YouVersion Logo
Search Icon

KUMAGALATI 5

5
Yilondolozeni inkululeko yenu
1UKrestu wasikhulula ukuze sibe ngabantu abakhululekileyo mpela! Ngoko ke yimani ngxishi ningahexi, ningavumi ukuphindela kwidyokhwe yobukhoboka.
2Phulaphulani! Mna Pawulos ndithi kuni: Ukuba nithi ulwaluko luyimfuneko, loo nto ithetha ukuba uKrestu akaloncedo kuni mpela. 3Ndiyaphinda ndilumkisa wonke umntu ovuma ukwaluka ukuba uyanyanzeleka ukuba awuthobele wonke umthetho. 4Ukuba nifuna ukwamkeleka kuThixo ngokuthobela umthetho, nizahlukanisile noKrestu; ningaphandle kwesisa sikaThixo. 5Thina ke ngamandla oMoya asebenza ngokholo sinethemba, saye silindele ukulungiswa nguThixo. 6Kuba xa simanyene noKrestu, ukwaluka nokungaluki akubalulekanga, into ebalulekileyo lukholo olucaciswa luthando.
7Naniqhuba kakuhle kangaka nje! Ngubani ke ngoku oniyekisileyo ukuyithobela inyaniso? Uniqhathe kanjani? 8Loo nto ayenziwanga nguThixo lo unibizayo. 9Kaloku bathi: “Igwele elincinci liyinyusa yonke intlama.” 10Ukumanyana kwethu eNkosini kundenza ndinithembe ukuba aniyi kuhamba naluvo lulolunye. Naye loo mntu uniqunga-qungayo, nokuba ungubani na, uya kohlwaywa nguThixo.
11Mna ke, mawethu, ngaba ndisatshutshiselwa ntoni ukuba ndisashumayela ukuba ulwaluko luyimfuneko? Ukuba ibiyinyaniso loo nto, ukushumayela kwam umnqamlezo ngekungesiso isikhubekiso. 12Akwaba abo baniqunga-qungayo bebeya kusele beyihamba yonke loo ndlela, bazisike ngokwabo.
13Nina, mawethu, nibizelwe enkululekweni. Kodwa ke inkululeko yenu mayingabi lokroba lokuba nilawulwe sisimo esidala. Ndaweni yaloo nto khonzanani niqhutywa luthando. 14Kaloku umthetho xa uwonke ushwankathelwa ngomyalelo omnye othi: “Mthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo nawe.” 15Kodwa ke ukuba niyalwa niqwengane, lumkani hleze nitshabalalisane kuphele.
UMoya kaThixo nesimo somntu
16Nantsi ke into endithetha yona kuni: Ukuba nikhokelwa nguMoya kaThixo, aniyi kuzenza izinto ezinqwenelwa sisimo esidala. 17Kaloku ezo zinto zinxamnye nezifunwa nguMoya, ukanti nezifunwa nguMoya zinxamnye nezinqwenelwa sisimo esidala. Zizombini zichasene ngohlobo lokuba ningabi nako ukuzenza izinto enisukuba nifuna ukuzenza. 18Kodwa ke ukuba nikhokelwa nguMoya, anikho phantsi komthetho.
19Ke zona izinto ezibangwa sisimo esidala zicace mhlophe; nazi: ukurheletya, ukungcola, nobuhenyu; 20unqulo-zithixo, nobugqwirha; ubutshaba, imbambano, ubukhwele, iphuku, ukubawa, amayelenqe, nezahlukano; 21umona, ubunxila, nokuthanda iziyolo, njalo-njalo. Nangoku ke ndiyanilumkisa, njengoko besenditshilo ngaphambili, ukuba abo benza izinto ezinjengezi, soze babuxhamle ubuncwane bokulawulwa nguThixo.
22Nazi ke zona iziqhamo zoMoya: luthando, novuyo, noxolo; umonde, ububele, ukulunga, nentembeko; 23ubulali, nokuzeyisa. Awukho ke umthetho ochasa izinto ezinjengezi. 24Abo ke bamanywe noKrestu uYesu basibhangisile isimo esidala kunye neminqweno neenkanuko zaso. 25Ukuba ke sidla ubomi ngoMoya kaThixo, masilawulwe nguye ke. 26Masingazigwagwisi, sicaphukisana, simonelana.

Currently Selected:

KUMAGALATI 5: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy