YouVersion Logo
Search Icon

EYEZIQALO 44

44
Ukulahleka kwendebe
1UJosefu wathi kwisicaka esiyintloko emzini wakhe: “Zalisa ezi ngxowa zala madoda zithi ntli, uze ufake nemali yomntu ngamnye engxoweni yakhe, 2ufake nendebe yam yesiliva ngaphezulu engxoweni yomninawa wabo, kwakunye nemali yengqolowa.” Senjenjalo isicaka.
3Kwangentseni wabakhulula abantakwabo, bangena endleleni egodukayo, beqhuba iidonki zabo. 4Kwathi besekude kufuphi nedolophu, wathi uJosefu kwisicaka sakhe: “Khawuleza usukele laa madoda, uthi: ‘Kutheni nibuyisa ubuhle ngobubi? 5Niyibele ntoni indebe yesiliva yenkosi yam? Yile kanye isela ngayo, ikwayile ivumisa ngayo. Ilihlazo le nto niyenzileyo.’ ”
6Siwathethile ke la mazwi isicaka sakufika kubo. 7Bathe bona: “Ungathini, mhlekazi, ukuthetha ngolu hlobo? Asikhange siyenze into enjalo konke-konke. 8Uyazi nawe ukuba nemali esayifumana ezingxoweni zethu ekhaya siyibuyisele kwakuwe. Singathini ke ngoku ukûba isiliva okanye igolide yenkosi yakho? 9Ukuba kukho onayo apha kuthi makabulawe, baze abanye babanjwe babe ngamakhoboka.”
10Sithe isicaka: “Ewe, kulungile, kodwa ngulo ifunyenwe kuye qha oya kubanjwa abe likhoboka; bonke abanye bangakhululeka.” 11Bazithule kwangoko iingxowa zabo, bazibeka phantsi, elowo wavula eyakhe. 12Sakhangelisisa isicaka sikaJosefu, siqala komkhlu sada saya kutsho koyena mncinane. Loo ndebe yafunyanwa engxoweni kaBhenjamin. 13Baba lusizi kakhulu abantakwabo, batsho bakrazula nezambatho zabo, bayilayisha kwakhona imithwalo yabo, babuyela edolophini.
14Ukufika kwabo ooJuda nabantakwabo, bafika esesekhaya uJosefu. Bafika bakhahlela, 15wathi kubo uJosefu: “Niyenzeleni le nto? Beningazi kakade ukuba umntu okwesi sikhundla ndikuso uyakwazi ukuvumisa?”
16UJuda uthe: “Singathini kuwe, mhlekazi, ukukubonisa ukuba asazani nale nto? Singathini ukuzihlamba? NguThixo olaziyo ityala lethu. Thina sonke ngoku singamabanjwa, asinguye kuphela lo ifunyenwe kuye indebe yakho.”
17Uthe uJosefu: “Unongekhe; andiyivumi loo nto! Kuza kubanjwa lo ifunyenwe kuye indebe yam qha. Bonke abanye bangagoduka ngoxolo, babuyele kuyise.”
UJuda ucengela uBhenjamin
18UJuda wasondela kuJosefu, wafika wathi: “Ngxe, mhlekazi! Ndivumele ndithethe, nakuba ungangokumkani ngokwakhe. 19Wasibuza, mhlekazi, ukuba ngaba ubawo usaphila na, nokuba ngaba sinaye na umntakwethu ongomnye. 20Sathi ubawo usadla amazimba, phofu selaluphele. Satsho nokuthi sinaye nomninawa ovele selemdala ubawo. Umkhuluwa wale ntwana akasekho; yiyo yodwa ke ngoko esaphilayo kubantwana bakanina. Uyise uyithanda kakhulu. 21Wathi ke, mhlekazi, ze size nayo le ntwana khon' ukuze uyibone. 22Sathi thina ayinako ukwahlukana noyise; angafa. 23Wathi ke wena thina zicaka zakho ze singezi apha singahambi nale ntwana.
24“Sathi sakufika kubawo samxelela konke owakuthethayo. 25Ubawo ubuye wasithuma ukuba siphinde size kufuna into etyiwayo. 26Samxelela sathi asinakuza apha, singenakwamkelwa, singezanga nayo le ntwana. Besingeza apha kuphela xa ngaba siza nayo. 27Wathi ubawo: ‘Niyazi ukuba umkam uRakeli wandizalela oonyana ababini kuphela. 28Omnye unyana akasekho; kunokuba waqwengwa zizilwanyana, kuba akazange abonwe oko wemkayo. 29Xa ke nifuna ukuhamba naye nalo, aze angabuyi, ingandixhela loo nto ngoku sendimdala.’
30-31“Ke ngoko, mhlekazi,” utshilo uJuda, “ukuba ndingabuyela ekhaya ingekho le ntwana, ubawo angafa zisuka nje xa aphawula ukuba ayikho. Akasenako ukwahlukana nale nkwenkwe. Selaluphele kangangokuba angafa. 32Ngaphezu koko ndafunga kubawo ndathi kungafa mna kunokuba kwenzeke into kule ntwana. Ndathi, ukuba andibuyanga nayo, ityala aze alibeke kum. 33Ke, mhlekazi, ndim oza kuhlala apha abe libanjwa endaweni yale ntwana. Yiyeke yona ibuyele ekhaya kunye nabakhuluwa bayo. 34Ndingathini ukubuyela ekhaya ngaphandle kwale ntwana? Andinako ukukubukela ukudandatheka kukabawo.”

Currently Selected:

EYEZIQALO 44: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy