YouVersion Logo
Search Icon

2 YOOKUMKANI 3

3
Uvukelo lweMowabhi
1UYoram, unyana ka-Ahabhi, waba ngukumkani wakwaSirayeli eSamariya kunyaka weshumi elinesibhozo wolawulo lukaYoshafati ukumkani wakwaJuda, walawula iminyaka elishumi elinambini. 2Ke kaloku wenza okubi emehlweni *kaNdikhoyo; noko ke akadanga afike kumgangatho kayise nonina. Walisusa ilitye likaBhali, elo lalenziwe nguyise. 3Kambe ke naye wabambelela kwizono zikaJerobhowam unyana kaNebhati, ezo wayemlukuhlele kuzo uSirayeli; ewe, naye akashenxanga kuzo.
4Ke kaloku uMesha ukumkani waseMowabhi wayefuye iigusha, erhuma kukumkani wakwaSirayeli ngekhulu lamawaka amatakane nangoboya beenkunzi zeegusha ezilikhulu lamawaka. 5Kambe ke akuba engasekho ukumkani uAhabhi, ukumkani waseMowabhi wamgwilikela ukumkani wakwaSirayeli. 6Ngoko ke ngelo thuba ukumkani uYoram waphuma eSamariya, wayiqokelela yonke imikhosi kaSirayeli. 7Waza ke wathumela kukumkani uYoshafati wakwaJuda esithi: “Ukumkani waseMowabhi undigwilikele. Awungebi nako na ke ukundixhasa silwe nayo iMowabhi?”
Ke uYoshafati wathi: “Kulungile, ndiyaya. Mna nawe sibanye; abantu bam ngabantu bakho, namahashe am ngamahashe akho.”
8Waza ke wathi: “Sovela ngaliphi na icala xa sibahlaselayo?”
UYoram waphendula ngelithi: “Ngentlango yase-Edom.”
9Waphuma ke ngoko ukumkani wakwaSirayeli, enokumkani wakwaJuda nowase-Edom. Emva kwendlela ejikelezayo yeentsuku ezisixhenxe umkhosi lowo waphelelwa ngamanzi, akwabikho nala emfuyo. 10Ke kaloku ukumkani wakwaSirayeli wathi: “Yini le, angathini uNdikhoyo ukuqokelela ookumkani abathathu aba, kanti uza kusuka abanikele esandleni samaMowabhi ngolu hlobo?”
11UYoshafati wathi: “Bekungasekho *mshumayeli kaNdikhoyo esingabuzisa kuNdikhoyo ngaye na apha?”
Ke igosa elithile lokumkani wakwaSirayeli laphendula lathi: “Ukhona apha uElisha, unyana kaShafati. Ngulowa wayelihlakani likaEliya.”
12UYoshafati wathi: “Nanko ke umntu onelizwi likaNdikhoyo!” Ngoko ke ukumkani wakwaSirayeli ekunye noYoshafati nokumkani wase-Edom behla baya kuye.
13Ke uElisha wathi kukumkani wakwaSirayeli: “Andinanto yakwenza nawe! Hamba wena uye kubashumayeli bakayihlo nonyoko!”
Waphendula ke ukumkani wakwaSirayeli wathi: “Hayi kaloku, nguNdikhoyo ngokwakhe osiqokeleleyo thina zikumkani sobathathu, wathi kanti uza kusinikela esandleni samaMowabhi.”
14Ke uElisha wathi: “Inene, ekho nje uNdikhoyo uSomandla, lo ndimkhonzayo, ukuba bekungeyiyo into yokuba ndihlonele ubukho bukakumkani uYoshafati wakwaJuda, ngendinganijongi nokunijonga, ndinganikhathalele futhi. 15Kodwa ke khawuze nomdlali wehapu.”
Uthe ke umdlali-hapu lowo akuyikhalisa, satsho saphezu koElisha isandla sikaNdikhoyo, 16waza wathi: “Utsho uNdikhoyo ukuthi: ‘Yenzani imisele kule ntili.’ 17Kuba kaloku uNdikhoyo uthi: ‘Akuyi kubakho moya namvula, kodwa yona intili le yophuphuma amanzi, uze ke wena neenkomo zakho nayo yonke imfuyo yakho ningawasweli amanzi okusela.’ 18Leyo ke yinto elula kuNdikhoyo; noMowabhi lowo womnikela esandleni senu. 19Zonke izixeko ezinqatyisiweyo kunye nezo zizezona zibalulekileyo niya kuzoyisa. Yonke imithi emihle niya kuyigawula, niyivingce yonke imithombo, namasimi endyebo onke niwonakalise ngamatye.”
20Ngentsasa elandelayo ke, ngexesha lokunikela amadini, kwaba sekunjalo: amanzi ayempompoza evela ngakwicala lakwaEdom! Ewe, yaba zizantyala-ntyala zamanzi.
21Ke amaMowabhi avile ukuba ookumkani aba beze kulwa nawo; ngoko ke aqokelela yonke into eyindoda, omncinci nomdala onako ukuxhoba ezemfazwe, aza emiswa emideni. 22Ukuvuka kwawo kusasa ilanga lalikhazimla emanzini. Ke kaloku ngaphesheya phaya kumaMowabhi amanzi lawo asuka angathi abomvu njengegazi. 23Athi: “Hayi bo, ligazi eliya! Ookumkani abaya fana balwe bodwa babulalana. Phakathi, maMowabhi! Amaxhoba ahlel' odwa!”
24Kodwa ke athi akufika ekampini yamaSirayeli amaMowabhi lawo, suka avuka amaSirayeli, alwa ada awasukela. Hayi ke, amaSirayeli alihlasela elo lamaMowabhi, akawabulala awaxhela. 25Azitshabalalisa iidolophu, aza kuloo masimi anendyebo yayileyo indoda yaphosa ilitye, yaza yaba lilitye nje kuloo masimi. Ayivingca imithombo, ayigawula nemithi emihle. YiKir-hareshete yodwa ekungazange kuchukunyiswe nelitye eli kuyo, kodwa nayo amadoda axhobe *ngeenkwitshi ayingqinga ayihlasela.
26Uthe ke akubona ukuba idabi limongamele ukumkani waseMowabhi, suka wathatha amakhulu asixhenxe amadoda alwa ngeentshuntshe, wazama ukutyhoboza aphumele kukumkani wase-Edom, kambe ke woyiswa nayile into. 27Ngoku ke wathatha unyana wakhe oyinkulu, eyayiza kuba ngukumkani xa yena engasekho, wenza ngaye idini elitshiswayo phezu kodonga lwesixeko eso. Ke kaloku amaSirayeli akhamnqa ngendlela engathethekiyo; aza ke ahlehla agoduka.

Currently Selected:

2 YOOKUMKANI 3: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy