YouVersion Logo
Search Icon

UHLAZIYO-MNQOPHISO 14

14
Mayela nokuzila
1“Nina ningabantwana *bakaNdikhoyo uThixo wenu, ngoko ke ze ningaziqaphuli okanye nibe nendawo eniyichebayo entloko xa nizilela abangasekhoyo, njengoko zisenza ezinye iintlanga. 2Kaloku nina niyimilowo kaNdikhoyo ncakasana; kuzo zonke izizwe zehlabathi nina waninyula ukuba nibe libango lakhe. ”
Ezityiwayo nezingatyiwayo
(Nqulo 11:1-47)
3“Yonke into athi *uNdikhoyo lisikizi ze ningayityi. 4Nazi izinto enivumelekileyo ukuba nizitye: inkomo, igusha, ibhokwe, 5inxala, ibhadi, imbabala, itshabangqa, inqu, neula, 6naso nasiphi na isilwanyana esimpuphu zicandiweyo, futhi sisetyisa. 7Isilwanyana emasityiwe sesineempuphu ezicandiweyo, esetyisayo. Yona inkamela, umvundla, nembila, azityiwa. Zona azihlambulukanga, kuba ziyetyisa, kodwa iimpuphu zazo azicandwanga. 8Ngokunjalo nehagu ayityiwa, kuba nayo ayihlambulukanga; kaloku iimpuphu zayo zicandiwe, kodwa ayetyisi. Ezi zilwanyana ke ze ningazityi, futhi nezidumbu zazo ningaze nizichukumise.
9“Zonke iindidi zeentlanzi ezinamaphiko namaxolo ningazitya. 10Kambe ke yonke into ehlala emanzini ingenawo amaphiko namaxolo sanukuyitya, *inomlaza.
11“Zonke iintaka ezihlambulukileyo ningazitya. 12-18Kambe ke nazi ezingàtyiwayo: ukhozi, isikhova, ukhetshe, intambanane, untloyiya, ixhalanga, ihlungulu, inciniba, ingabangaba, ukhwalimanzi, udebeza, ingwamza, isihulu-hulu, ubhobhoyi, nelulwane – zonke ezi nezifana nazo. 19Zonke izinambuzane ezibhabhayo ezingahlambulukanga mazingatyiwa. 20Kambe ke ezihlambulukileyo ningazitya.
21“Isilwanyana esifileyo asityiwa. Kambe ke zona iintlanga eziphakathi kwenu zingasitya, okanye ningasithengisa nakubahambi. Ke nina niyimilowo kaNdikhoyo uThixo wenu – abantu bakhe ncakasana.
“Ningaze nipheke itakane ngobisi lukanina.”
Izishumi
22“Kufuneka nisibekele bucala isishumi – oko kukuthi isahlulo seshumi kuyo yonke imveliso yakho yamasimi minyaka le. 23Ngoko ke wosithatha isishumi eso, uye naso kulaa ndawo inyulwe *nguNdikhoyo uThixo wakho ukuze lizinze khona igama lakhe, usityele khona phambi kwakhe – noba yingqolowa, iwayini entsha, amafutha omnquma, okanye amazibulo enkomo noba ngawegusha. Le nto ke noyenza khon' ukuze nifunde ukuhlala nimhlonela uNdikhoyo uThixo wenu. 24Xa kunokwenzeka ukuba ithi kanti indawo leyo yonqulo ikude gqitha kumakhaya enu, ukuba nibe nako ukuthwala imveliso leyo anithamsanqele ngayo uNdikhoyo uThixo wenu, niye nayo kuyo, ze nenjenje: 25Yithengiseni imveliso leyo, nize nithathe imali leyo, niye nayo apho kwindawo yonqulo. 26Ze nifike nithenge ngayo nokuba yintoni na – ingayinkomo, igusha, iwayini, noba yenye into eselwayo, nantoni na eniyinqwenelayo. Nothi ke apho phambi koNdikhoyo uThixo wenu, nihlale kunye neentsapho zenu, nixhamle ezo zidlo nonwabile.
27“Ningaze nibalahle abaLevi abahlala phakathi kwenu; kaloku bona abanamhlaba. 28Njalo ekupheleni konyaka wesithathu, thathani isishumi semveliso yenu, nisigcine kwezo ndawo nihlala kuzo. 29Esi yoba sisabelo sabaLevi njengoko bengenamhlaba bona, ndawonye nabangeneleli, iinkedama, nabahlolokazi abahlala phakathi kwenu. Kofuneka beze bathathe batye banele. Le nto ke yenzeni khon' ukuze uNdikhoyo uThixo wenu anithamsanqele kuyo yonke into eniyenzayo.”

Currently Selected:

UHLAZIYO-MNQOPHISO 14: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy