YouVersion Logo
Search Icon

2 YOOKUMKANI 24

24
1Ngexesha lolawulo lukaJoyakim, ukumkani uNebhukadenezare waseBhabheli walihlasela elakwaJuda, waza uJoyakim waba phantsi kwakhe iminyaka emithathu. Phofu ke uJoyakim wabuya wamvukela uNebhukadenezare lowo. 2Kambe ke *uNdikhoyo wamthumelela ngeentshaba ezamhlaselayo, ingamaKaledi, nama-Aram, namaMowabhi, nama-Amon. Ezo ntshaba zazikho ukuze zimtshabalalise uJuda, ngokwelizwi likaNdikhoyo elavakaliswa zizicaka zakhe *abashumayeli. 3Ewe, ezi zinto uJuda zamhlela ngokomyalelo kaNdikhoyo, ukuze amgxothe phambi kwakhe ngenxa yezono nazo zonke izenzo ezazenziwe nguManase, 4ndawonye nelo gazi limsulwa waliphalazayo. Kaloku iJerusalem wayizalisa ngegazi labamsulwa, ngoko ke uNdikhoyo wayengazimiselanga ukumxolela.
5Ke ezinye zeziganeko zolawulo lukaJoyakim, kunye nemisebenzi yakhe nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaJuda. 6UJoyakim waya kuphumla kooyise. Esikhundleni sakhe kwangena unyana wakhe uJoyakin.
7Ukumkani waseJiputa akaphindanga aphume elizweni lakhe aye kuhlasela, kuba kaloku ukumkani waseBhabheli wawuthatha wonke umhlaba wakhe ukuqalela kumda waseJiputa kuye kuthi xhaxhe ngomlambo iEfrati.
UJoyakin ukumkani wakwaJuda
(2 Gan 36:9-10)
8UJoyakin waqala ukulawula eneminyaka elishumi elinesibhozo, waza walawula eJerusalem iinyanga ezintathu. Unina yayinguNehushta intombi kaElinatan waseJerusalem. 9Wênza okubi emehlweni *kaNdikhoyo kwanjengooyise.
10Ngelo xesha ke iingqwayi-ngqwayi zomkhosi zikakumkani uNebhukadenezare waseBhabheli zahlasela iJerusalem zayingqinga, 11waza ke nokumkani uNebhukadenezare weza ngokwakhe apho eJerusalem, ngoko ingqingiweyo ngumkhosi wakhe. 12Ke ukumkani wakwaJuda uJoyakin kunye nonina, nezicaka zakhe, izikhulu namagosa akhe, bebonke bazinikezela kukumkani waseBhabheli.
Ke kaloku kwathi kunyaka wesibhozo elawula ukumkani waseBhabheli wamthimba walibanjwa uJoyakin. 13Ke kaloku ngokomlomo kaNdikhoyo uNebhukadenezare wabufudusa bonke ubutyebi endlwini kaNdikhoyo nakoovimba basebhotwe, wazinqunqa zonke ezo zinto zegolide ezazenzelwe indlu kaNdikhoyo ngukumkani uSolomon wakwaSirayeli. 14Xa iyonke iJerusalem wayithimba: onke amaphakathi namadoda omkhosi, iingcibi namagcisa, bebonke yayilishumi lamawaka. Kuphela kwasala abona bantu bangamahlwempu kwaJuda.
15UNebhukadenezare wathimba uJoyakin waya naye eBhabheli. Kananjalo wafudusela apho eBhabheli unina kakumkani, nabafazi bakakumkani, namagosa akhe, kunye namadoda aphambili elizweni. 16Waya nawo eBhabheli wonke umkhosi – amawaka asixhenxe amadoda, nditsho amagorha, izinto ezilindele umayenzeke – kunye newaka leengcibi namagcisa. 17Ke ukumkani waseBhabheli wamisela uMataniya uyisekazi kaJoyakin wangukumkani esikhundleni sikaJoyakin. Igama lakhe elo lona walijika wathi nguZedekiya.
UZedekiya ukumkani wakwaJuda
(2 Gan 36:11-12; Jer 52:1-3a)
18Ukuqala kwakhe ukuba ngukumkani uZedekiya wayeneminyaka emashumi mabini ananye, waza ke walawula eJerusalem iminyaka elishumi elinanye. Unina yayinguHamutali intombi kaJeremiya waseLibhena. 19KwanjengoJoyakim naye wenza ububi emehlweni *kaNdikhoyo. 20Kungenxa yengqumbo kaNdikhoyo ukuba uJuda neJerusalem bahlelwe yile ntlekele, bade ekugqibeleni ke bagxothwa phambi kwakhe.
Ukuwa kweJerusalem
(2 Gan 36:13-21; Jer 52:3b-11)
UZedekiya wavukelana nokumkani waseBhabheli.

Currently Selected:

2 YOOKUMKANI 24: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy