YouVersion Logo
Search Icon

2 YOOKUMKANI 23

23
UJosiya uhlaziya umnqophiso
(2 Gan 34:3-7,29-33)
1Ke ukumkani uJosiya wawaqokelela onke amadoda amakhulu akwaJuda nawaseJerusalem. 2Wahamba waya endlwini *kaNdikhoyo kunye namadoda akwaJuda, nabantu baseJerusalem, ababingeleli nabashumayeli. Ewe, waqokelela umntu wonke, eqalela komncinci aye komdala. Wabafundela onke amazwi encwadi yomnqophiso, leyo yayifunyenwe endlwini kaNdikhoyo. 3Ukumkani wema ngasentsikeni, wawuhlaziya umnqophiso kunye noNdikhoyo, ethembisa ukulandela uNdikhoyo, ayithobele imiyalelo, imiqathango, nemimiselo yakhe, oko ekwenza ngomxhelo wakhe wonke, ngokwamazwi aloo mnqophiso wawubhalwe apho encwadini. Nabantu ke bathembisa bazibophelela apho emnqophisweni.
4Ukumkani wayalela umbingeleli omkhulu uHilekiya, nababingeleli abanganeno kwakhe, nabagcini-mnyango, ukuba bazisuse apho endlwini kaNdikhoyo zonke izinto ezazenzelwe uBhali noAshera neenkwenkwezi. Zonke ezo zinto wazitshisela ngaphandle kweJerusalem kwezo ntili zeKedron; ke lona uthuthu waluthatha walusa eBhetele. 5Wabadenda abo babingeleli banqula *izithixo, abo babemiselwe ngookumkani bakwaJuda ukuze benze iziqhumiso kwiindawo eziphakamileyo zonqulo kwiidolophu zakwaJuda, nakwezo zingqonge iJerusalem. Abo ke babesenzela uBhali iziqhumiso, besenzela ilanga, inyanga, nazo zonke iinkwenkwezi ezisesibhaka-bhakeni. 6Intsika ka-Ashera wayincothula endlwini kaNdikhoyo, wayisa kwintili yeKedron ngaphandle kweJerusalem, wayitshisela khona. Wayisila yaluthuli, waza olo thuli lwayo walusarhaza phezu kwamangcwaba abantu. 7Wawachitha amagumbi awayehlala amahenyu apho endlwini kaNdikhoyo, apho abafazi babezalukela khona iimpahla zika-Ashera.
8UJosiya wabaqokelela bonke ababingeleli kwiidolophu zakwaJuda, waza wazibhangisa iindawo eziphakamileyo zonqulo, eqalela eGebha, wathi xhaxhe ngeBheshebha, ndawo ezo babeqhumisa kuzo ababingeleli abo. Wazidiliza izibingelelo emasangweni phaya, ekungeneni kwisango likaYoshuwa unolali elingasekhohlo kwisango lesixeko. 9Nangona ababingeleli beendawo eziphakamileyo zonqulo babengasebenzi kwiqonga likaNdikhoyo eJerusalem, kodwa babesitya isonka esinganyuswanga kunye noogxa babo abangababingeleli.
10UJosiya wayibhangisa iTofeti eyayikwintili yeBhen-hinom, ukuze ingabi sasetyenziselwa ukwenzela uMoleki amadini ngabantwana. 11Apho esangweni elingena endlwini kaNdikhoyo wawasusa loo mahashe ayenikezelwe ngookumkani bakwaJuda elangeni. Ayesenkundleni ngakwigumbi legosa ekwakuthiwa nguNatan-meleki. Neenqwelo ezazinikezelwe kwilanga wazitshisa.
12Wawadiliza amaqonga awayakhiwe ngookumkani bakwaJuda ngaphezu kwegumbi eliphezulu lika-Ahazi, kunye naloo maqonga wawakhayo uManase kwiinkundla zombini zendlu kaNdikhoyo. Ewe, wawasusa wawadiliza ayimvuthuluka yenkunkuma awayiphosa kwintili yeKedron. 13Ke kaloku ukumkani wazixabhela neendawo eziphakamileyo zonqulo ezazikwimpuma yeJerusalem, ngezantsi kwenduli yomonakalo, ezo uSolomon ukumkani wamaSirayeli wayezakhele uAshtoreti isikizi lesithixokazi samaSidon, neendawo eziphakamileyo zonqulo zikaKemoshe, isikizi lesithixo samaMowabhi, nesikaMilikom isikizi lesithixo sama-Amon. 14UJosiya wazaphula iintsika zamatye, waza wazigawula iintsika zika-Ashera, waza ezo ndawo zazo wazigquma ngamathambo abantu.
15Walidiliza neqonga eliseBhetele, loo ndawo yonqulo yayenziwe nguJerobhowam unyana kaNebhati, lowo walukuhlela amaSirayeli esonweni, konke nje wakutshabalalisa, loo ndawo yonqulo wayitshisa wayisila yaluthuli, ngokunjalo nentsika ka-Ashera wayitshisa. 16UJosiya wakhangela ngapha nangapha waza wabona amangcwaba awayelapho kwelo thambeka, wathi makakhutshwe kuwo amathambo, waza wawatshisela eqongeni ukulixabhela ngokwelizwi likaNdikhoyo elavakaliswa ngumfo wakwaThixo owazixelayo kwangaphambili ezo zinto.
17Ukumkani wathi: “Elaa litye lengcwaba ndilibonayo lelikabani?”
Amadoda eso sixeko athi kuye: “Eliya lingcwaba lomfo wakwaThixo owayevela kwaJuda, waza waxela ezi zinto uzenzileyo mayela neli qonga laseBhetele.”
18Wathi: “Liyekeni ke; makungaze kubekho mntu uwachukumisayo amathambo akhe.” Ngoko ke bawayeka amathambo akhe kunye nalawo omshumayeli owayevela eSamariya.
19Kwanjengoko wenzayo eBhetele uJosiya wazisusa wazixabela zonke izibingelelo ezindaweni eziphakamileyo zonqulo, ezo zazakhiwe ngookumkani bakwaSirayeli kwiidolophu zaseSamariya, nto leyo eyawuxhokonxayo umsindo kaNdikhoyo. 20UJosiya wababulalela apho emaqongeni bonke ababingeleli bezo ndawo zonqulo, watshisa amathambo omntu kuloo maqonga. Waza ke wabuyela eJerusalem.
UJosiya umisela iPasika kwakhona
(2 Gan 35:1-19)
21Ke kaloku ukumkani wabanika umyalalelo bonke abantu othi: “Yenzani *iPasika *kaNdikhoyo uThixo wenu njengoko kubhaliweyo kule ncwadi yomnqophiso.” 22IPasika le ke yayingazange yenziwa, kwaukususela kwimihla yeenkokheli ezazikhokela uSirayeli, ingazange yenziwa nakwimihla yookumkani bakwaSirayeli, ngokunjalo nakweyâbo bakwaJuda. 23Kambe ke ngonyaka weshumi elinesibhozo kakumkani uJosiya yabhiyozelwa iPasika kaNdikhoyo eJerusalem.
Eminye imisebenzi kaJosiya
24Ngaphezu koko ke uJosiya wazibhangisa zonke izangoma namagqirha, nayo yonke imilonde-khaya nemifanekiso ezizithixo, nazo zonke izinto ezingamasikizi ezazifumaneka ezweni lakwaJuda naseJerusalem. Yonke ke loo nto wayenza efezekisa imiqathango yomthetho eyayibhalwe kuloo ncwadi yayifunyenwe ngumbingeleli uHilekiya endlwini kaNdikhoyo. 25Ngaphambili nasemva kwakhe uJosiya wayengazange abekho, engaphindanga wakhona, ukumkani owayezinikezele kuNdikhoyo njengaye, loo nto eyenza ngomxhelo wakhe uphela, nangamandla akhe, njengoko usitsho umthetho kaMosis.
26Nakuba kunjalo ke kodwa, yena uNdikhoyo akajikanga kwingcwangu yomsindo wakhe owawuvutha ngakuJuda, ngenxa yezinto awayemxhokonxe ngazo uManase. 27Ngoko ke uNdikhoyo wathi: “Ndiza kumgxotha phambi kwam uJuda kwanjengoko ndenzayo kuSirayeli; ewe, ndoyibukula iJerusalem, isixeko endasinyulayo, nditsho nkqu nayo le ndlu endandithethe ngayo ndathi: ‘Lohlala kuyo igama lam.’ ”
28Ke zona ezinye zeziganeko zolawulo lukaJosiya, nayo yonke imizabalazo yakhe, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaJuda.
Ukufa kukaJosiya
(2 Gan 35:20-27)
29Ke kaloku ngaloo mihla kakumkani uJosiya ukumkani waseJiputa uNeko wanyuka waya kuncedisa ukumkani waseAsiriya ngakumlambo iEfrati. Ukumkani uJosiya waphuma nomkhosi wakhe wamhlangabeza. Kodwa ke uNeko lowo wagagana naye eMegido, wamosela wafa. 30Ke amaphakathi akhe awuthatha umzimba kaJosiya apho eMegido, awuthwala ngenqwelo, aya nawo eJerusalem, afika amfaka engcwabeni lakhe. Abemi belizwe ke bathatha uYowahazi unyana kaJosiya, bamthambisa bammisela wangukumkani esikhundleni sikayise.
UYowahazi ukumkani wakwaJuda
(2 Gan 36:2-4)
31Ukuqala kwakhe ukulawula uYowahazi wayeneminyaka emashumi mabini anantathu, walawula apho eJerusalem iinyanga zantathu. Unina yayinguHamutali intombi kaJeremiya okhaya laliseLibhena. 32Naye wathatha ikhondo looyise-mkhulu ngokwenza okubi emehlweni kaNdikhoyo. 33Ukumkani waseJiputa uNeko wamkhonkxa ngamatyathanga eRibhela, umhlaba waseHamati, waza ke akabi nako ukulawula apho eJerusalem. Kananjalo uJuda wammisela irhafu yeekhilogram zesiliva ezimawaka mathathu makhulu mane, kunye neekhilogram zegolide ezimashumi mathathu anane.
34Ke kaloku ukumkani waseJiputa uNeko lowo wathatha unyana kaJosiya uEliyakim wammisela wangukumkani esikhundleni sikayise, igama lakhe elo walijika wathi nguJoyakim. Ke yena uYowahazi wamfudusela eJiputa, apho wafela khona. 35UJoyakim wayeyikhupha loo siliva naloo golide yayimiselwe ngukumkani waseJiputa. Loo mrhumo ke wawukhupha ngokurhafisa abantu belizwe lakhe, bekhupha isiliva negolide ngokwezinto abanazo.
UJoyakim ukumkani wakwaJuda
(2 Gan 36:5-8)
36UJoyakim waqalisa ukulawula eneminyaka emashumi mabini anantlanu, waza ke walawula eJerusalem iminyaka elishumi elinanye. Unina yayinguZebhida intombi kaPedaya waseRuma. 37Wênza okubi emehlweni *kaNdikhoyo; naye wathatha ikhondo looyise-mkhulu.

Currently Selected:

2 YOOKUMKANI 23: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy