YouVersion Logo
Search Icon

KWABASE-EFESE 1

1
Isingeniso
1Mna Pawulos, *umthunywa kaKrestu Yesu ngokuthanda kukaThixo, ndibhalela abantu bakaThixo [abahlala e-Efese,] abakholwayo kuYesu Krestu. 2Ndithi: Wanga uThixo uBawo wethu, neNkosi uYesu Krestu, anganenzela isisa, aniphe uxolo.
Iintsikelelo zabamanywe noKrestu
3Makabongwe uThixo, uYise weNkosi yethu uYesu Krestu osibabale ngazo zonke izipho zoMoya zasezulwini, sakuba simanywe noKrestu. 4UThixo wasinyula ngoKrestu kwangaphambi kokusekwa kwehlabathi, ukuze sibe ngabantu bakhe abangenasiphako ngenxa yothando. 5UThixo akuba ethandile wagqiba kwangaphambili ukuba asenze oonyana bakhe ncakasana ngoYesu Krestu. 6Ngoko ke masimdumise uThixo ngenxa yesisa sakhe esisodwa asenzele sona ngoNyana wakhe oyintanda!
7Sikhululwe sazixolelwa izono zethu ngegazi likaKrestu. Siyaphuphuma kuthi isisa 8asenzele sona uThixo ngokusazelelela. 9Kaloku kwakholeka kuThixo ukusityhilela icebo lakhe athande ukulifezekisa ngoKrestu. 10Eli cebo lithwasisa ukufezekiswa kwamaxesha ngenjongo yokubandakanya kuKrestu zonke izinto, ezisezulwini nezisemhlabeni. 11Ngenene sifumene isabelo selifa lethu ngokumanywa noKrestu. UThixo owenza zonke izinto ngokwezigqibo necebo lakhe wasinyulela elo lifa kwantlandlolo. 12Kuba kaloku yintando yakhe ukuba kuthi ngenxa yethu, thina sathembela kuKrestu kuqala, kuvakaliswe indumiso yesidima sakhe. 13Nani ke, nimanywe noKrestu nje, nizivile iindaba ezimnandi, ezichaza ngenyaniso yosindiso, nazamkela. Ke ngoko uThixo waniphawula ngoMoya oyiNgcwele owathenjiswayo. 14Lo Moya ke usisiqinisekiso selifa lethu esiya kulifumana lakufika ixesha lenkululeko yemilowo yakhe, ukuze kubongwe kudunyiswe isidima nesithozela sikaThixo!
Umthandazo kaPawulos
15Ngenxa yezi zinto ke, ndakuba ndivile ngokholo eninalo kuYesu iNkosi yethu, nangendlela eniluthanda ngayo lonke usapho lukaThixo, 16andiphezi ukumbulela uThixo ngenxa yenu, xa ndinikhumbulayo emthandazweni. 17Ndiyamcela uThixo weNkosi yethu uYesu Krestu, uSosidima, ukuba aniphe uMoya wobulumko, anityhilele uThixo, ukuze nimazi. 18Ndiyamcela ukuba anikhanyisele nibe nokuqonda, khon' ukuze nilazi ithemba anibizele kulo, niziqonde iintsikelelo ezingaka ezililifa lemilowo yakhe, 19nikuve ukongama kwawo amandla akhe ngakuthi, thina bathembele kuye. La mandla ikwangalawa 20wavusa ngawo uKrestu ekufeni, waza wamthwesa ubukhosi ezulwini. 21Ngenxa yobo bukhosi wongamele lonke ulawulo, negunya, nawo onke amandla nobukhosi. Ubukhosi bakhe bungaphezu kwawo onke amawonga obungangamsha nawo onke amagama anokukhankanywa kweli lizwe nakwelizayo. 22Izinto zonke uThixo uzibeke phantsi kolawulo lukaKrestu, waza wammisela wayintloko yezinto zonke ebandleni. 23Ibandla ke lingumzimba kaKrestu, liphuphuma bubukho bakhe lowo uphuphuma ubukho bukaThixo.

Currently Selected:

KWABASE-EFESE 1: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy