YouVersion Logo
Search Icon

UHEZEKILE 7

7
Sifikile isiphelo
1Ndeva ilizwi *likaNdikhoyo 2lisithi: “Mntundini, ithi iNkosi uNdikhoyo kwilizwe lakwaSirayeli:
“Isiphelo!
Isiphelo sifikile kwiimbombo zone zomhlaba!
3Mhlabandini, sifikile ngoku isiphelo sakho,
kwaye ndiza kukubasela ngomsindo wam;
ndiza kukugweba ngokwezenzo zakho,
ndiziphindezele ngenxa yamasikizi owenzileyo.
4Andiyi kuba naluvelwano,
ndingayi kuba nayo nenceba,
koko ndiya kukubuyekeza ngenxa yezenzo zakho,
uchanwe ngamanyundululu akho.
Uya kutsho uqonde ukuba ndinguNdikhoyo.
5“INkosi uNdikhoyo ithi:
“Intlekele!
Nants' intlekele!
Nants' ifikile!
6Isiphelo sifikile!
Isiphelo sigalelekile!
Siyakugragramela!
Ewe, sifikile!
7Intshabalalo igalelekile, mmindini weli lizwe.
Ixesha lixheshile!
Imini seyisondele;
endaweni yovuyo yidyudyu ezintabeni.
8Ndowukhuphela kuwe umsindo wam,
ndiyiphelisele kuwe ingqumbo yam;
ndiya kukohlwaya ngezenzo zakho,
ndikubuyekeze ngamanyundululu akho.
9Andiyi kuba naluvelwano,
ndingayi kuba nayo nenceba,
koko ndiya kukubuyekeza ngenxa yezenzo zakho,
uchanwe ngamanyundululu akho.
Uya kutsho uqonde ukuba ndim mna Ndikhoyo ogqebhayo.
10“Lufikile usuku!
Ewe, lufikile!
Intshabalalo ithe momfu;
intonga iqhakazile,
ikratshi lidubule!
11Ugonyamelo luyintonga yokohlwaya inkohlakalo;
akukho namnye oya kusinda –
nditsho nkqu ubutyebi,
nantoni na yexabiso.
12“Ixesha lixheshile;
imini ifikile!
Phantsi imincili kumthengi,
umthengisi angabi lusizi,
kuba ingqumbo isifikele isihlwele.
13Umthengisi akayi kuwubuyiselwa umhlaba wakhe
nokuba usaphila nomthengi,
kuba awuzukujikwa umbono oxela intshabalalo yesihlwele.
Akukho namnye oya kuba nako ukusindisa ubomi bakhe,
kuba kaloku akukho namnye ungonanga.
14Bangade balivuthele ixilongo,
baxhobe bafe amacala,
kodwa akukho namnye oya kulilwa idabi,
kuba ingqumbo yam iphezu kwesihlwele siphela.
15“Likrele kongaphandle;
kongaphakathi ngubhubhani nendlala.
Abasemaphandleni baya kubulawa ngekrele;
abasesixekweni baya kubhuqwa yindlala nangubhubhani.
16Bonke abasindileyo basaba
baya kubalekela ezintabeni,
bekhala njengamahobe asezintlanjeni,
bekhala ngenxa yezono zabo.
17Ziya kuwa zonke izandla,
amadolo abe nengevane.
18Baya kunxiba amarhonya,
bagubhe kukoyika.
Baya kuba manyonywana,
bazixhwithe iinwele zabo.
19Baya kuyilahla ezitalatweni isiliva yabo,
igolide ifane nento emdaka.
Abayi kusindiswa yigolide nesiliva yabo
ngomhla wengqumbo kaNdikhoyo.
Abayi kuyidla xa belambile;
kaloku yiyo ebakhubekisileyo.
20Bebeqhayisa ngezihombo zabo ezimbeje-mbeje,
bezisebenzisa ekwenzeni *izithixo zabo ezinezothe *nemifanekiso engamasikizi.
Ngako oko ndiya kuziguqula
zibe njengento emdaka kubo.
21Ndiya kuzinika abasemzini,
zibe lixhoba labo;
ewe, zibe lixhoba lezikhohlakali zomhlaba,
zona ziya kuzixabhela.
22Ndoval' amehlo,
bayigqwalisele indawo yam endiyixabise kunene;
abaphangi bongena bayixabhele.
23“Lungisani amatyathanga,
kuba ilizwe lithe mome ligazi,
isixeko songanyelwe lugonyamelo.
24Ndiya kuza nezona zizwe zikhohlakeleyo,
zithimbe izindlu zabo;
ndiya kuliphelisa ikratshi labanamagunya,
neendawo zabo zonqulo ziya kuxabheleka.
25Lwakufika unxunguphalo,
baya kufuna uxolo,
lube lungafumaneki.
26Yoba yintlekele emva kwenye,
ibe ngamavuso ngamavuso.
Baya kufuna isikhokelo *kumshumayeli;
ibe ingasavakali ndawo imfundiso-mthetho yombingeleli,
amacebiso amadoda amakhulu anyamalale.
27“Iya kuzila ikumkani,
itshawe lincame mpela,
ziwe phantsi izandla zabemi belizwe.
Ndiya kubangcamlisa iindlela zabo;
ewe, ndibohlwaye ngomgangatho wabo.
Baya kuqonda ukuba ndinguNdikhoyo.”

Currently Selected:

UHEZEKILE 7: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy