YouVersion Logo
Search Icon

EYEZIQALO 43

43
Abakhuluwa bakaJosefu babuyela eJiputa behamba noBhenjamin
1Yathath' unyawo yona indlala eKanana. 2Kuthe kwakuba kuphele ingqolowa kwaYakobi eyayize noonyana bakhe eJiputa, wathi kubo uyise: “Buyani niye kusithengela into etyiwayo.”
3UJuda wathi: “Laa mfo wasinqonqozisa, esithi akafuni nokusibona oku ukuba asizanga naye uBhenjamin. 4Asikuya kuthenga kutya thina singahambi naye uBhenjamin. 5Ukuba ke uyala, nathi asiyi kuya, kuba laa mfo walitsolisa, wathi singaze sivele phambi kwakhe singahambi noBhenjamin.”
6USirayeli wathi: “Nindenzele ntoni into embi kangaka ngokuxelela laa mfo ukuba ninomnye umninawa?”
7Bathi: “Laa mfo wayesibuza, esigocagoca ngekhaya lethu, efuna ukwazi ukuba ubawo usaphila na, nokuba ngaba sinaye na omnye umntakwethu. Saza ke thina sayiphendula le mibuzo. Besiya kwazi njani ukuba wayeza kuthi makuziwe noBhenjamin?”
8UJuda wathi kuyise uSirayeli: “Yithi mayihambe nam le nkwenkwe, sinduluke kwangoku, siye kuthenga ukutya, ukuze thina neentsapho zethu singafi yindlala. 9Ukuba kukho nto yenzeka kuyo woyibuza apha kum. Ukuba andibuyanga nayo isaphila, ndiya kuthwala ityala bonke ubomi bam. 10Ukuba besingalibazisanga kangaka ngesiye sabuya, nditsho sada saphinda okwesibini.”
11Uyise wathi kubo: “Xa kunjalo ke kulungile, phathani ezona ziphambili izinto ezivela kulo mhlaba, nise kumphathiswa lowo. Thathani intwana yentlaka yokuqhola, ubusi, intlaka emhlope, amakha, neembotyi zepistako, kunye neeamangile. 12Ze niphathe nemali ngokuphindiweyo, kuba kufuneka niyibuyisele leya beniyifumene ezingxoweni zenu. Mhlawumbi yayifakwe ngempazamo. 13Hambani naye ke umntakwenu, niye kuloo ndoda. 14Wanga uThixo uSomandla angayenza mhlophe indlela yenu, ize loo ndoda inenzele inceba, imbuyisele kuni uBhenjamin nalaa mntakwenu useleyo. Ukuba mna kufuneka ndilahlekelwe ngabantwana bam, kulungile.”
15Bazithatha ke izipho oonyana bakhe kunye nemali eyaneleyo, bahamba baya eJiputa kunye noBhenjamin. Bafika bazazisa kuJosefu. 16UJosefu akubabona behamba noBhenjamin, wathi kwisicaka esiyintloko: “La madoda wase endlwini yam. Uze uxhele nokuxhela, khon' ukuze batye nam isidlo sasemini.” 17Senjenjalo ke isicaka ngokomyalelo kaJosefu.
18Ngeli xesha basiwa endlwini babesoyika, besithi: “Sibanjwa ngenxa yemali eyayifakwe ezingxoweni zethu. Uza kusihlasela, asibambe, sibe ngamakhoboka, athimbe needonki zethu.” 19Bathe ke, xa besesemnyango, babhekisa kwisicaka esiphetheyo, bathi: 20“Mhlekazi, bekhe seza kuthenga ukutya apha. 21Sithe sakumisa ngokuhlwa endleleni egodukayo, safumana loo mali besithenge ngayo isesezingxoweni zethu ngaphezulu. Size nayo ke loo mali. 22Siphethe nenye imali yokuthenga ukutya. Asazi ukuba yafakwa ngubani le mali ezingxoweni zethu.”
23“Khululekani, ningoyiki,” sitshilo isicaka. “Kunokuba loo mali yinyhweba evela kuThixo wenu, uThixo kayihlo. Mna ndayifumana intlawulo yenu.” Saza sakhupha uSimon, samzisa kubo.
24Sabangenisa endlwini kaJosefu isicaka. Sabanika amanzi, bahlamba iinyawo. Sapha needonki zabo into etyiwayo. 25Balungiselela ukunika uJosefu izipho ukufika kwakhe ngexesha lesidlo sasemini, kuba babesebexelelwe ukuba uza kutya kunye nabo. 26Akufika basa kuye izipho, bakhahlela, bawa ngobuso emhlabeni. 27Wababuza impilo, waza wathi: “Linjani na ixhego uyihlo enanindixelele ngaye? Usaphila na?”
28Bathi bona: “Mhlekazi, ubawo isicaka sakho, usaphila.” Batsho baguqa bezithoba phambi kwakhe.
29UJosefu uthe akubona uBhenjamin umninawa wakhe: “Ngulo mninawa wenu ke lo benithetha ngaye? Lwanga ufefe lukaThixo lunganawe, mfo wam.”
30UJosefu, esikwa yimfesane kukubona umninawa wakhe, ukhawuleze waphuma, waya kungena egumbini lakhe, kuba wayeseleza kulila. Wafika apho wakhe wagixa.
31Akuba ebuhlambile ubuso, ubuyile, wazibamba, wathi makuphakwe. 32Wayetyela etafileni yakhe yedwa, bona abantakwabo bekweyabo bodwa. NamaJiputa awayelapho ayesitya odwa, kuba kwakungekho sikweni ukutya kunye namaHebhere. 33Oonyana bakaYakobi babehleli kwitafile ejongene nekaJosefu, bebekwe ngokuzana kwabo. Bathe bakuyibona indlela ababekwe ngayo etafileni, bajongana bethe manga. 34Babesitya ukutya okuvela etafileni kaJosefu. UBhenjamin yena waphiwa kakhulu kunabanye, ephindwe kahlanu. Batya ke, basela kunye noJosefu, bada bamnandi.

Currently Selected:

EYEZIQALO 43: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy