YouVersion Logo
Search Icon

UHEZEKILE 8

8
Unqulo-zithixo endlwini kaThixo
1Ngonyaka wesithandathu, ngosuku lwesihlanu kwinyanga yesithandathu, ndandihleli endlwini yam, amadoda amakhulu akwaJuda ethe qwelele phambi kwam, ndaza ndonganyelwa ngamandla eNkosi *uNdikhoyo. 2Ndajonga, ndaza ndabona into efana nomntu. Yayingathi ngumlilo ukusuka esinqeni kuhle; ukunyuka yayiqaqambe okwesinyithi esitshe sada sabomvu. 3Yolula loo nto yayingathi sisandla, yandithi hlasi ngesihlwitha. UMoya wanditsho ndaphakathi komhlaba nezulu, ndaza ngokombono kaThixo ndasiwa eJerusalem kwisango elingentla yeyona nkundla iphakathi apho kwakumi *isithixo esasixhokonxa ikhwele likaNdikhoyo.
4Apho phambi kwam ndabona ubuqaqawuli boThixo kaSirayeli obufana nqwa nobuya ndabuboniswa ethafeni. 5INkosi yathi kum: “Mntundini, khangela ngasentla.” Ndaza ndajonga, ndabona isithixo esixhokonxa ikhwele likaNdikhoyo simi kufuphi neqonga lamadini ngakwisango langentla.
6INkosi yathi kum: “Mntundini, uyayibona into abayenzayo – intlondi eyenziwa yindlu kaSirayeli apha, izinto eziza kundigxotha kwisibingelelo sam esisodwa? Kanti ke useza kubona nawona manyundululu.”
7Yaza yandibeka esangweni lenkundla. Ndajonga ndabona umngxuma eludongeni. 8Yathi ke kum: “Mntundini, ngoku ke gqobhoza eludongeni.” Nam ke ndagqobhoza, ndaza ndabona umnyango apho.
9Yathi kum: “Ngena ubone amanyundululu abawenzayo apha.” 10Ndaza ke ndangena, ndajonga, ndabona eludongeni kukrolwe imifanekiso yezilo ezirhubuluzayo nezilwanyana ezinezothe nazo zonke izithixo ezisuke zanqulwa yindlu kaSirayeli. 11Phambi kwazo kwakumi amashumi asixhenxe amadoda amakhulu endlu kaSirayeli, phakathi kwawo kukho uYazaniya unyana kaShafan. Nganye kuwo yayiphethe isitya esinesiqholo, kuso kunyuka umsi.
12Yathi kum iNkosi: “Mntundini, ukubonile okwenziwa ngamadoda amakhulu endlu kaSirayeli emnyameni? Yileyo naleyo isegumbini lesithixo sayo. Athi: ‘UNdikhoyo akasiboni; uNdikhoyo ulilahlile eli lizwe.’ ” 13INkosi iqhube yathi: “Uza kubabona besenza izinto ezinezothe ngaphezu kwezi.” 14Indise kwisango elingentla lendlu kaNdikhoyo, ndaza ndabona abafazi behleli bezilele isithixo uTamuzi. 15Ithe kum: “Uyayibona le nto, mntundini? Useza kubona amanyundululu angaphezu kwala.”
16Ngoku indingenise phakathi kweyona nkundla yendlu kaNdikhoyo. Ngakwisango phakathi kweqonga nendawo yokuhamba kwakukho malunga namashumi amabini anesihlanu amadoda. Ayeyifulathele indlu kaNdikhoyo, ejonge empumalanga, equbuda kwilanga lasempuma.
17Ithe kum: “Ukubonile oku, mntundini? Ngathi indlu kaJuda ayanelanga ngala manyundululu iwenzayo, ngoku izalise ilizwe lonke ngogonyamelo, indixhokonxa ngakumbi ukuze ndibe nomsindo. Babone ke aba bantu: nâbo bewangawangisa ngamasebe omdiliya ngasezimpumlweni zabo! 18Ngokwenene andiyi kuba nalusizi, ndingayi kubasindisa; baza kuthi shu yingqumbo yam. Nokuba sebede batsho ngenzwinini yesikhalo andiyi kuphulaphula.”

Currently Selected:

UHEZEKILE 8: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy