YouVersion Logo
Search Icon

UHEZEKILE 37

37
Intlambo yamathambo omileyo
1Amandla *kaNdikhoyo andongamela, waza wandifunqula ngoMoya wakhe, wandibeka esizikithini sentlambo eyayizele ngamathambo. 2Wandijikelezisa phakathi kwawo, ndaza ndabona amathambo amaninzi ethe waca apho entlanjeni; ayesele ome nko. 3Waza wathi: “Mntundini, angaba saphila na la mathambo?”
Ndaphendula ndathi: “Nguwe owaziyo, Mhlekazi Ndikhoyo.”
4Wathi ke kum: “Shumayeza la mathambo, uthi kuwo: Mathambondini omileyo, yivani ilizwi likaNdikhoyo! 5Itsho iNkosi uNdikhoyo kula mathambo ukuthi: Ndiya kufaka umoya kuni ukuze nidle ubomi. 6Ndiya kunamathelisa imisipha kuni, ndigqume ngenyama, ndize ndinambathise ngolusu. Ndiya kunifaka umoya, nize nibe ngabaphilayo. Niya kutsho nazi ukuba ndinguNdikhoyo.”
7Ndashumayela ke njengoko ndandiyalelwe. Ndathi, ndisashumayela njalo, ndeva isandi esirhwashazayo, aza amathambo ahlangana, ithambo ladibana nelinye. 8Ndajonga kwaza kwavela imisipha nenyama kuwo, ambathiswa ngolusu, kodwa ayengekabi namoya.
9Waza wathi kum: “Shumayeza umoya; wushumayeze, mntundini, uthi kuwo: ‘Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Moyandini, yiza uvela kwimimoya yomine, uphefumlele abafe ngekrele, khon' ukuze babe ngabaphilayo.’ ” 10Ndashumayela ke njengoko endiyalela, waza umoya wangena kuwo, aba ngabaphilayo, avuka ema ngeenyawo – inyambalala yomkhosi.
11Wathi ke kum: “Mntundini, la mathambo yindlu kaSirayeli iphela. Ithi: ‘Amathambo ethu omile; ithemba lethu lidakile; kuphelile kuthi.’ 12Ke shumayela uthi kuyo: ‘Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Bantu bam, ndiza kuwavula amangcwaba enu, ndize ndinikhuphe kuwo. Ndiza kunibuyisela ezweni lakwaSirayeli. 13Niya kuqonda ke nina, bantu bam, ukuba ndinguNdikhoyo, xa ndiwavula amangcwaba enu, ndinikhupha kuwo. 14Ndiya kufaka uMoya wam kuni, ukuze niphile, ndize ndinibeke ezweni lenu. Niya kuqonda ukuba mna Ndikhoyo ndithethile ndenza, utsho uNdikhoyo.’ ”
Isizwe esinye phantsi kokumkani omnye
15Ndeva ilizwi *likaNdikhoyo lisithi: 16“Mntundini, thatha intonga, ubhale la mazwi kuyo: ‘EkaJuda namaSirayeli avana naye.’ Uze uthathe enye intonga, ubhale la mazwi kuyo: ‘Intonga kaEfrayim eyekaJosefu nayo yonke indlu kaSirayeli evana naye.’ 17Zidibanise zibe yintonga enye, zihlale zinjalo esandleni sakho.
18“Xa amawenu ekubuza esithi: ‘Akusichazeli na into ethethwa sesi senzo?’ 19yithi kubo: ‘Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Ndiza kuthatha intonga kaJosefu neyamaSirayeli avana naye esesandleni sikaEfrayim, ndiyidibanise nekaJuda, ndizenze zibe yintonga enye. Ziya kuba yintonga enye ke esandleni sam.’ 20Babonise iintonga obhale kuzo, 21uze uthi kubo: ‘Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Ndiya kuwaphuthuma amaSirayeli kwizizwe abalekele kuzo. Ndiya kuwaqokelela kuzo zonke iindawo, ndiwabuyisele ezweni lawo. 22Abantu bakwaSirayeli ndiya kubenza isizwe esinye elizweni, phezu kweentaba zikaSirayeli. Baya kulawulwa ngukumkani omnye, bengasokuze babuye babe zizizwe ezibini, okanye bahlulwa-hlulwe babe ziikumkani ezimbini. 23Abayi kuphinda bazingcolise *ngezithixo zabo ezingamasikizi okanye nangezinye izikreqo zabo, kuba ndiya kubahlangula bangabi sabuyela esonweni, ndibahlambulule. Baya kuba ngabantu bam, nam ndibe nguThixo wabo.
24“ ‘Isicaka sam uDavide siya kuba yikumkani yabo; xa bebonke baya kuba nomalusi omnye. Baya kuhamba ngokwemithetho yam, bayinyamekele imimiselo yam bayenze. 25Baya kuhlala elizweni endalabela isicaka sam uYakobi, ilizwe ababemi kulo ooyihlo. Baya kuhlala apho bona, nabantwana babo, nabantwana babantwana babo naphakade. UDavide isicaka sam uya kuba yinkosi yabo naphakade. 26Ndiya kwenza umnqophiso woxolo nabo; uya kuba ngumnqophiso wanaphakade. Ndiya kubazinzisa, ndibenze bande, ize isibingelelo sam sihlale phakathi kwabo naphakade. 27Ikhaya lam liya kuba phakathi kwabo; ndiya kuba nguThixo wabo, bona babe ngabantu bam. 28Ziya kwazi ke izizwe ukuba mna Ndikhoyo ndim omchongileyo uSirayeli, xa isibingelelo sam siphakathi kwabo ngonaphakade.’ ”

Currently Selected:

UHEZEKILE 37: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy