YouVersion Logo
Search Icon

2 YOOKUMKANI 4

4
Amafutha omhlolokazi
1Umhlolokazi othile, omyeni wayengomnye wabashumayeli, wakhalela uElisha esithi: “Umyeni wam ongasekhoyo, isicaka sakho, nawe uyamazi ukuba ebemhlonele *uNdikhoyo. Kambe ke ngoku engasekho umntu awayenetyala kuye ufuna ukuthimba amakhwenkwe am amabini abe ngamakhoboka.”
2UElisha wathi kuye: “Ndingakunceda kanjani ke? Khawutsho, unantoni endlwini yakho?”
Ke yena wathi: “Akukho nto sinayo isicakazana sakho esi ngaphandle kwengqayana yamafutha omnquma.”
3UElisha wathi: “Khawuhamba-hambe ujikeleze ebumelwaneni, ufune iingqayi ezingenanto, zingabi mbalwa, koko zibe ninzi. 4Wakuba uzifumene ke, ngena endlwini yakho noonyana bakho, nizivalele khona. Uze ke ugalele amafutha lawo kwezo ngqayi zonke. Yakuzala enye yibeke bucala.”
5Bahlukana ke, waza wazivalela noonyana bakhe apho endlwini. Bazizisa kuye iingqayi, waza ke yena wamana ezizalisa ngamafutha omnquma. 6Zithe ke zakuzala zonke, wabhekisa kunyana wakhe wathi: “Yiza nenye kwakhona.”
Kodwa ke yena wathi: “Ziphelile; akukho yimbi eseleyo.” Namafutha ke atsho aphela.
7Wahamba ke waya kuxelela umfo wakwaThixo owathi kuye: “Hamba uye kuthengisa loo mafutha, uhlawule amatyala akho. Aseleyo ke nophila ngawo, wena noonyana bakho.”
Ukuphiliswa konyana womShunemikazi
8Ngenye imini uElisha waya eShunem. Khona apho kwakukho mfazi uthile usisityebi owamcelayo ukuba angene endlwini yakhe afumane into etyiwayo. Ebesithi ke, xa adlulayo, aphambukele khona ukuba afumane into etyiwayo. 9Lo mfazi ke wathetha nendoda yakhe wathi: “Ndiyaqonda ukuba lo mfo umana engena apha ngumntu okhethekileyo wakwaThixo. 10Ngoko ke masimakhele igunjana apha phezu kwendlu yethu, kulo sibeke umandlalo, itafile, isitulo, nesibane, khon' ukuze athi xa efikile ahlale kulo.”
11Efikile ke ngenye imini uElisha, wangena apho kwelo gumbi lakhe, wangqengqa. 12Wathetha nehlakani lakhe uGehazi, wathi: “Khawubize lo mfazi womShunem eze apha.”
Wambiza ke, waza wafika wema phambi kwakhe. 13UElisha wathi kuGehazi: “Buza kuye uthi: ‘Njengoko usenzele yonke le nquleqhu nje, mna ke ndingakwenzela ntoni? Awungethandi ndikuthethele kukumkani okanye kwinjengele yomkhosi?’ ”
Ke yena wathi: “Hayi noko, ndihleli phakathi kwamawethu.”
14UElisha wathi: “Ngaba angenzelwa ntoni na?”
UGehazi wathi: “Ngathi akananyana, ibe ke nendoda yakhe seyikhulile.”
15UElisha wathi: “Mbize.”
Ngoko ke wambiza, waza wafika wema emnyango. 16UElisha wabhekisa kuye wathi: “Ngeli xesha kunyaka ozayo uya kuba usingathe unyana ezandleni zakho.”
Ke kaloku yena wathi: “Hayi, nkosi yam, mfo wakwaThixo, musa ukusikhohlisa isicakazana sakho.”
17Ewe, umfazi lowo ke wamitha, waza ke kunyaka olandelayo malunga nelo thuba wafumana unyana ngokwelizwi elalithethwe nguElisha.
18Akukhula ke umntwana lowo, ngamhla uthile waya kuyise owayesemasimini nabavuni. 19Wathi kuyise: “Intloko yam; intloko yam!”
Uyise ke wabhekisa kwisicaka sakhe, wathi: “Mthwale umse kunina.” 20Samthwala ke, samsa kunina, umntwana lowo wahlala njalo esingathiwe ngunina, kwada kwasemini, waza ke wasweleka. 21Ke unina wamthatha waya naye kwigumbi lomfo wakwaThixo, wafika wambeka emandlalweni wakhe, waza ke waluvala ucango waphuma.
22Ke wathetha nomyeni wakhe wathi: “Nceda utsho isicaka size nedonki apha; ndifuna ukuya kulaa mfo wakwaThixo ngoku, ndiphinde ndibuye.”
23Ke yena wabuza wathi: “Ngani ukuba uye kuye namhlanje? Inyanga ayikathwasi, ibe ingenguwo *noMhla woPhumlo.”
Umfazi waphendula wathi: “Sukukhathazeka.”
24Waza ke umfazi lowo wabeka isali edonkini, wathi kwisicaka: “Ndikhokele, ungacothi ngaphandle kokuba kutsho mna.” 25Ngoko ke waphuma waya kumfo wakwaThixo kwintaba iKarmele.
Umfo wakwaThixo wambona esemgama, waza wathetha nehlakani lakhe uGehazi, wathi: “Uyabona, nankuya umShunemikazi esiza! 26Yiya kumhlangabeza, ufike ubuze uthi: ‘Uphila njani? Usaphila umyeni wakho? Umntwana yena uphilile?’ ”
“Hayi noko konke nje kulungile,” waphendula watsho.
27Uthe ke akufika apho entabeni kumfo wakwaThixo wasuka wambamba ezinyaweni. Ke yena uGehazi wafuna ukumtyhiliza, kodwa ke umfo wakwaThixo wathi: “Hayi, myeke! Usengxakini ebuhlungu, kambe uNdikhoyo undifihlele, akandixelela ukuba kungenxa yantoni na.”
28Umfazi lowo wathi: “Ngaba ndakha ndamcela na umntwana kuwe, nkosi yam? Ndandingatshongo na ukuthi: ‘Musa ukundinika ilize lethemba’?”
29UElisha wabhekisa kuGehazi wathi: “Finyeza uxhabashe! Thatha induku yam, uhambe ngokukhawuleza, ubaleke. Umntu odibana naye ngendlela uze ungambulisi, nawe xa umntu ekubulisa, uze ungachithi ixesha ngempilo. Le nduku yam uze uyibeke phezu kobuso benkwenkwe leyo.”
30Kodwa ke unina womntwana wathi: “Ekho nje uNdikhoyo, ukho nje nawe, andiyi kuhamba ngaphandle kwakho.” Ngoko ke waphakama uElisha wamlandela.
31Ke kaloku uGehazi wabakhokela, wafika wabeka induku leyo phezu kobuso benkwenkwe, kodwa ke kwathi cwaka akwabikho kusabela. Ke uGehazi wajika wahlangabeza uElisha wamxelela esithi: “Laa nkwenkwe ayivuki tu.”
32Ekufikeni kwakhe ke uElisha kwelo khaya, wafumana inkwenkwe leyo isemandlalweni wakhe, iseliswelekile. 33Akufika ke wangena apho egumbini, waza waluvala ucango, basala bobabini, waza ke wathandaza uNdikhoyo. 34Ngoko ke wazolula apho phezu kwaloo nkwenkwe, yangumlomo emlonyeni, neliso elisweni, nezandla ezandleni. Kuthe ke kusenjalo, suka waya ufudumala ngokufudumala umzimba wenkwenkwe leyo. 35UElisha ke wakhe wayishiya, wahamba-hamba apho endlwini, waza ke waphinda wabuya wazolula apho phezu kwenkwenkwana. Ke inkwenkwe leyo yathimla kasixhenxe, yaza ke yawavula amehlo ayo.
36UElisha wayalela uGehazi wathi: “Khawubize umShunemikazi lowo!” Wambiza ke, kwathi akuba efikile wathi: “Thatha, nanko unyana wakho!” 37Wangena ke, wavova, waguqa emhlabeni. Waza ke wasuka wamthatha unyana wakhe lowo, waphuma.
Imbiza enokufa
38Ke uElisha wabuyela eGiligali. Ngelo thuba kwakukho imbalela kuloo ngingqi. Ke kaloku iqela labashumayeli lalihleli phambi kwakhe, waza wathi kwihlakani lakhe: “Thatha imbiza enkulu, uphekele aba bashumayeli isityu.”
39Omnye wâbo bashumayeli waphuma, waya emasimini, wafika waqokelela amathangazana. Wawaqokelela wawaqushula ngesondo lengubo yakhe. Akubuya ke wawanqunqela kuloo mbiza yesityu, nakuba kwakungekho mntu uwaziyo into ayiyo. 40Isityu eso ke saphakwa sanikwa loo madoda, kodwa ke athe xa aqalayo ukutya akhala athi: “Mfo wakwaThixo, ukufa kusembizeni!” Akaba nako ke ukusitya esi sityu.
41Ke uElisha wathi: “Ndiziseleni umgubo wengqolowa.” Wawuthatha ke, wawugalela apho embizeni, wathi: “Phakelani abantu batye.” Bakutya ke ukutya oko kungenasikhwa.
Ukudliswa kwabantu abalikhulu
42Ke kaloku kwafika umfo othile, evela eBhali-shalisha, ezisele umfo wakwaThixo izonka ezinerhasi ezimashumi mabini. Zazenziwe ngolibo lwerhasi. Kananjalo wayephethe nezikhwebu zolibo olo. UElisha wathi kuye: “Yipha abantu batye.”
43Kambe ke saphendula isicaka sathi: “Ndingathini ukubeka intwana engaka phambi kwabantu abalikhulu?”
Kodwa ke uElisha wathi: “Yipha abantu batye. Kaloku *uNdikhoyo uthi: ‘Baya kutya bade bakushiye.’ ” 44Wakuthatha ke wakunika abantu, baza batya bada bakushiya, ngokomlomo kaNdikhoyo.

Currently Selected:

2 YOOKUMKANI 4: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy