YouVersion Logo
Search Icon

UHEZEKILE 4

4
Umqondiso wokungqingwa kweJerusalem
1Wathi kum *uNdikhoyo: “Ngoku ke, mntundini, thatha isitena, usibeke phambi kwakho, uze uzobe isixeko saseJerusalem kuso. 2Wakugqiba uze usirhangqe ngezinto zokungqinga: yakha isithambeka sithi nca kuso, usijikeleze ngeekampu zamajoni, uze usirhangqe ngezigodo zokudiliza iindonga. 3Wakuba wenjenjalo uzuthathe intsimbi emcaba, uyibeke njengodonga phakathi kwakho nesixeko, ujike ujonge kuyo. Ngaloo ndlela ke uya kuba usingqingile isixeko. Le nto ke iya kuba ngumqondiso kwindlu kaSirayeli.
4“Ngoku ke ngqengqa ngecala lasekhohlo, ube ngokwenjenjalo usithabathele kuwe isono sendlu kaSirayeli. Esi sono ke siya kuba sesakho zonke iintsuku ulele ngecala. 5Ndikusikele iintsuku ezinani lilingana nenani leminyaka yokreqo lwendlu kaSirayeli. Ngoko ke uya kusithwala isono sayo iintsuku ezingamakhulu amathathu namashumi alithoba.
6“Wakuba ukufezile oku, uze uphinde ungqengqe, kodwa ngoku ngecala lasekunene, ube ngokwenjenjalo usithabathela kuwe isono sendlu kaJuda. Ndikusikele iintsuku ezingamashumi amane; usuku ngalunye lumele unyaka. 7Jika ujonge kwiJerusalem engqingiweyo, ukhomba-khomba oku komshumayeli. 8Mna ndiya kukubophelela ngeentsontelo, ukuze ungabi nako ukuguquka de ziphele iintsuku zokungqinga kwakho.
9“Thatha ingqolowa nerhasi, iimbotyi neelentile, imíleti nespeliti, uzigcine engqayini ukuze wenze ukutya ngazo. Uya kutya oku kutya ngeentsuku ezingamakhulu amathathu namashumi alithoba ulele ngecala. 10Uze wenze umlinganiselo onganeno nje kwekota yekhilogram yokutya omawukutye ngosuku ngamaxesha amiselweyo. 11Kwakhona uya kwenza umlinganiselo ongaphezulwana kwesiqingatha selitha yamanzi oya kuwasela ngamaxesha amiselweyo. 12Oku kutya kugcade ngomlilo wamalongwe omntu, abantu bejongile, ukutye ngokungathi utya iqebengwana lerhasi.”
13Waza wathi uNdikhoyo: “Baya kwenjenjalo abantu bakwaSirayeli ukudla ukutya okungcolileyo xa bephakathi kweentlanga endiya kubasarhaza phakathi kwazo.”
14Ndathi ke mna: “Makungabi njalo, Ngangalala Ndikhoyo! Mna andizange ndilenze isikizi elinje. Ebutsheni bam kude kube ngoku andizange ndiyitye inyama yento efileyo okanye eqwengwe ngamarhamncwa. Andizange ndayifaka kowam umlomo inyama engàtyiwayo.”
15“Kulungile ke,” utshilo. “Ndiyavuma ukuba isonka sakho usigcade ngomlilo wamalongwe enkomo endaweni yamalongwe omntu.”
16Waza wathi kum: “Mntundini, ndiza kukunqamla ukungena kokutya eJerusalem. Abantu baya kufumana umxhesho wokutya namanzi, bahlale exhaleni nasekumatshekeni. 17Ukutya namanzi aya kunqaba. Baya kukhamnqa xa omnye ejonge omnye; baya kungcungcutheka ngenxa yesono sabo.”

Currently Selected:

UHEZEKILE 4: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy