YouVersion Logo
Search Icon

UHLAZIYO-MNQOPHISO 11

11
Ubungangamsha bukaNdikhoyo
1“Ngoko ke uze umthande uNdikhoyo uThixo wakho, ugcine isigxina sakhe, nemimiselo yakhe, nemigaqo nemiyalelo yakhe, nanini nanini. 2Khumbula kaloku ukuba yayingengabo abantwana benu abângcamla amava engqeqesho kaNdikhoyo uThixo wenu, nditsho ubukhulu bakhe, namandla akhe, nobungangamsha bakhe, 3nemiqondiso yakhe. Uzibonele ngokwakho izinto azenzileyo kukumkani wamaJiputa nelizwe lakhe liphela. 4Andithi na kaloku uyibonile indlela awuvuthulule ngayo umkhosi wamaJiputa ndawonye neenqwelo zawo zamahashe, xa wawunisukelisa, waza yena wawukhukulisa kuLwandle oluBomvu, nto leyo eyabatshabalalisa nya. 5Ngokunjalo yaziwa nini indlela anilondoloze ngayo entlango nada naza kufika kule ndawo. 6Nisazikhumbula izigigaba azenzileyo kuDatan noAbhiram oonyana bakaEliyabhi wendlu kaRubhen. Kaloku umhlaba wakhamisa wabaginya behleli, ndawonye neentsapho zabo, iintente zabo, nemfuyo yabo; yonke ke loo nto isenzeka amaSirayeli onke ekhangele. 7Ewe, ngenene nazibonela ngawenu amehlo zonke ezi zigigaba azenzileyo uNdikhoyo.”
Uyolo lwezwe ledinga
8“Ze niyithobele yonke imiyalelo endininike yona namhlanje. Xa niyenzile loo nto noba nawo amandla, niwele iJordan, ningene nilithathe elo lizwe niya kulo, libe lelenu. 9Niya kuzinza kwelo lizwe lendyebo wayebathembise ngalo ngesifungo uNdikhoyo ooyihlo-mkhulu ndawonye nenzala yabo. 10Kaloku eli lizwe niza kuma kulo alifani nelaseJiputa apho nivela khona. Kaloku apho nanihlwayela imbewu, nisebenza nzima ninkcenkceshela oku komntu onesitiya; 11kambe ke lona eli lizwe niza kungena kulo ngumhlaba weentaba neentili, ilizwe lemvula. 12Kaloku uNdikhoyo uThixo wenu eli lizwe ulikhathalele; ewe, uhlala elalusile unyaka wonke.
13“Ngoko ke yithobeleni le miyalelo ndininika yona namhlanje, nimthande uNdikhoyo uThixo wenu, nimkhonze ngengqondo yenu yonke nangomoya wenu wonke. 14Xa nisenjenjalo ke uNdikhoyo uthi: ‘Ndiya kuyinisa imvula ngamaxesha ayo – entlako-hlaza nasekwindla – khon' ukuze nivune ukudla okuziinkozo, iwayini, namafutha omnquma; 15ize nengca ibe ninzi, zihluthe iinkomo zenu; ngaloo ndlela ke nixhamle intlutha.’
16“Kambe ke lumkani, hleze niwexuleke, ninqule *thixo bambi. 17Xa ninokuyenza ke loo nto, uNdikhoyo angakhathazeka gqitha, atsho awavale amazulu, ingani imvula, nomhlaba ungavelisi nto, ke nina nikhawuleze nitshabalale kanye apho kwelo lizwe lihle kunene aninike lona uNdikhoyo.
18“Ngoko ke la mazwi ndininike wona ze niwalondoloze abe sezingqondweni zenu nasemoyeni wenu. Ze niwaqhinele ezandleni abe ngumqondiso, ngokunjalo nasebunzi, khon' ukuze ahlale esisikhumbuzo. 19Ze niwafundise abantwana benu, nincokole ngawo xa nihleli ekhaya, ngokunjalo naxa niseluhambeni; nditsho xa nilalayo naxa nivukayo. 20Ze niwakrole emgubasini wezindlu, ngokunjalo nasemasangweni enu. 21Xa niyenzile ke loo nto, nozinza, nina nenzala yenu, kwelo lizwe wayebathembise ngalo oyihlo-mkhulu ngesifungo uNdikhoyo uThixo wenu. Ewe, niya kuma kulo nanini nanini sisekho nje isibhakabhaka phezu kwehlabathi.
22“Le miyalelo ndininike yona ze niyithobele ngenyameko; ze nimthande uNdikhoyo uThixo wenu, nibambelele kuye, nihambe ngendlela yakhe. 23Ke yena ekungeneni kwenu uya kuzidudula azigxothe zonke ezo zizwe, nize ke nina nohluthe umhlaba wezizwe ezikhulu nezomeleleyo kunani. 24Uya kuba ngowenu wonke umhlaba enithe nanyathela kuwo. Imida yenu iya kusuka ezantsi entlango ityhutyhumeze iyokutsho kwiintaba zeLebhanon ngasentla; empuma iya kuthatha kumlambo iEfrati iyokuthi xhaxhe ngolwandle ngasentshonalanga. 25Akukho bani uya kuba nako ukumelana nani. Naphi na apho nihamba khona kwelo lizwe, uNdikhoyo uThixo wenu uya kubarhwaqelisa banoyike abantu bakhona ngokwesithembiso sakhe.
26“Niyabona ke, ndithi khethani, kuba namhlanje ndibeka phambi kwenu ithamsanqa nesiqalekiso. 27Yoba lithamsanqa ukuba niyayithobela le miyalelo kaNdikhoyo uThixo wenu ndininika yona namhlanje, 28kambe ke yoba sisiqalekiso ukuba nithe anayithobela, koko natyekela bucala nanqula thixo bambi eningazange nabanqula ngaphambili. 29Akuba enifikisile uNdikhoyo uThixo wenu kweli lizwe niya kuma kulo, ze nithamsanqele phezu kwentaba iGerizim kanti ke niqalekise phezu kwentaba iEbhali. 30Ezi ntaba zimbini zisentshona kumlambo iJordan, kummandla wamaKanana ame kwintili yeJordan. Zingasentshona kude kufuphi nemioki yaseMore ngaseGiligali. 31Sekumbomvu niyiwele iJordan, ningene kwelo lizwe aninika lona uNdikhoyo uThixo wenu. Nakuba ningenile nema kulo ke, 32ze nincede niyithobele ngenyameko le mimiselo nale migaqo ndininike yona namhlanje.”

Currently Selected:

UHLAZIYO-MNQOPHISO 11: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy