YouVersion Logo
Search Icon

2 YOOKUMKANI 5

5
Ukuphiliswa kukaNahaman
1Ke kaloku uNahaman wayeyinjengele yomkhosi wokumkani wakwa-Aram. Yayingumfo ohlonitshwayo noxatyisiweyo nayinkosi yakhe. Kaloku kwakungaye lowo ukuze *uNdikhoyo awaphe uloyiso ama-Aram. Wayelikroti lomfo, nto nje eneqhenqa. 2Ke iqela elithile lama-Aram laphuma lahlasela uSirayeli, laza lathimba ntombazana ithile, yaza ke yaya kusebenzela umka-Nahaman. 3Ke yona yathi apho kuloo mfazi: “Akwaba inkosi yam le ibingabonana *nomshumayeli okweliya laseSamariya! Ebengayiphilisayo kweli qhenqa layo.”
4UNahaman waya enkosini yakhe, wayibikela oko kuthethwe yintombazana yakwaSirayeli. 5Ke ukumkani wakwa-Aram wathi: “Kulungile, ungaya; ndokuphathisa neleta eya kukumkani wakwaSirayeli.” Wanduluka ke ngoko uNahaman ephethe amashumi amathathu amawaka esiliva, nesithandatu samawaka egolide, kunye neshumi lezambatho zokutshintsha ezenziwe ngelaphu elihle kunene. 6Loo leta wayisayo kukumkani wakwaSirayeli yayisithi: “Le leta ipheleka iphakathi lam uNahaman, endimthumela kuwe, khon' ukuze umnyange kwelo qhenqa lakhe.”
7Uthe ke asakuyifunda loo leta ukumkani wakwaSirayeli, suka wazikrazula izambatho zakhe esithi: “Ngaba ndinguThixo ngoku? Ndingabulala kakade, okanye ndiphilise? Ngani ke ukuba lo mfo andithumelele umntu ekufuneka anyangwe iqhenqa? Kucacile ukuba lo mfo uzama ukuqhwaya udushe!”
8Ke uElisha umfo wakwaThixo uthe akuva ukuba ukumkani wakwaSirayeli uzikrazule izambatho zakhe, wathumela kuye esithi: “Ngani ukuba ude ukrazule izambatho zakho? Loo mntu mthumele apha kum; uya kutsho aqonde ukuba ukho umshumayeli kwaSirayeli.” 9Ngoko ke uNahaman wahamba naloo mahashe, nezo nqwelo zakhe, waya kuma esangweni kwamshumayeli uElisha. 10UElisha wamthumelela isigidimi esithi: “Yiya emlanjeni iJordan, uhlambe kasixhenxe. Ulusu lwakho lobuyela kwimo yalo yangaphambili, uhlambuluke.”
11Kambe ke uNahaman wemka apho egqusha ngumsindo, esithi: “Mna bendicinga ukuba lo mfo uya kuphuma eze kum, akhe eme anqule igama likaNdikhoyo uThixo wakhe, futhi akhe awangawangise nangesandla kule ndawo, ukuze ke ndinyangeke. 12Kanti, ngaba akukho mlambo ngoku eDamasko? Ziye phi iAbhana neFarpare, imilambo yokwenyani edlula nawuphi na okwaSirayeli? Bendingehlambi khona ndihlambuluke?” Wajika, wahamba enomsindo.
13Ke zona izicaka zikaNahaman zaya kuye, zathi: “Nkosi, ukuba umshumayeli lowa ebethe yenza into enkulu kunale, ngaba ubungayi kuyenza na? Kukangakanani ke, nkosi, xa yena esithi: ‘Hlamba ukuze uhlambuluke’!” 14Ngoko ke uNahaman wehla waya eJordan, wafika wantywila khona kasixhenxe ngokwelizwi awayelixelelwe ngumfo wakwaThixo. Ngenene ke ulusu lwakhe lwahlaziyeka lwahlambuluka lwaba njengolomntwana.
15Ke kaloku uNahaman namaphakathi akhe lawo onke babuyela kumfo wakwaThixo. Wema phambi kwakhe wathi: “Ngoku ndiyaqonda ukuba akukho Thixo wumbi ehlabathini liphela ngaphandle kwalowo wakwaSirayeli! Ngoko ke nceda wamkele nasi isipho osinikwa sisicaka sakho!”
16Ke umshumayeli waphendula wathi: “Ekho nje uNdikhoyo, lo ndimkhonzayo, andisayi kwamkela nento le!” Ewe, wala kwaphela, nakuba wazamayo ukumcenga uNahaman.
17UNahaman waqhuba wenjenje: “Xa ke ungavumi ke, nkosi yam, mna ke ndiyakubongoza, mna sicaka sakho, mandiphiwe umhlaba ongumthwalo olingene iimeyile ezimbini, kuba kaloku mna sicaka sakho andisoze ndiphinde nditshise madini, ndenze naminikelo kuthixo ongomnye ngaphandle koNdikhoyo. 18Kodwa ke uNdikhoyo makandixolele mna sicaka sakho, ngenxa yale ndawo: kaloku kuza kuthi xa inkosi yam ingena kwisibingelelo sikaRimon, isiya kunqula khona, ide ibambelele nakule ngalo yam, nam kofuneka ndikhahlele. Ewe, into endiyicelayo kukuba ndithi xa ndinqula apho esibingelelweni sikaRimon, uNdikhoyo andixolele mna sicaka sakho ngaloo nto.”
19UElisha wathi kuye: “Hamba ngoxolo!”
Emzuzwini, uNahaman selehambe umgama othile, 20uGehazi ihlakani likaElisha, umfo wakwaThixo, wathetha yedwa wathi: “Hayi khona, inkosi yam le ide yagabadela ukumlungiselela oku lo mAram unguNahaman. Ingathini ukude ingathathi nomrhumo aze nawo lo? Hayi, suka; ekho nje uNdikhoyo, ndiza kumsukela, ukuze ndibe nento endiyifumanayo kuye!”
21Waxhabasha ke uGehazi emva koNahaman. Uthe uNahaman akumbona ebaleka esiza ngakuye, suka wehla enqwelweni yakhe wamhlangabeza. Wabuza wathi: “Ngaba akukho nto yonakeleyo na kodwa?”
22UGehazi uphendule wathi: “Hayi, akukho monakalo. Nto nje inkosi yam indithumile isithi: ‘Kukho bafana babini beqela labashumayeli abakhov' ukufika, bephuma kweleentaba lakwaEfrayim. Ngoko ke nceda ubaphe amawaka amathathu esiliva nezambatho ezibini zokutshintsha.’ ”
23UNahaman waphendula esithi: “Ewe, kukuwe; ungawafumana amawaka amathandathu esiliva.” Wacenga ke esithi uGehazi makawamkele, waza ke loo siliva wayifaka kwiingxowa ezimbini, wamnika nezo zambatho zibini zokutshintsha. Ke uNahaman loo mthwalo wawunikela kwizicaka ezibini, zamandulela uGehazi ziwuphethe. 24Akufika endulini uGehazi wawuthatha loo mthwalo apho kwizicaka, waya kuwubeka endlwini. Ke zona izicaka ezo wazindulula zemka. 25Kamva ke wangena waya kwinkosi yakhe uElisha.
UElisha wabuza ke wathi: “Uvela phi na, Gehazi?”
UGehazi waphendula wathi: “Hayi, nkosi yam, isicaka esi sakho asiveli ndawo!”
26Waza ke uElisha wathi kuye: “Andithi na kaloku umoya wam ubukunye nawe okuya laa ndoda ibisihla enqwelweni ikuhlangabeza? Uthi ngaba eli lixesha lokwamkela imali, okanye impahla, izinquma, izidiliya, imihlambi yeegusha neyeenkomo, okanye izicaka ezibhinqileyo nezingamadoda? 27Ngoko ke iqhenqa likaNahaman liya kuthi nca kuwe nakwisizukulwana sakho naphakade.”
Ewe, uGehazi wathi esimka apho kuElisha wayeseleneqhenqa, emhlophe qhwa oku kwephepha!

Currently Selected:

2 YOOKUMKANI 5: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy