YouVersion Logo
Search Icon

UHEZEKILE 6

6
Ukuchaswa konqulo-zithixo
1Ndeva ilizwi *likaNdikhoyo lisithi: 2“Mntundini, zikhangele iintaba zakwaSirayeli, ushumayele uzikhalimele, 3uthi: Zintabandini zakwaSirayeli, liveni izwi leNkosi uNdikhoyo. Ithi iNgangalala uNdikhoyo kwiintaba neenduli, iingxingwa neentlambo: Ndiza kunibetha ngemfazwe, ndizitshabalalise iindawo zenu zonqulo eziphakamileyo. 4Ndiza kuwadiliza amaqonga enu amadini, ndiwatyumze amaqonga enu eziqhumiso; ndiza kubatyakatya ngekrele abantu benu bawe phambi *kwezithixo zenu. 5Izidumbu zamaSirayeli ndiza kuzifumba phambi kwezithixo zawo, ndize amathambo awo ndiwasarhaze ajikeleze amaqonga enu. 6Nakuyiphi na indawo enimi kuyo izixeko ziya kutshatyalaliswa, zize iindawo zonqulo eziphakamileyo zidilizwe, khon' ukuze amaqonga enu amadini aqhekezwe, nezithixo zenu zityunyuzwe, namaqonga eziqhumiso achitha-chithwe, zide ziphele tu izinto ebenizenze ngezandla zenu. 7Abantu baya kugeqwa likrele phakathi kwenu, ukuze niqonde ukuba mna ndinguNdikhoyo.
8“Kodwa abanye ndiya kubasindisa, kuba bakho abaya kusaba lingabazuzi ikrele ngeli xesha nisarhazwe kwezinye izizwe namazwe. 9Ke abo bathe bengabathinjwa basinda, baya kukukhumbula ukukhathazeka kwam ngenxa yokungathembeki kwabo, ngokundinikela umva, benqwenela izithixo zabo. Baya kuzizonda ngenxa yobugwenxa babo nangawo onke amanyundululu abo. 10Baya kundazi ukuba mna ndinguNdikhoyo, andifananga ndabatyityimbisela umnwe ukuba ndiya kubahlisela esi sithwakumbe.
11“Ithi iNgangalala iNkosi uNdikhoyo: Betha ngesandla sakho, ungqishe ngonyawo, uthi: ‘Yeha!’ ngenxa yamanyundululu endlu kaSirayeli, kuba baya kufa ngekrele, ngendlala, nangobhubhani. 12Okude uya kufa ngobhubhani; okufutshane uya kufa ngekrele; othe wasinda uya kufa yindlala. Ndiya kwenjenjalo ke xa ndiwukhuphela kubo umsindo wam. 13Baya kundazi ukuba ndinguNdikhoyo xa bebona izidumbu zâbo bafe ngekrele zidunduluze phakathi kwezithixo namaqonga abo, nakuzo zonke iinduli eziphakamileyo, nasezincotsheni zeentaba, naphantsi kwemithi nemioki – apho babesenzela izithixo zabo iziqhumiso ezivumba limnandi. 14Ndiya kusolula isandla, umhlaba ndiwubharhise ukusuka ezantsi entlango kuye eDibla kumantla – nditsho kuzo zonke iindawo ezimiwe ngabo. Ewe, baya kundazi ukuba ndinguNdikhoyo.”

Currently Selected:

UHEZEKILE 6: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy