwele kwiinqwelo ezazithunyelwe ngukumkani waseJiputa. 6Baqhuba iinkomo zabo nako konke okwabo abakufumana eKanana, bahamba nako, baya eJiputa. UYakobi wahamba nosapho lwakhe lonke: 7oonyana bakhe, abantwana babo, iintombi zakhe, kunye nabazukulwana bakhe.
8Ngawo la amagama amaSirayeli, inzala kaYakobi, eyangenayo eJiputa kunye naye. 9YayinguRubhen, izibulo, kunye noonyana bakhe: uHanoki, noPalu, noHezeron, noKarmi. 10USimon noonyana bakhe: uJemuweli noJamin, uOhadi noJakin noZoware, kwakunye noShawule, owayezelwe ngumKananakazi. 11ULevi noonyana bakhe: uGershon noKohati kunye noMerari. 12UJuda kunye noonyana bakhe: uShela, noPerezi, noZera. Abanye oonyana bakaJuda, uEre no-Onan, batsahabalala eKanana. UPerezi wanoonyana abanguHezeron kunye noHamuli. 13UIsakare yena wangena noonyana bakhe: uTola, noPuwa, noYashubhi, kunye noShimron. 14UZebhulon naye wangena noonyana bakhe: uZerede, noElon, kunye noYaleli. 15Ngoonyana abazalwa nguLeya aba, kunye nodade wabo uDayina, besesePadan-aram. Bebonke abantwana abangumlibo kaLeya babengamashumi mathathu anantathu.
16UGadi naye wangena noonyana bakhe: uZefon noHagi noShuni, uEzebhon noEri noArodi, kunye noAreli. 17UAshere wangena noonyana bakhe: uImna noIshwa, kunye noIshvi noBheriya, kwakunye nodade wabo uSera. Oonyana bakaBheriya yayinguHebhere kunye noMalekiyeli. 18Aba bantwana abalishumi linantandathu ngabomlibo kaZilipha, impelesi kaLeya awayeyinikwe nguLabhan.
19URakeli umka-Yakobi wayezele oonyana ababini, uJosefu noBhenjamin. 20UJosefu eJiputa wayenoonyana ababini, uManase noEfrayim. Babezelwe nguAsenati intombi kaPotifare umbingeleli waseOni. 21Oonyana bakaBhenjamin yayinguBhela noBhekere, uAshbhele noGera noNaman, uEli noRoshe, uMupim noHupim kunye noArdi. 22Eli shumi linane ke ngumlibo kaRakeli.
23Wayekho noDan kunye nonyana wakhe uHushim; 24noNafetali kunye noonyana bakhe uJazeli noGuni, uYezere kunye noShilem. 25Aba basixhenxe ngumlibo kaBhiliya, impelesi kaRakeli awayinikwa nguyise uLabhan.
26Inani lenzala kaYakobi nqo elaya eJiputa ngamashumi mathandathu anantandathu, ngaphandle koomolokazana bakhe. 27UJosefu wayezele oonyana ababini eJiputa. Loo nto yenza amashumi asixhenxe abantu bomzi kaYakobi abaya eJiputa.
28UYakobi wathi uJuda makaye kuxelela uJosefu ukuba makabahlangabeze eGoshen. Bakuba befikile eGoshen, 29uJosefu wakhwela enqwelweni, waya kukhawulela uyise uSirayeli. Uthe akubona uyise, uJosefu waziphosa kuye, wamanga, walila ithuba elide. 30Uthe uSirayeli kuJosefu: “Nokuba ndingafa ngoku ndikubonile usaphila, kulungile.”
31UJosefu ubhekise kubantakwabo nakumawabo wathi: “Ndiza kukha ndiye kuxelela ukumkani ukuba ubawo nabantakwethu ababefudula beseKanana, bafikile, 32ndithi kuye: ‘Bangabathandi bemfuyo, yaye ke beze nayo yonke impahla yabo nako konke okwabo.’ 33Ke nina xa nibizwe ngukumkani, wanibuza ngomsebenzi eniwenzayo, 34ze nithi: ‘Singamathanda-mfuyo kwasebuncinaneni bethu, kanye njengookhokho bethu.’ Ukuba nitshilo, ukumkani woniyeka nime eGoshen. Kaloku abantu abathanda imfuyo abazelwe nto apha eJiputa.”

Currently Selected:

EYEZIQALO 46: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy