1
UHEZEKILE 37:4-5
IBHAYIBHILE
Wathi ke kum: “Shumayeza la mathambo, uthi kuwo: Mathambondini omileyo, yivani ilizwi likaNdikhoyo! Itsho iNkosi uNdikhoyo kula mathambo ukuthi: Ndiya kufaka umoya kuni ukuze nidle ubomi.
Compare
Explore UHEZEKILE 37:4-5
2
UHEZEKILE 37:6
Ndiya kunamathelisa imisipha kuni, ndigqume ngenyama, ndize ndinambathise ngolusu. Ndiya kunifaka umoya, nize nibe ngabaphilayo. Niya kutsho nazi ukuba ndinguNdikhoyo.”
Explore UHEZEKILE 37:6
3
UHEZEKILE 37:3
Waza wathi: “Mntundini, angaba saphila na la mathambo?” Ndaphendula ndathi: “Nguwe owaziyo, Mhlekazi Ndikhoyo.”
Explore UHEZEKILE 37:3
4
UHEZEKILE 37:1-2
Amandla *kaNdikhoyo andongamela, waza wandifunqula ngoMoya wakhe, wandibeka esizikithini sentlambo eyayizele ngamathambo. Wandijikelezisa phakathi kwawo, ndaza ndabona amathambo amaninzi ethe waca apho entlanjeni; ayesele ome nko.
Explore UHEZEKILE 37:1-2
5
UHEZEKILE 37:7-8
Ndashumayela ke njengoko ndandiyalelwe. Ndathi, ndisashumayela njalo, ndeva isandi esirhwashazayo, aza amathambo ahlangana, ithambo ladibana nelinye. Ndajonga kwaza kwavela imisipha nenyama kuwo, ambathiswa ngolusu, kodwa ayengekabi namoya.
Explore UHEZEKILE 37:7-8
YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy
Home
Bible
Plans
Videos