YouVersion Logo
Search Icon

UHLAZIYO-MNQOPHISO 17

17
1“Ungaze uNdikhoyo uThixo wakho umenzele idini ngenkomo okanye igusha enesiphako, kuba ilisikizi kuye into enjalo.
2“Xa uthe weva ukuba kwenye yeedolophu zenu kukho indoda okanye umfazi owenza ububi ngokutyeshela umnqophiso kaNdikhoyo uThixo wakho, 3akreqe akhonze *thixo bambi, okanye anqule ilanga, inyanga, noba ziinkwenkwezi – zinto ezo zinxamnye nomyalelo kaNdikhoyo – 4ingxelo enjalo uzuyiphande ude ubufumane ubunyani bayo. Ukuba yinyani ukuba ububi obunjalo buhlile kwaSirayeli, 5loo mntu ubenzileyo uzumthathe umkhuphele ngaphandle kwedolophu, umxulube ngamatye ade afe. 6Kambe ke angábulawa kuphela xa kukho abantu ababini nangaphezulu abanobu bungqina ngaye; kanti ke akanakubulawa ngobungqina bomntu omnye kuphela. 7Kananjalo abantu abaya kuphosa amatye okuqala ngamangqina lawo, aze ke alandelwe ngabo bonke abanye abantu. Ngaloo ndlela ke woba ubuncothule ububi phakathi kwenu.
8“Xa abalamli besoyiswa ngamatyala athile, nokuba ngawokwenzakalisa, ngaweembambano, okanye awokuhlasela, makaziswe kuloo ndawo yalathwe nguNdikhoyo uThixo wakho. 9Umcimbi lowo uzuwubhekise kubabingeleli babaLevi ngokunjalo nomlamli osesikhundleni ngelo thuba, bawuphicothe bawugwebe umcimbi. 10Bakuba bezivakalisile ke izimvo zabo uzuhambe ngazo, ungaphambuki nakancinane kuzo. 11Uzusamkele ke isigwebo sabo, uhambe ngokwemiqathango abakunike yona, ungaphumi ecaleni. 12Nabani na ongamthobeliyo umlamli okanye umbingeleli omisiweyo makabulawe, ukuze ngaloo ndlela buncothulwe ububi kwaSirayeli. 13Wonke ubani uya kuthi akuyiva loo nto atsho oyike, kungabi sabakho bani ungomnye uphinda enze into enjalo.”
Imimiselo mayela nokumkani
14“Wakuba ungenile wada wazinza kwelo lizwe uliphiwa *nguNdikhoyo uThixo wakho, uya kuthi: ‘Nathi masibe nokumkani kwanjengezinye izizwe ezisingqongileyo.’ 15Qinisekisa ke ukuba loo ndoda uyikhethela ukuba ibe ngukumkani yileyo inyulwe *nguNdikhoyo uThixo wakho. Umntu omawumkhethe ngumntwan' othuthu, ingabi yintlanga. 16Ke ukumkani lowo makangazifuneli mhlambi wamahashe ukomeleza umkhosi wakhe, angaze athumele abantu eJiputa ukuba baye kumthengela amahashe, kuba kaloku uNdikhoyo wayalela wathi: ‘AmaSirayeli makangaze abuyele eJiputa.’ 17Ukumkani makangabi nabafazi baninzi, kuba loo nto ingamenza akreqe kuNdikhoyo; kananjalo makangaziqwebeli butyebi basiliva nagolide.
18“Ukumkani lowo ke akungena esihlalweni sakhe makazenzele incwadi yomthetho ngokuthatha amazwi aleyo yamandulo igcinwe ngababingeleli bakwaLevi. 19Le ncwadi ke aze angahlukani nayo. Kubo bonke ubomi bakhe makahlale eyifunda, khon' ukuze afunde ukumhlonela uNdikhoyo uThixo wakhe, awathobele amazwi alo mthetho, ayenze imimiselo yawo. 20Le nto ke iya kumnceda, khon' ukuze angazenzi bhetele kunamawabo, angayityesheli nakancinane imiyalelo kaNdikhoyo. Ngaloo ndlela ke uya kulawula iminyaka emininzi, ngokunjalo nenzala yakhe iya kulawula kwaSirayeli izizukulwana ngezizukulwana.”

Currently Selected:

UHLAZIYO-MNQOPHISO 17: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy