YouVersion Logo
Search Icon

KUMAGALATI 4

4
1Lo mcimbi makhe ndiwubeke ngolu hlobo: Unyana oyindlamafa uphathwa njengesicaka lo gama aselula, nakuba zonke izinto zizezakhe. 2Uyagcinwa alungiselelwe yonke imicimbi yakhe kude kufike ixesha elimiswe nguyise. 3Nathi ke ngokuya besingekakhuli besiphantsi kwezithethe zabantu. 4Kodwa ke lithe lakuzaliseka ixesha, uThixo wamthumela uNyana wakhe. Weza ngokuzalwa ngumntu obhinqileyo, wazalelwa phantsi *komthetho kaMosis, 5ukuze ahlangule abo baphantsi komthetho, size thina sibe ngoonyana bakaThixo.
6Ukubonakalisa ukuba ningoonyana bakhe, uThixo unambese ngoMoya woNyana wakhe. Lowo ke ngulo Moya nidanduluka ngaye nithi: “Tata.” 7Ngoko ke anisezizo izicaka, koko ningoonyana. Ukuba ke ngoko ningoonyana bakhe, uThixo uya kunenza iindlamafa.
Ixhala likaPawulos ngamaGalati
8Mandulo, ngokuya naningamazi uThixo, nanibopheleleke kwizinto ezingenguye uThixo. 9Kodwa ngoku nimaziyo uThixo – gxebe, ngoku naziwayo nguThixo – kutheni ukuba niphindele kwezo zithethe zingento, ziphuthileyo? Ngani ukuba niphinde nizikhobokise ngazo? 10Ngoku senihlonipha iintsuku, neenyanga, namaxesha, neminyaka ethile! 11Ndisuka ndibe nexhala, hleze kuthi kanti ndifané ndabulaleka ngani.
12Ndiyanibongoza, mawethu, yibani njengam; kaloku nam ndikwanjengani. Zange nindone nganto. 13Niyazi ukuba ndandingenampilo ukuqala kwam ukushumayela iindaba ezimnandi apha kuni; kaloku ndandigula. 14Kodwa zange nindicekise okanye nindibukule, nangona ndandikwimeko enkenenkene kangako. Koko nandamkela ngendlela enaniya kusamkela ngayo isithunywa sikaThixo; nandamkela ngendlela enaniya kumamkela ngayo uYesu Krestu. 15Naninemincili kangaka nje! Konakele phi ngoku? Nam ngokwam ndiyangqina ndithi: Ukuba kwakunokwenzeka, ngenanikrolonqe nawenu amehlo nawanika mna. 16Ngaba kukuthetha kwam inyaniso oku kundenze ndalutshaba kuni?
17Aba bantu ndithetha ngabo bangathi banikhathalele, kanti ke iinjongo zabo azintle konke. Kuphela into abayifunayo kukunahlukanisa nam, khon' ukuze nibe ngamaphuth' ahlathi-nye nabo. 18Kuyinto entle ukuzixhamla komntu ngeenjongo ezilungileyo – ubunyaniso baloo nto buhlala buhleli nokuba andikho mna phakathi kwenu. 19Bantwana bam endibathandayo, ndiyaphinda ndiva intlungu kwakhona ngenxa yenu, kanye oku komfazi osikwa yinimba. Ndophumla sakwakheka isimilo sikaKrestu kuni. 20Andinqweni ngako ukunga ndingalapho kuni ngoku, khon' ukuze nive kwangelizwi eli lam ixhala endinalo; kaloku ndiyanoyikisela.
Umzekeliso ngoHagare noSara
21Mandikhe ndibuze kwabo bafuna ukuba phantsi *komthetho kaMosis: Aniyiva na into ethethwa ngumthetho? 22Umthetho uthi uAbraham wayenoonyana ababini; omnye wayengunyana wesicakazana esilikhoboka, omnye engunyana womfazi wekhaya. 23Lo nyana wesicakazana yena wazalwa ngendlela azalwa ngayo wonke umntu, kodwa yena unyana womfazi wekhaya wazalwa ngenxa yesithembiso sikaThixo. 24Ngumfanekiso nje lo: aba bafazi babini bafuzisela iminqophiso emibini; omnye (uHagare ukutsho) uvela entabeni yeSinayi, obantwana bazalelwa ebukhobokeni. 25UHagare ufuzisela intaba yeSinayi kwelama-Arabhu, ekwafanekisa le dolophu yaseJerusalem ikhoyo ngoku, esebukhobokeni nabemi bayo bonke. 26Eyasezulwini yona iJerusalem ezayo ikhululekile, yaye ingumama wethu. 27Kuba *iziBhalo zithi:
“Vuya, wena ludlolwazana!
Memelela ngemincili, wena ungazange wayiva inimba!
Kuba umfazi owalahlwa yindoda woba nabantwana abaninzi kunalowo uhlala nendoda yakhe.”
28Nina ke ngoku, mawethu, ningabantwana bakaThixo ngenxa yesithembiso, kanye njengokuba noIsake wayengumntwana wesithembiso. 29Ngelo xesha unyana owazalwa ngendlela eqhelekileyo wamtshutshisa unyana owazalwa ngamandla oMoya kaThixo; kusenjalo ke nangoku. 30Kodwa ke zithini iziBhalo? Zithi: “Sikhuphele ngaphandle isicakazana esilikhoboka kunye nonyana waso; kaloku unyana wesicakazana makangalidli ilifa nonyana womfazi wekhaya.” 31Ke thina, mawethu, asingobantwana besicakazana esilikhoboka, singabomfazi wekhaya, oko kukuthi singabakhululekileyo.

Currently Selected:

KUMAGALATI 4: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy