YouVersion Logo
Search Icon

2 KASAMWELI 12

12
UNatan ukhalimela uDavide
1Ke kaloku *uNdikhoyo wathumela uNatan kuDavide. Efikile kuDavide uNatan wathi: “Mhlekazi, kwakha kwakho abafo ababini dolophini ithile. Omnye umfo wayesisityebi, omnye elihlwempu. 2Isityebi eso sasifuye iinkomo neegusha ezininzi. 3Ihlwempu lona lalingenanto ngaphandle nje kwetakane legusha elalilithengile. Walifuyela kwakhe lo mfo elo takane, londleka, likhulela phakathi kwabantwana bakhe. Wayelifunza kokwakhe ukutya, aliseze ngendebe yakhe, alisingathe. Lalifana nqwa nentombi yakhe kuye. 4Ngamini ithile laa mfo usisityebi wafikelwa lundwendwe. Ngenxa yomunyu lo mfo akazange athande kulihlinzela undwendwe kweyakhe imfuyo. Usuke waya kuthatha elaa takane lomfo olihlwempu, wenzela undwendwe lwakhe ngalo isidlo.”
5UDavide wavutha ngumsindo ngakuloo ndoda akuyiva loo nto, waqokela wenjenje, ebhekisa kuNatan: “Ehleni nje uNdikhoyo, inene, loo mntu wenze into enjalo ufanelwe kukufa; 6yaye ufanelwe kukuhlawuliswa ixabiso lelo takane ngokuphindwe kane, ngenxa yokuba enze ulunya olunje engenalo novelwano.”
7Ke uNatan wathi kuDavide: “Loo ndoda nguwe! Utsho uNdikhoyo uThixo kaSirayeli ukuthi: ‘Ndakuthambisa, ndakwenza ukumkani wamaSirayeli, ndakuhlangula esandleni sikaSawule. 8Ndakunika umzi wenkosi yakho, abafazi bayo ndabanikela esifubeni sakho, ndakwenza ukumkani wakwaSirayeli nakwaJuda. Kanti ke ukuba bezinganelanga ezo zinto ndakwenzela zona, bendingakongezayo. 9Khawutsho, ngani ukuba ulidele ilizwi likaNdikhoyo, khon' ukuze wenze okubi emehlweni akhe? U-Uriya umHeti umbulele ngekrele, wathatha umkakhe, wamenza umkakho. Ewe, umbulalise ngekrele lama-Amon. 10Kungokunje ikrele alisobe liphele ukudla kulo mzi wakho, kuba undidelile wada wathatha nomka-Uriya umHeti wamenza umfazi wakho.’ 11Utsho ke uNdikhoyo ukuthi: ‘Ndiza kukuvusela isihelegu sento kwalapha phakathi komzi wakho. Abafazi bakho ndiza kubanikela kosondeleyo kuwe, alale nabo kujongiwe, ilanga lihlabe umhlaba. 12Le nto ubuyenza ngasese wena, mna ndifuna yenziwe emini, ibonwa ngamaSirayeli onke.’ ”
13Ke uDavide wathi kuNatan: “Ewe, ndonile kuNdikhoyo.”
Uthe kuDavide uNatan: “UNdikhoyo usisusile isono sakho. Akuzi kufa. 14Kodwa ke, ngenxa yokuba iintshaba zikaNdikhoyo uzinike ithuba lokunyelisa ngenxa yale nto uyenzileyo, loo mntwana wakho uza kufa.” 15Emva koko ke usuke wahamba uNatan, wagoduka.
Ukubhubha komntwana kaDavide
*UNdikhoyo wamfaka isifo umntwana owamfumana ngomka-Uriya uDavide, wagula kakhulu. 16UDavide usuke wacela ukuba amphilise uThixo, wazila ukutya, wangena endlwini, waqungquluza emhlabeni bonke ubusuku. 17Amadoda amakhulu endlu yakhe aya kuye, efuna ukumvusa kuloo ndawo wayelele kuyo, suka akavuma yena, akafuna nokutya oku kunye nawo. 18Wasweleka loo mntwana ngosuku lwesixhenxe, zoyika ukumxelela izicaka zakhe ukuba loo mntwana akasekho, zatsho zisithi: “Singamxelela njani sithi: ‘Umntwana ufile’? Asinguye kanene lo ubengafuni nokuthetha oku nathi engekabhubhi nokubhubha lo mntwana? He bethu, akangesuke enze into embi efile nje umntwana?”
19Kodwa kuthe akuzibona zisebezelana izicaka, warhana uDavide ukuba lubhubhile olo sana. Uzibuzile ke wathi: “Kwenzeke ntoni? Ufile na umntwana?”
“Ewe, mhlekazi, ubhubhile,” zitshilo izicaka.
20Wavuka ke emhlabeni uDavide, wahlamba. Wathambisa, wanxiba ezinye izambatho, waya kungena endlwini kaNdikhoyo, wanqula. Usuke apho waya endlwini yakhe, wafika wacela into etyiwayo, watya akuba elungiselelwe. 21Izicaka zakhe zathi: “Mhlekazi, noko ke le uyenzayo asisayiqondi. Ube uzilile, ulila, uyenza loo nto usana lungekabhubhi. Ngoku luswelekileyo usana uyavuka utye nokutya!”
22Uphendule wathi: “Ewe, bendizila, ndilila ngokuya belusahleli usana, kuba bendisithi: ‘Ngubani owaziyo? Mhlawumbi uNdikhoyo angandenzela inceba, luphile olo sana.’ 23Ngoku ke usana lubhubhile; ke ndiza kuba sazilela ntoni ndingenakuluvusa nje? Ndim oza kuya apho lukhoyo; lona alunakuze luze kum.”
Ukuvela kukaSolomon
24Emva koko uDavide waya kuthuthuzela umkakhe uBhashebha, walala naye. Wazala umntwana oyinkwenkwe, wathi igama lakhe nguSolomon. Wayithanda loo nkwenkwana *uNdikhoyo, 25waza wathumela *umshumayeli uNatan ukuba aye kuthi igama layo nguYedidiya ngenxa yokuthandwa kwayo nguNdikhoyo.
Ukuthinjwa kweRabha nguDavide
(1 Gan 20:1-3)
26Ke kaloku uJowabhi wahlasela iRabha, ikomkhulu lama-Amon, wathimba umzi wakomkhulu. 27Emva koko uthumele izigidimi ukuba ziye kwazisa uDavide zithi: “Ndiyihlasele iRabha, ndawathimba namadama ayo anqatyisiweyo. 28Ngoku ke ukumkani kufuneka ahlanganise umkhosi, aze kusithatha isixeko, hleze ibe ndim osithimbayo, sibe sesam.”
29Wathatha wonke umkhosi wakhe ke uDavide, waya eRabha, wayihlasela, wayithimba. 30UDavide wasothula isithsaba esasisentloko yokumkani wama-Amon. Sasibunzima bumalunga namashumi amathathu anantlanu eekhilogram, senziwe ngegolide, sihonjiswe ngamatye axabisekileyo. Wasithweswa eso sithsaba uDavide. Wathatha amaxhoba amaninzi kweso sixeko, 31abemi balapho wabathatha wabafaka emsebenzini wokusarha, nowokumba, nokucanda, abanye besebenza kumaziko okwenza izitena. Wenjenjalo ke nakwabanye abemi bezixeko zama-Amon. Emva koko uDavide wabuyela eJerusalem kunye nomkhosi wakhe wonke.

Currently Selected:

2 KASAMWELI 12: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy