YouVersion Logo
Search Icon

UMSEBENZI WABATHUNYWA 5

5
UHananiya noSafira
1Ke kaloku kwakukho nendoda egama linguHananiya, umfazi wayo yena enguSafira. Bathengisa umhlaba wabo, 2baza inxalenye yemali leyo bayifumeneyo bayigcina, eseleyo ke bayizisa *kubathunywa. 3UPetros wabuza wathi: “Hananiya, kutheni ukuba umyeke uSathana alawule intliziyo yakho, akwenze uxokise uMoya oyiNgcwele ngokugcina inxalenye yemali oyifumeneyo ngomhlaba wakho? 4Umhlaba wakho ubungowakho phambi kokuba uwuthengise, nemali yawo ibiyeyakho emveni kokuba uwuthengisile. Kungani ke ukuba ufike kwisigqibo sokwenza into enje? Awuxokisanga mntu, uxokise uThixo.” 5Akuweva loo mazwi uHananiya wawa phantsi, wafa; baza bonke abayivayo loo nto bankwantya luloyiko. 6Bafika abafana, bawuthatha bawuthandela umzimba wakhe, baya kumngcwaba.
7Emva kweeyure ezintathu, yafika inkosikazi kaHananiya ingekayiva loo nto ihlileyo. 8Wabhekisa kuyo uPetros esithi: “Khawutsho, ingaba le yimali epheleleyo eniyizuze ngokuthengisa umhlaba wenu nomyeni wakho?”
Yaphendula yathi: “Ewe, iphelele.”
9Wayibuza wathi uPetros: “Kungani ukuba wena nendoda yakho nidibane ngokuvavanya uMoya weNkosi? Uyabona ke, abafana abavela kungcwaba indoda yakho nâbo emnyango, nawe lo baza kukuthatha bemke nawe.” 10Ngoko nangoko uSafira wawa ezinyaweni zakhe, wafa. Bangena abafana, bambona ukuba ufile, bamthatha baya kumngcwaba ecaleni komyeni wakhe. 11Xa lilonke ibandla nabo bonke abayivayo le nto bazaliswa kukunkwantya.
Imiqondiso nemimangaliso
12*Abathunywa benza imiqondiso nemimangaliso emininzi ebantwini. Bonke abakholwayo babehlangana eVarandeni kaSolomon. 13Abangakholwayo babengazibandakanyi nabo, nakuba kwakuthethwa kakuhle ngabo. 14Kuyo yonke loo nto kwabakho ihlokondiba lamadoda namakhosikazi azinikelayo eNkosini, laza longezeka inani labo. 15Baza abagulayo basiwa ezitalatweni, balaliswa ezibhedini nasemakhukweni, ukuze kuthi xa agqithayo uPetros isithunzi sakhe siwe phezu kwabanye. 16Izihlwele zabantu zazisiza, zivela kwiidolophu ezimelene neJerusalem, zizisa abagulayo nâbo babeneendimoni, baze baphile bonke.
Abathunywa bayatshutshiswa
17Umbingeleli omkhulu nabalingane bakhe, abo beqela *labaSadusi, babamonela *abathunywa, 18baza bababamba babafaka entolongweni. 19Kwangobo busuku isithunywa seNkosi sawavula amasango entolongo, sabakhokelela phandle abathunywa, sathi kubo: 20“Hambani niye *endlwini kaThixo, nibafundise yonke into abantu ngale ntlalo intsha.” 21Bevile ke abathunywa, bathi kwasekuseni bangena endlwini kaThixo, bafundisa.
Umbingeleli omkhulu nabalingane bakhe nabo bonke abadala bamaJuda, babiza intlanganiso epheleleyo *yeBhunga, baza bathumela entolongweni ukuba abathunywa beziswe phambi kwabo. 22Zifikile izigidimi azibafumananga abathunywa entolongweni; zabuya ke zeza kuxela entlanganisweni, zathi: 23“Intolongo siyifumene ivalwe ngokuqinileyo, nabalindi bewagcinile amasango, kodwa sakuwavula amasango, asifumananga mntu ngaphakathi.” 24Kwathi intloko yabalindi bendlu kaThixo nababingeleli abaziintloko bakuyiva le nto, baxakwa ukuba ngaba kuhle ntoni na kubathunywa. 25Kwafika ndoda ithile eyathi kubo: “Khangelani, amadoda ebeniwafake entolongweni nangaya efundisa abantu endlwini kaThixo!” 26Yasuka ke intloko yabalindi yahamba nabaphantsi kwayo, babaphuthuma abathunywa. Babaphatha kakuhle abathunywa, kuba besoyika hleze baxulutywe ngamatye ngabantu.
27Babazisa phambi kweBhunga abathunywa, waza umbingeleli omkhulu wabamangalela esithi: 28“Saninika imiyalelo engqongqo yokuba ningaphindi nifundise egameni lale ndoda; kodwa khanikhangele into eniyenzileyo! Imfundiso yenu niyisarhaze kule Jerusalem iphela; ngoku nifuna ukuxhoma ukufa kwayo phezu kwethu.”
29OoPetros baphendula bathi: “Asinakwenza nto yimbi; sifanele ukuthobela uThixo endaweni yabantu! 30UThixo woobawo bethu wamvusa uYesu ekufeni, ekubeni nina nambulalayo ngokumxhoma emnqamlezweni. 31UThixo wammisela ewongeni, wayiNkokheli noMsindisi wokunika amaSirayeli ithuba lokuguquka, aze axolelwe izono zawo. 32Thina noMoya oyiNgcwele osisipho sikaThixo kwabo bamthobelayo, singamangqina azo ezi zinto.”
33Akuweva la mazwi amalungu eBhunga avutha ngumsindo kangangokuba afuna ukuba babulawe abathunywa. 34Kodwa omnye wabo, *owayengumFarasi ogama linguGamaliyeli, owayengumchazi-mthetho ohloniphekileyo kubantu bonke, waphakama wayalela ukuba abathunywa khe bakhutshelwe phandle. 35Wabhekisa eBhungeni esithi: “MaSirayeli, yilumkeleni into eniyenzayo kula madoda. 36Ngaphambi koku kukhe kwavela uTuda ezenza uthile obalulekileyo, waza walandelwa ngamadoda akwisithuba samakhulu amane. Kodwa wafa, abalandeli bakhe bathi saa, waza naloo mbutho wakhe wafa. 37Emva koko kwavela uJuda umGalili, ngexesha lobalo, naye walandelwa ngabantu abaninzi, kodwa naye wafa, nabalandeli bakhe basarhaka. 38Ngokunjalo nakwesi isihlandlo musani ukuthatha manyathelo ngakula madoda. Wayekeni, kuba ukuba lo msebenzi wawo yinto nje yabantu uza kuphelela esithubeni; 39ukanti ukuba yinto evela kuThixo, aninako ukuwutshabalalisa. Endaweni yaloo nto ningazibhaqa nisilwa noThixo.”
IBhunga lalandela icebo likaGamaliyeli. 40Baza ke bababiza abathunywa, babayala ukuba bangaze baphinde bathethe ngegama likaYesu. Emva koko ke bakatswa abathunywa, baza bakhululwa. 41Abathunywa balishiya iBhunga elo benemincili, kuba uThixo ebafumanise befanelekile ukuba bahlazeke ngenxa yegama likaYesu. 42Bazingisa ke imihla yonke, endlwini kaThixo nasemakhayeni, ukufundisa nokushumayela iindaba ezimnandi ezingoYesu onguKrestu.

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy