YouVersion Logo
Search Icon

UHLAZIYO-MNQOPHISO 12

12
Indawo yokunqula
1“Nantsi imimiselo nemigaqo ekofuneka niyithobele ngalo lonke ixesha lokudla kwenu ubomi kwelo lizwe niliphiwa *nguNdikhoyo uThixo wooyihlo-mkhulu. 2Ze nizitshabalalise ziphele tu ezo ndawo zinqulela kuzo *oothixo bazo ezaa zizwe zalaa mhlaba niya kuwohlutha; nditsho ezisezintabeni eziphakamileyo, nezisezindulini, neziphantsi kwemithi eyokozelayo. 3Amaqonga azo ze niwadilize; ke zona iintsika zazo zamatye ze niziqhekeze zibe ziingceba. Imifanekiso yazo eqingqiweyo ka-Ashera isithixokazi sazo ze niyitshise; ngokunjalo neminye imifanekiso yazo eqingqiweyo ze niyinqunqe niyitshabalalise, acinywe amagama azo kwezo ndawo.
4“Nina ke uNdikhoyo uThixo wenu ze ningamkhonzi ngale ndlela zinqula ngayo ezo zizwe. 5Kumhlaba wenu uphela uNdikhoyo uya kukhetha indawo ibe nye qha apho liya kuzinza khona igama lakhe, ahlale khona, zize zithi ke zonke izindlu zenu zibuzise kuye khona. 6Apho ke niya kuwenzela khona amadini enu atshiswayo ndawonye nawaphi na amadini angamanye, nezishumi, iminikelo, nezipho enibhambathisa ngazo, ngokunjalo namazibulo eenkomo naweegusha. 7Apha phambi koNdikhoyo uThixo wenu onithamsanqelisayo nina neentsapho zenu niya kuxhamla ubuncwane bezinto enibulaleke ngazo.
8“Ngelo xesha ke ze ningenzi njengoko niqhele ukwenza ngako. Ukuza kuthi gaa ngoku benisenza okulungileyo emehlweni enu, 9kuba kaloku beningekangeni kwelo lizwe niliphiwa nguNdikhoyo uThixo wenu, apho niya kuphumla ngokonwaba khona. 10Nakuthi nakuyiwela iJordan, uNdikhoyo anivumele ningene kwelo lizwe, nime kulo. Uya kunigcina nikhuselekile ezintshabeni, nihlale ngenzolo. 11UNdikhoyo uThixo wenu uya kunyula indawo ibe nye apho liya kuzinza khona igama lakhe, ahlale khona. Zonke ke izinto endiniyalele ngazo nozisa khona: amadini atshiswayo namanye angawambi, izishumi neminikelo yemveliso yenu, ngokunjalo nezipho ezizodwa enibhambathisa ngazo kuNdikhoyo. 12Ze nonwabe ke apho phambi kwakhe ndawonye neentsapho nezicaka zenu kunye nabaLevi enihlala nabo, kuba kaloku bona ababelwanga mhlaba ungowabo njengani. 13Amadini atshiswayo akufuneki niwenzele naphi na apho nithanda khona, 14koko kufuneka niwenzele kuloo ndawo ayinyulileyo uNdikhoyo kumhlaba wenye yezindlu zenu. Amadini enu atshiswayo nowenzela kuloo ndawo kuphela, ngokunjalo ke nazo zonke izinto endiniyalele ukuba nizenze.
15“Kambe ke nikhululekile ukuba nixhele kwimfuyo yenu, niyixhelele naphi na apho nihlala khona. Ningatya kangangoko nithamsanqeliswa nguNdikhoyo. Xa ninonke abahlambulukileyo nabangahlambulukanga bangayitya inyama leyo kwanjengokuba nisenza kweyebhadi okanye inxala. 16Ke lona igazi ningaze nilitye, koko lichitheni phantsi oku kwamanzi. 17Into eniyinikela kuNdikhoyo mayingatyelwa apho nihlala khona; ngokunjalo nezishumi zengqolowa, iwayini entsha, namafutha omnquma, noba ngamazibulo eenkomo okanye aweegusha, nezipho enibhambathise ngazo kuNdikhoyo, okanye ezokuqhutywa yintliziyo, kanti ke nawuphi na umnikelo. 18Le minikelo kufuneka niyityele phambi koNdikhoyo uThixo wenu, kuloo ndawo ayinyulele ukuzinziswa kwegama lakhe. Yona ke mayityiwe nini nabantwana, izicaka ngokunjalo nabaLevi enihlala nabo, nikuxhamle ngokonwaba ukubulaleka kwenu. 19Ke bona abaLevi ningaze nibalahle nanini na xa nisahleli kwelo lizwe.
20“Uya kuthi ke uNdikhoyo uThixo wenu akuwandisa umhlaba wenu ngokwesithembiso sakhe, nixhele nitye inyama nanini na nifuna. 21Ukuba indawo leyo yonqulo ikude, ningaxhela kwimfuyo yenu, nityele apho emakhaya ngokuthanda kwenu ngokomyalelo kaNdikhoyo njengoko ndanichazelayo. 22Nabani na angayitya le nyama, ehlambulukile okanye engahlambulukanga, kwanjengokuba niyitya inyama yebhadi okanye eyenxala. 23Inyama emaningayityi yenegazi; kaloku ubomi busegazini, ibe ke akufuneki nitye inyama ndawonye nobomi. 24Ke lona igazi ningaze nilitye, koko lichitheni phantsi oku kwamanzi. 25Ukuba niyazikhwebula ekutyeni igazi uNdikhoyo uya kukholiseka nini, futhi ke kulunge kuni, ngokunjalo nakwizizukulwana zenu. 26Yonke into eninikela ngayo kuThixo, nezipho enibhambathise ngazo, ziseni kuloo ndawo uNdikhoyo ayinyulileyo. 27Nowanikela eqongeni likaNdikhoyo uThixo wenu amadini enu atshiswayo, inyama negazi. Igazi ze nilithulule apho ngaseqongeni, inyama yona niyitye. 28Nyamekani niyithobele le miyalelo ndininika yona, ukuze nilungelwe ndawonye nezizukulwana zenu, nanini nanini, kuba kaloku noba nisenza yonke into ngokusesikweni nangendlela emkholisayo uNdikhoyo uThixo wenu.”
Ingozi yokunqula izithixo
29“Niyabona ke, *uNdikhoyo uThixo wenu uya kuzitshabalalisa ezi zizwe xa ningenayo emhlabeni wazo, ke nina ningene nime kuwo. 30Akuba ezitshabalalisile ke uNdikhoyo ezi zizwe, lumkani ningangeni kumgibe wokubuzisa *ngoothixo bazo, nisithi: ‘Zibakhonza njani oothixo ezi zizwe, ukuze nathi senjenjalo?’ 31UNdikhoyo uThixo wenu ze ningamnquli ngeendlela ezibanqula ngayo oothixo bazo, kuba kaloku zona zinqula ngeendlela ezimanyumnyezi azicaphukelayo uNdikhoyo. Kaloku zona zide zitshise abantwana bazo emlilweni, zisenzela izithixo zazo amadini.
32“Konke endiniyalela kona kwenzeni ngokwelizwi lam, ningaphambuki nakancinane ngokusuka nandise okanye niphungule.

Currently Selected:

UHLAZIYO-MNQOPHISO 12: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy