YouVersion Logo
Search Icon

UMSEBENZI WABATHUNYWA 4

4
UPetros noYohane phambi kweBhunga
1Kwathi uPetros noYohane besathetha nabo abantu, kwafika ababingeleli nentloko yabalindi *bendlu kaThixo kunye *nabaSadusi. 2Babekhathazekile kuba aba *bathunywa babefundisa abantu ngokuvuka kukaYesu ekufeni, nto leyo yayiqinisekisa ukuba abafileyo baya kuvuka. 3Bababamba ke, babafaka entolongweni, ukuba balinde khona kude kube ngengomso, njengoko imini yayiselisangene. 4Uninzi lwâbo bayivayo imfundiso leyo lwakholwa, laza ke landa inani labo laya kumawaka amahlanu.
5Ngomhla olandelayo iinkokheli zamaJuda, nabadala, nabachazi-mthetho, bahlangana eJerusalem. 6YayingooAnas umbingeleli omkhulu, noKayafa, noYohane, noAlesandire, kwanabanye bendlu yombingeleli omkhulu, ababelapho. 7Babamisa phambi kwabo abathunywa, bababuza bathi: “Niyenze kanjani le nto? Gunya lini eli ninalo? Ligama likabani eli nisebenze ngalo?”
8UPetros, ezele nguMoya oyiNgcwele, wabaphendula wathi: “Ziphathamandla nani badala, 9xa namhlanje nisixoxisa ngesenzo esihle sokuphiliswa komntu osisiqhwala, 10nina ninamaSirayeli ewonke yazini le nto ke: Lo mntu umi apha phambi kwenu ephile qete, uphile ngenxa yegunya legama likaYesu Krestu waseNazarete. Lowo nina nambethelela emnqamlezweni; wamvusa ke yena uThixo. 11Lo Yesu ngulowo zithi *iziBhalo xa zithetha ngaye:
“ ‘Ilitye enalidelayo nina bakhi
laba lelona litye lesiseko.’
12“Usindiso lufumaneka ngaye kuphela, kuba akukho wumbi emhlabeni ogama uThixo alinike uluntu, esingasindiswa ngalo.”
13Amalungu *eBhunga amangaliswa kukubona ukungafihlisi kukaPetros noYohane, eqonda ukuba bangabantu nje abaqhelekileyo abangenamfundo. Baphawula nokuba babengamahlakani kaYesu. 14Kodwa babengenandlela yokuphikisana nabo, kuba indoda le yayiphilisiwe yayimi apho kunye noPetros noYohane. 15Babakhuphela ngaphandle kwendlu leyo yeBhunga, basala bona bexoxa bodwa. 16Babuzana besithi: “Singawathini la madoda? Wonke ubani apha eJerusalem uyazi ukuba lo mqondiso ungaqhelekanga wenziwe ngawo, sibe ke thina singenako ukuyiphika le nto. 17Ukuze ke inganwenwi le nto phakathi kwabantu, masibalumkise bangaze bathethe nakubani ngegama likaYesu.”
18Babangenisa kwakhona, baza babayala ukuba ze bangaphindi bathethe okanye bafundise ngegama likaYesu. 19UPetros noYohane bona baphendula bathi: “Zahluleleni nina ngokwenu ukuba kulunge kuphi na phambi koThixo; kukho ukwenza intando yenu, kukho nokwenza intando kaThixo. 20Thina asinakuyeka ukuthetha ngento esiyibone sayiva ngokwethu.” 21IBhunga labatyityimbisela umnwe, laza labakhulula. Alibanga nakroba lakubohlwaya, ngenxa yokoyika abantu, kuba babedumisa uThixo ngesi senzo. 22Kaloku le ndoda yaphiliswa ngalo mmangaliso yayingaphezu kwamashumi amane eminyaka ubudala.
Amakholwa athandazela ukomelezwa
23Bakuba bekhululwe uPetros noYohane babuyela kubahlobo babo, bababalisela okwathethwa kubo ngababingeleli abaziintloko bekunye nabadala. 24Bevile ke, bonke bathandaza ngamxhelo mnye, besithi: “Nkosi, Mdali wezulu nomhlaba nolwandle nazo zonke izinto ezilapho, 25uDavide, isicaka sakho, ukhokho wethu, eqhutywa nguMoya oyiNgcwele wathi:
“ ‘Kungani na iintlanga zisenza imbudumbudu nje?
Kungani na ukuba abantu benze amayelenqe azé nje?
26Iikumkani neziphathamandla zelizwe zahlangana,
zavukela iNkosi *noKrestu wayo!’
27“Kuba ngenene uHerode noPilato bahlangana kwesi sixeko kunye neentlanga, namaSirayeli, ngaye uYesu isiCaka sakho osinyulileyo, uMthanjiswa wakho. 28Bahlangana ukuze bakwenze konke owawuselukumisele ngegunya nentando yakho ukuba kuya kwenzeka. 29Kalokunje, Nkosi, zigqale izoyikiso zabo; thina zicaka zakho usenze siluthethe udaba lwakho ngesibindi. 30Philisa ngesandla sakho, unike amandla okuba imimangaliso nemiqondiso yenzeke ngegunya legama lesiCaka sakho osinyulileyo uYesu.”
31Bakuba begqibile ukuthandaza, indawo ababehlangene kuyo yazanya-zanyiswa. Bonke bazaliswa nguMoya oyiNgcwele, baza baluthetha udaba lukaThixo benobuganga.
Ukubonelelana kwamakholwa
32Ewonke amakholwa ayevana entliziyo-nye. Akukho bani wayekubanga oko anako, kuba babesabelana ngezinto zonke abanazo. 33*Abathunywa babezingisa ukungqina ngovuko lweNkosi uYesu, waza uThixo wabasikelela xa bebonke. 34Kwakungekho bani usweleyo phakathi kwabo. Ababenemihlaba nezindlu babethengisa ngazo, baze imali leyo bayifumeneyo 35beze nayo, bayinike abathunywa, ize yabelwe ulowo nalowo ngokweentswelo zakhe.
36UJosefu, *umLevi onkaba iseSipro, owathiywa ngabathunywa bathi nguBarnabha, uMthuthuzeli, 37wathengisa umhlaba wakhe, waza wayizisa imali leyo kubathunywa.

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy