YouVersion Logo
Search Icon

UHEZEKILE 3

3
1Wathi: “Mntundini, yitye le nto uyifumeneyo, nditsho le ncwadi isongwayo, wandule uhambe uye kuthetha nendlu kaSirayeli.”
2Ndawuvula ke umlomo, wandinika incwadi esongwayo khon' ukuze ndiyitye. 3Waza wathi kum: “Mntundini, yitye le ncwadi ndikunika yona, uzalise umbilini wakho.” Nam ke ndayitya, yatsho yanencasa njengobusi emlonyeni wam.
4Waza wathi kum: “Mntundini, hamba uye kwindlu kaSirayeli, uthethe amazwi am kubo. 5Andikuthumi kubantu abantetho ingavakaliyo nabalwimi lunzima ukululandela, kodwa ndikuthuma kwindlu kaSirayeli. 6Ewe, andikuthumi ezintlangeni, zona zintetho ingavakaliyo nezilwimi lungalandelekiyo, ongasuka ungàyiva into eziyithethayo. Ngokwenene ukuba bendikuthume kuzo beziya kukuphulaphula. 7Kodwa indlu kaSirayeli ayivumi kuphulaphula, kuba ayifuni kundimamela. Kaloku yonke indlu kaSirayeli ilukhuni, inenkani. 8Nawe ndiza kukwenza ube nenkani, ube lukhuni njengabo. 9Ewe, ndiza kukwenza ube lukhuni njengelona litye lilukhuni; ube lukhuni ngaphezu kwelitye lenyengane. Musa ukoyika, ungòthuswa zizoyikiso zabo; kaloku bayindlu yabavukeli.”
10Waza wathi kum: “Mntundini, phulaphula kakuhle, uze uwagcine onke amazwi endiwathetha kuwe. 11Hamba ke ngoku, uye kumawenu angabathinjwa, uthi kuwo: ‘Itsho iNgangalala *enguNdikhoyo: ...’ Ewe, yitsho nokuba ayaphulaphula, okanye akaphulaphuli.”
12Wasuka uMoya wandifunqula, ndaza ndeva isandikazi sizongoma emva kwam: “Mabudunyiswe ubungangamsha bukaNdikhoyo ekhayeni lakhe!” 13Isandi sokukhuhlana kwamaphiko ezidalwa eziphilayo, nesandi samavili emi ngakuzo, yaba sisandikazi esizongomayo. 14Wasuka uMoya wandifunqula, wemka nam, ndemka ndijijitheka, ndikhathazekile, ndonganyelwe ngamandla kaNdikhoyo. 15Ndafika apho babehlala khona abathinjwa eTelabhibhi, kufuphi nomlambo iKebhare. Ndaya ndahlala phantsi phakathi kwabo iintsuku ezisixhenxe, ndikhwankqisiwe.
Isilumkiso kumaSirayeli
(Hez 33:1-9)
16Lafika kum ilizwi *likaNdikhoyo emva kweentsuku ezisixhenxe, lathi: 17“Mntundini, ndikwenze umlindi wendlu kaSirayeli; ngako oko ndiphulaphule, uze uwalumkise egameni lam. 18Xa ndisithi kumntu okhohlakeleyo: ‘Wena uza kufa,’ waza wena akwamlumkisa okanye akwamkhalimela ukuze ahlukane nobugwenxa khon' ukuze aphile, ngokwenene loo mntu ukhohlakeleyo uya kufa ngenxa yezono zakhe, kodwa ityala lokufa kwakhe ndolixhoma phezu kwakho. 19Kambe ukuba uthe wamlumkisa ngenxa yenkohlakalo yakhe, waza akajika kubutshijolo bakhe, úya kufa ngenxa yenkohlakalo yakhe, kodwa wena uya kusinda.
20“Kwakhona ukuba umntu olilungisa uthe waphambuka kubulungisa bakhe, wenza isono, ndaza ndambeka emngciphekweni, uya kufa. Ewe, ukuba akumnqandanga uya kufela isono sakhe, nemisebenzi yakhe yobulungisa ilityalwe. Ke lona ityala lokufa kwakhe ndolixhoma phezu kwakho. 21Kodwa ukuba uthe wamlumkisa umfo olilungisa ngesono asenzayo, waza wakuva, ngokwenene úya kudla ubomi, nawe ke usinde.”
22Amandla kaNdikhoyo andongamela ndiselapho, waza wathi kum: “Phakama, uhambe uye ethafeni, apho ndiza kuthetha nawe khona.” 23Nam ke ndaphakama, ndaya ethafeni. Babumi apho ubuqaqawuli bukaNdikhoyo bunjengobuqaqawuli endabubona phezu komlambo iKebhare, ndasuka ndacambalala.
24Wangena kum uMoya, wandimisa ngeenyawo. Wathetha nam wathi: “Hamba uye kuzivalela endlwini yakho. 25Wena, mntundini, baza kukubophelela ngeentsontelo, khon' ukuze ungabi nako ukuya kubo. 26Mna ke ulwimi lwakho ndiya kulwenza luthi nca enkalakahleni yomlomo wakho, ukuze ungakwazi ukuthetha ubakhalimele, kuba bangabantu abangabavukeli. 27Kodwa ndakuthetha nawe ndiya kuwuvula umlomo wakho. Uze ke uthi kubo: ‘Itsho iNgangalala *enguNdikhoyo: ...’ Ewe, uze utsho nokuba bayaphulaphula, okanye abaphulaphuli. Kaloku bayindlu yabadelelayo.”

Currently Selected:

UHEZEKILE 3: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy