YouVersion Logo
Search Icon

KUMAGALATI 6

6
Thwalisanani ubunzima
1Mawethu, ukuba kukho mntu nimbhaqe esona, nina balawulwa nguMoya mfakeni endleleni; kodwa loo nto niyenze ngobulali, nizilumkele nina ziqu, hleze nani nilingeke. 2Thwalisanani ubunzima; xa nenjenjalo ke nithobela umyalelo kaKrestu. 3Ukuba umntu uzicingela ukuba ubhetele, abe engento kodwa, uzikhohlisa nje ngokwakhe lowo. 4Umntu ngamnye makazivavanye ngokwakhe isimilo sakhe; andule ke azikhangele umngangatho akuwo ngokuzithelekisa yena siqu, nendawo afanele ukuba kuyo. Makangazilinganisi nomnye umntu. 5Kaloku wonke umntu unomthwalo wakhe ekufuneka awuthwale yedwa.
6Nawuphi na umntu ophantsi kwengqeqesho yelizwi likaThixo, umelwe kukwabelana nalowo umfundisayo ngeento zonke ezilungileyo anazo.
7Ningazikhohlisi! UThixo akanakwenziwa isidenge ngumntu. Umntu uya kuvuna kanye loo nto ayihlwayeleyo. 8Ukuba uhlwayela imbewu yesimo esidala, uya kuvuna ilahleko esa ekufeni; ukuba uhlwayela imbewu yesimo esitsha phantsi koMoya kaThixo, uya kuvuna indyebo esa kobona bomi bungenasiphelo. 9Masingadinwa ke kukwenza okulungileyo. Kuba xa sizingisa, lode lifike ixesha lokuvuna. 10Ngoko ke masisebenzele ukulungelwa komntu wonke, ngalo lonke ixesha esinethuba ngalo, ngokukodwa usapho lwamakholwa.
Isilumkiso sokugqibela nombuliso
11Niyawabona la magama makhulu? Kubhala mna ngoku, ngesandla sam. 12Ngabo baqhayisa ngezinto zembonakalo yangaphandle, abo baninyanzela ngokwaluka. Into abayifunayo kuphela kukuzama ukuphepha ukutshutshiswa ngenxa yomnqamlezo kaYesu Krestu. 13Kuba nkqu nabo balukayo abawuthobeli ncam umthetho; bafuna nje ukuba naluke ukuze baqhayise ngento yokuba nilenzile isiko – eliyinto nje yangaphandle! 14Kodwa mna, mandingaqhayisi nganto ingenguwo umnqamlezo weNkosi yethu uYesu Krestu; kuba ngalo mnqamlezo ihlabathi lifile kum, nam ndifile kulo. 15Nokuba umntu walukile, nokuba akalukanga, akunamsebenzi. Into ebalulekileyo kukuba yindalo entsha. 16Nabani na ohamba ngalo mgaqo ndimnqwenelela uxolo nenceba, kunye nalo lonke usapho lukaThixo – nguSirayeli omtsha ke lowo.
17Ndiphetha ngelithi: Mandingaphindi ndikhathazwe mntu, kuba iziva ezisemzimbeni wam zixela ukuba ndisisicaka sikaKrestu.
18Ubabalo lweNkosi yethu uYesu Krestu malube nani nonke, mawethu. *Amen.

Currently Selected:

KUMAGALATI 6: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy