YouVersion Logo
Search Icon

UHLAZIYO-MNQOPHISO 15

15
Unyaka wesixhenxe
(Nqulo 25:1-7)
1“Njalo ekupheleni konyaka wesixhenxe iya kuba lithuba lokucinywa kwamatyala. 2Le nto ke noyenza ngolu hlobo: Nabani na obeboleke uwabo ulutho kufuneka alicime elo tyala, angabi sayithatha loo nto, kuba lithuba lokucinywa kwamatyala elimiselwe *nguNdikhoyo. 3Yona into oyibanjwa yintlanga ungayibiza, kodwa oyibanjwa ngumwenu ungabi sayithatha. 4Ke yena uNdikhoyo uThixo wenu uya kunithamsanqela kwelo lizwe aninika lona, kangangokuba kungabikho namnye umntu olihlwempu, 5ukuba ngaba nithe namthobela nazinyamekela ukuzenza zonke izinto endiniyalele zona namhlanje. 6UNdikhoyo uThixo wenu uya kunithamsanqela ngokwesithembiso sakhe. Niya kuba nako ukubolekisa ezizweni, kodwa nina ngokwenu ningaboleki nto mntwini. Niya kuba namagunya phezu kwezizwe, kodwa nina akukho sizwe siya kuba namagunya phezu kwenu.
7“Kwelo lizwe aninika lona uNdikhoyo uThixo wenu, ukuba kuthe kwakho umwenu dolophini ithile osweleyo, uze ungavimbi usifinyeze isandla sakho, wale ukumnceda. 8Ndaweni yaloo nto uze ube nezinwe, umboleke umncede kangangoko eswele. 9Uze ungali ukumboleka into ngenxa yokuba sowukufuphi unyaka wokucinywa kwamatyala. Into enjalo yinkohlakalo; uze ungayivumeli ingene nokungena oku engqondweni yakho. Xa uthe wala ukumnceda, yena uya kubhenela kuNdikhoyo, uze ke wena ube netyala. 10Yiba nezinwe, umphe ungakrokri; ke yena uNdikhoyo uThixo wakho uya kukuthamsanqela kuyo yonke into oyenzayo. 11Baya kusoloko bekhona abahlelelekileyo; ngoko ke ndiyaniyala ukuba ze nibe nezinwe ngakumawenu nakwabahlelelekileyo namahlwempu apho kwelo lizwe lenu.”
Ukuphathwa kwamakhoboka
(Mfud 21:1-11)
12“Xa umwenu umHebhere okanye umHebherekazi ethe wathengiswa kuwe, walikhoboka lakho, aze akusebenzele iminyaka ibe mithandathu, uze umkhulule ngowesixhenxe. 13Ekumkhululeni kwakho ke, uze ungamndululi ungamnikanga nto. 14Uze ube nezinwe, umphe kwizinto othamsanqelwe ngazo *nguNdikhoyo uThixo wakho: iigusha, ingqolowa, newayini. 15Khumbula ukuba nawe wawukhe walikhoboka kwelaseJiputa, waza uNdikhoyo uThixo wakho wakukhulula. Kungoko ndikunika lo myalelo namhlanje.
16“Kambe ke xa ikhoboka lakho lisithi: ‘Andifuni kukhululeka ndikushiye,’ lisitsho kuba likuthanda, kuba lanelisekile nguwe nekhaya lakho, 17uze ulithathe ulise elucangweni lwendlu yakho, uligqoboze iindlebe ngenyatyhowa. Ngolo hlobo ke loba likhoboka lakho bonke ubomi balo. Yoba seso ke nakwikhoboka elibhinqileyo. 18Uze ungakhathazeki xa kufuneka ukhulule ikhoboka lakho; kaloku lona likusebenzele iminyaka emithandathu ngesiqingatha sexabiso obuya kulihlawula xa ubuliqeshile. Ukuba wenza ngale ndlela ke uNdikhoyo uThixo wakho uya kukuthamsanqela kuko konke okwenzayo.”
Amazibulo eenkomo neegusha
19“Onke amazibulo angamaduna eenkomo naweegusha ayinxaxheba *kaNdikhoyo uThixo wakho; ezi nkomo uze ungazisebenzisi, ngokunjalo neegusha ungazichebi. 20Minyaka le ke uya kuwathatha uye nawo kwindawo anqulelwa kuyo uNdikhoyo uThixo wakho, ufike uwaxhele uwatyele khona nosapho lwakho. 21Kambe ke xa kukho elinesiphako kula mazibulo, noba liyaqhwalela, mhlawumbi liyimfama, okanye linaso nasiphi na isiphako, uzungamenzeli idini ngalo uNdikhoyo uThixo wakho. 22Elinjalo ungalixhela ulityele ekhaya. Xa ninonke, nihlambulukile ningahlambulukanga, ningalitya kwanjengokuba nisitya inxala okanye imbabala. 23Kambe ke lona igazi lalo sukulitya, koko lichithe phantsi okwamanzi.”

Currently Selected:

UHLAZIYO-MNQOPHISO 15: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy