YouVersion Logo
Search Icon

UHLAZIYO-MNQOPHISO 10

10
Umnqophiso uyahlaziywa
(Mfud 34:1-10)
1“Ngelo thuba ke *uNdikhoyo wandiyalela wathi: ‘Qingqa amanye amacwecwe amabini amatye, afane nalawa okuqala, uwenzele ityesi ngomthi. Nyuka intaba, uze kum, 2ukuze apho kuloo macwecwe ndibhale laa nto ndandiyibhale kulawa wawaphulayo, uze ke uwafake apho etyesini.’
3“Ke kaloku ndayenza ityesi leyo ngomngampunzi, ndaza ndaqingqa namanye amacwecwe amabini amatye afana nalawa okuqala, ndenyuka nawo apho entabeni. 4UNdikhoyo wabhala ke apho kuloo macwecwe kwalaa mazwi wayewabhale kulawa okuqala, imithetho elishumi leya wayenixelele yona ngokuya wayeselangatyeni lomlilo, mhla ngembizo entabeni. UNdikhoyo ke wawabuyisela kum amacwecwe lawo, 5ndaza ke ndehla nawo apho entabeni. Ngokomlomo kaNdikhoyo ke ndawafaka kulaa tyesi ndandiyenzile. Aselapho ke unanamhla.
6“AmaSirayeli ke anduluka apho kuloo maqula amaYakana, ajonga eMosera. UAron wafela apho ke, waza wangcwatywa, yona indawo yakhe yobubingeleli yathathwa ngunyana wakhe uElazare. 7Ukuphuma kwawo ke apho aya kugaleleka eGudegoda, aza agqithela eYotebhata, umhlaba owawunemisinga yamanzi. 8Ngelo xesha ke uNdikhoyo wabahlulela abaLevi umsebenzi wokulondoloza ityesi yomnqophiso, baququzelele *esibingelelweni sikaNdikhoyo, bathamsanqele egameni lakhe. Yimisebenzi leyo basayenzayo unangoku. 9Kungenxa yeso sizathu ke indlu kaLevi ingazange inikwe mhlaba ulilifa nje, njengezinye izindlu; ilifa layo yinkonzo kaNdikhoyo ngokwesithembiso sikaNdikhoyo uThixo wenu.
10“Nangesi ke isihlandlo, kwanjengesiya sokuqala, ndahlala apho entabeni amashumi amane eentsuku nobusuku bazo. Kwakhona ke uNdikhoyo wandiva kuba kwakungeyontando yakhe ukunitshabalalisa. 11Wathi ke kum uNdikhoyo: ‘Phakama uye kubakhokela abantu, khon' ukuze bangene balithathe elo lizwe ndibathembise ngalo ooyihlo ngesifungo.’ ”
UNdikhoyo makahlonelwe
12“Phulaphulani ke, maSirayeli, ingaba yintoni afuna niyenze *uNdikhoyo uThixo wenu? Ufuna nimhlonele, ningaphambuki endleleni yakhe. Ufuna nimthande, nimkhonze ngengqondo yenu yonke nangomoya wenu wonke, 13nithobele imiyalelo nemimiselo yakhe, le ndininika yona namhlanje ukuze kulunge kuni. 14Kaloku amazulu, nditsho amazulu awo amazulu, ngakaNdikhoyo uThixo wenu, nehlabathi lelakhe, ngokunjalo nako konke okukulo. 15Kambe ke uNdikhoyo ooyihlo wabathanda, wathi nca kubo, wanyula nina sizukulwana sabo kuzo zonke iintlanga, njengoko kusenjalo unanamhla. 16Ngoko ke mthobeleni ngomxhelo uNdikhoyo, nahlukane neenkani. 17Kaloku uNdikhoyo uThixo wenu nguThixo woothixo, iNkosi yeenkosi; nguThixo oyingangamsha; uyingangalala ehloniphekileyo engakhethi cala, ibe ke akanyobeki. 18Yena uyazikhusela iinkedama ndawonye nabahlolokazi. Nabangeneleli uyabathanda, ababonelele ngokutya nangempahla yokunxiba. 19Ngoko ke nani bathandeni abangeneleli, kuba nani nanikhe nangabasemzini kwelaseJiputa. 20Mhloneleni uNdikhoyo uThixo wenu, nimkhonze, nibambelele kuye, nifunge ngegama lakhe. 21Uyimbangi yokudumisa kwenu, unguThixo wenu; ibe ke nizibonele ngawenu amehlo izinto ezinkulu nezimangalisayo anenzela zona. 22Ukuya kwabo eJiputa ooyihlo-mkhulu babengamashumi asixhenxe kuphela. Kodwa ke ngoku uNdikhoyo uThixo wenu unandisile natsho nayinyambalala enjengeenkwenkwezi esibhakabhakeni. ”

Currently Selected:

UHLAZIYO-MNQOPHISO 10: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy