YouVersion Logo
Search Icon

2 KWABASEKORINTE 8

8
Ukunikela kwamakholwa
1Ndithanda ukunazisa, mawethu, ngendlela esisebenze ngayo isisa sikaThixo kumabandla aseMakedoni. 2Balingeke ngokugqithisileyo, iinkathazo zibavela ngapha nangapha; kodwa naxa kunjalo, babenochulumacho olukwangako, baza banikela ngezandla ezingenamkhinkqi, nangona bona ngokwabo beswele. 3Ndiyaniqinisekisa ukuba banikele kangangoko babenako. Enyanisweni banikele nangaphezu kokuba benako, ngokuqhutywa ziintliziyo zabo. 4Bandincekelele bendicenga, befuna ukuba nenxaxheba kwilungelo lokupha abantu bakaThixo bakwaJuda. 5Banikele nangaphezu kokuba bendilindele mna! Baqale ngokunikela iziqu zabo eNkosini; baza ngokuvuma kukaThixo bazinikela bona ngokwabo nakum. 6Ngoko ke ndimcelile uTito, yena wawuqalayo lo msebenzi, ukuba awuqhube anincedise nide nilifeze eli phulo lomsebenzi wothando. 7Niphuphuma izinto zonke: ukholo, ukuthetha, nolwazi, ngolangazelelo eninalo lokunceda, kwanothando enisithanda ngalo. Ngoko ke ndingavuya xa ninokubonakalisa izinwe zenu kweli phulo lothando.
8Andinibekeli mthetho; nto nje ngokunikhuthaza ngomzekelo wabanye abantu, ndizama ukulola olwenu uthando. 9Kaloku niyasazi isisa seNkosi yethu uYesu Krestu; nangona wayesisityebi, kodwa wazenza ihlwempu ngenxa yenu, ukuze nina nibe zizityebi ngobuhlwempu bakhe.
10Nalu uluvo lwam kulo mcimbi: kubhetele ukuba niyigqibe ngoku loo nto nayiqala kunyaka ophelileyo. Anibanga ngabokuqala nje ekwenzeni kuphela, kodwa naba ngabokuqala nasekuboniseni ulangazelelo lokwenza. 11Ngoko ke ndithi: Phambili, nide niwufeze umsebenzi! Njengokuba nazimisela kwasekusungulweni kwawo, zimiseleni nide niwugqibe, ninikele kangangoko ninako. 12Ukuba ninolangazelelo, uThixo uyawamkela umnikelo wenu. Kaloku uThixo ufuna umntu aphe ngokobungakanani bezinto anazo, ingebubo obezinto angenazo.
13-14Andizami kuphungulela kuni umthwalo weengxaki zabanye, ngokunithwalisa umthwalo wabo. Kodwa njengoko nina nimi kakuhle ngoku, kulungile ukuba nibancede abo basweleyo, khon' ukuze xa nani nisweleyo banincede nabo. Ngale ndlela ke noba niphathana ngokufanayo, 15njengoko *neziBhalo zisitsho ukuthi:
“Lowo ubuthe kakhulu akagqithisanga,
nalowo ubuthe kancinci wanele.”
UTito nabalingane bakhe
16Ndiyambulela uThixo ngokwenza uTito abe nomdla kuni njengam. 17Akanelanga kusamkela nje isicelo sam, koko usuke wabonakalisa umdla ngangokude agqibe ngokwakhe ukuba uyeza kuni. 18Uza kukhatshwa ngomnye umwethu oxatyiswe kakhulu ngamabandla ngenxa yokuzishumayela kwakhe iindaba ezimnandi. 19Ngaphezu koko wanyulwa, wamiselwa ngamabandla ukuba ajikeleze kunye nam kweli phulo lothando sidumisa ngalo iNkosi nesiwubonakalisa ngalo umdla wethu wokunceda.
20Ndizamela ukuba kungabikho gxeke ngendlela endiwuphethe ngayo lo mcimbi weli phulo lingaka. 21Injongo yam kukuba ndingathembeki kuThixo kuphela, koko ndithenjwe nangabantu. 22Yiyo ke le nto ndimthuma kuni kunye nabanye. Yena ubesekuvavanyweni amaxesha ngamaxesha, ndamfumana enomdla ekuncediseni. Nanjengoko ekholisekile nini, usuke wanomdla ngakumbi ngoku. 23UTito yena ngumlingane endisebenza naye ekuncediseni nina. Amanye ke amakholwa ahamba naye, amele amabandla, eludumo kuKrestu. 24Bamkeleni ke ngezandla ezishushu, nibabelezele, ukuze onke amabandla aqonde ukuba bendingathethi nje xa bendiqhayisa ngani.

Currently Selected:

2 KWABASEKORINTE 8: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy